Deprecated: Return type of WP_Hook::current() should either be compatible with Iterator::current(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 482

Deprecated: Return type of WP_Hook::next() should either be compatible with Iterator::next(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 495

Deprecated: Return type of WP_Hook::key() should either be compatible with Iterator::key(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 508

Deprecated: Return type of WP_Hook::valid() should either be compatible with Iterator::valid(): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 521

Deprecated: Return type of WP_Hook::rewind() should either be compatible with Iterator::rewind(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 532

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetExists($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetExists(mixed $offset): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 424

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetGet($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetGet(mixed $offset): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 438

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetSet($offset, $value) should either be compatible with ArrayAccess::offsetSet(mixed $offset, mixed $value): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 452

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetUnset($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetUnset(mixed $offset): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 469
Iindaba zakutsha-nje – Page 4 – Stellenbosch University Language Centre

Category: Iindaba zakutsha-nje

Ibali elifikelelekayo kubantwana abaziZithulu nakubantwana abevayo

ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele leYunivesithi yaseStellenbosch liqalise iprojekthi ebandakanya ibali labantwana lokuba izithethi ezisencinci zeelwimi ezahlukeneyo, abasebenzisi abangabantwana boLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) kunye nabazali babo bangalonwabela kunye.

Olu luvo lusuka kumsebenzi owenziwe ngabazalanayo ababini baseBeljiyam, uFilip noHilde Verhelst, abaziZithulu. Bapapasha incwadi yabantwana, esihloko sithi Gebarentaal Redt, ngo-2013. Le ncwadi ihamba neDVD elwimimbini ezisisiDatshi noLwimi lweZandla lwesiDatshi ukubalisa ibali likaNoah, ingonyama encinci esiSithulu, eyathi yahamba yayokuntywila nomhlobo wayo onguAdam. Nangona esiva yena uAdam, bancedwa yinto yokokuba banakho ukusebenzisa ulwimi lwezandla xa kukho into engahambi kakuhle phantsi kwamanzi.

ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele lithenge amalungelo oguqulolwimi kule ncwadi kwaye liceba ukukhupha iseti yencwadi neDVD ngeelwimi ezintlanu zaseMzantsi Afrika. Inguqulelo yoMzantsi Afrika iza kwenza iintsapho zikwazi ukumamela kulwimi lweAfrikansi, lwesiNgesi, lwesiXhosa okanye olwesiZulu ngelixa zibukele ibali le-SASL. Kwakhona ababukeli baza kukwazi ukulilandela ibali elikule ncwadi, equlathe imifanekiso efanayo nenguqulelo yebali elenziwe lula ngokubaliswa kwiDVD.

UNjing. Frenette Southwood (usihlalo weSebe leZifundo zeeLwimi Jikelele) uthi banethemba lokukhupha isithathu sokuqala saloo mabali ngoSuku lweNcwadi lweHlabathi (ngomhla wama-23 kwekaTshazimpuzi). Abantu abanomdla bangaqhagamshelana nomhleli uVanessa Reyneke, ukuze bafumane iinkcukacha ezithe vetshe.

Eli Ziko leeLwimi lineetoliki ezimbini zeelwimi zokuthetha ngezandla ezitolikela abafundi abaziZithulu kwiFakhalathi yezeMfundo. Qhagamshelana no-Vicki malunga neenkcukacha ezithe vetshe ngotiliko lwe-SASL kule Yunivesithi.

 A story accessible to Deaf children and children who can hear

Xa lusilela unxibelelwano lwekhompyutha

Ayinakuba sisibaxo ukuthi uMzantsi Afrika wonke wawunethemba lokubona ukuphela kocimicimi wombane kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo. Ngelishwa ubuye ngamandla lo cimicimi kwinyanga yoKwindla kulo nyaka, kwaye ngoku simbona lo cimicimi esenziwa kumanqanaba angasentla kunangaphambili, ukuya kwiiyure ezingama-24. Oku kuthetha ukuba, emisebenzini kufuneka sisebenzise idatha yethu (ukuba ikhona inetwekhi yemobhayili) ukuze sithumele ii-imeyili – ngethemba lokuba iileptophu okanye iifowuni zethu aziyi kuphelelwa yibhetri – okanye silunqumamise lonke unxibelelwano ngelixa usacimile umbane; okudla ngokwenzeka kangangeeyure ezimbini nangaphezulu. Nangona kunjalo, ngethamsanqa zisekhona ezinye iindlela zokunxibelelana phandl’ apha ezingezizo ezombane, kwaye zikhangeleka zisebenza ngeyazo indlela.

Vuselela isakhono sakho sokunxibelelana uze usebenzise undalashe wendlela yokuncokola ubuso ngobuso nomntu okwisakhiwo esinye neso ukuso obusakumthumelela ii-imeyili ikakhulu kule veki. Kwiminyaka embalwa edlulileyo, iYunivesithi yaseCalifornia (i-UCLA) yafumanisa ukuba okukhona abantu abaninzi bezithanda iziskrini, kokukhona bengakwazi nangakumbi ukufunda izinto ezichukumisa imvakalelo. I-UCLA yathelekelela ukuba “abo bagcina esi sakhono baye baphumelele ngokuqinisekileyo kuyo nayiphi indawo abasebenza kuyo”. Ngeli lixa olu phononongo lujolise ekusebenzeni kwabantu abaminyaka yobudala ingaphantsana nje kwelishumi elinesithathu, akuyonto imbi ukuqinisekisa ukuba sisenakho ukuthetha, omnye komnye – ubuso ngobuso.

Enye indlela yonxibelelwano ejongelwe phantsi ngamaphetshana ancanyatheliswayo okubhala amanqakwana. Into eyaqala njengelinge elasilelayo lokwenza uhlobo olutsha lweglu ngo-1968, ngeminyaka yoo-1970 yaba lishishini lamaphetshana aqambileyo amthubi, asikwere nambonakalo ingenakungaqondwa. Isayikholojisti yebathengi (nedini encedisayo yakwiyunivesithi i-Sam Houston State University) uRandy Garner wafumanisa ukuba ukuthumela isicelo ngokusebenzisa iphetshana elincanyatheliswayo kwakunefuthe phantse ngokuphindwe kabini xa kuthelekiswa nesicelo esichwetheziweyo. UGarner ukholelwa ekubeni umyalezo obhalwe kwiphetshana elincanyatheliswayo iba ngathi kucelwa uncedo olukhethekileyo, nto leyo emenza lowo kucelwa kuye azive ebalulekile aze akulungele nangakumbi ukusithobela eso sicelo.

Yiba nethemba ke ngoko. Kuba kukho ubumnyama, oko akuthethi ukuba awunamandla. Nkqonkqozela umntu osebenza naye xa uphinde wasebumnyameni kwaye ufuna ukuncokola. Kanti sebenzisa amaphetshana ancanyatheliswayo!

When e- fails

Ingaba ubulwimi-ninzi bubonakala kanjani kwiYunivesithi yaseStellenbosch?

“Ukuthetha iilwimi ezininzi kwabantwana abaselula kubhentsisa ukukhuthaza nokuphuhlisa izakhono zokuqiqa, ukwazi ukusombulula iingxaki nokuqonda kwaba bantwana ukuntsonkatha nokwalamana kwezinto. Ebudaleni, ukuthetha iilwimi ezininzi kungalwa ukudodobala kwengqondo.” uNjing. Arnold Schoonwinkel, onguSekele-Nqununu (wokuFunda nokuFundisa) nguye ovule uSuku loLwimi lwalonyaka kule Yunivesithi ngala manqaku enkuthazo.

Ngowama-28 Septemba, Abafundi nabasebenzi abangama-75 bahlangana eSTIAS ukuze baxoxe ngomxholo walo nyaka woSuku loLwimi othi, ‘Multilingualism @ SU: Creating an enabling environment’(Ubulwimi-ninzi @ SU: Ukudala imeko eyakhayo). Olu suku lwalumiselwe ukuba ludala ithuba lokuba kuqhutyekwe ngokuqwalasela iintlobo ngeentlobo zamathuba akhoyo kwiyunivesithi enemvakalelo ngendlela ekusetyenzwa ngayo ubulwimi-zininzi. Kwimeko yentlalo kumaziko emfundo ephakamileyo, uNjing Schoonwinkel ucacise ngelokuba ubulwimi-ninzi budlala indima ekulweni neziganeko zobuhlanga, ukunyevulela abamanye amazwe nokunganyamezelani ngokwenkcubeko, kwaye lilinge elixabisekileyo ukukhangela iindlela ezingasetyenziswa ukukhuthaza ubulwimi-ninzi kwiimeko zemfundo nentlalo ekhampasini.       

Iingxoxo zamaqela amancinane zathi zanika ithuba amaqela aziintlobo ngeentlobo zabathathi-nxaxheba iqonga lokuacamnge ngokuxabiseka kobulwimi-ninzi nokuba ingadalwa njani imeko ekukhuthazayo oko. Imixholo emibini ephambili, othi ‘Multilingualism in Teaching and Learning Spaces’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuFunda nokuFundisa) nothi ‘Multilingualism in Social Space’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuHlala), ithe yasisikhokelo sezi ngxoxo. Imibuzo enzima yavela, enjengeyokuba kutheni sizikhathaza ngokusebenzisa iilwimi zabaligcutswana kwezemfundo, kwaye oku kuzivelisa njani eklasini? Impendulo eyavela kwabo babelapho yakucacisa mhlophe ukuba ukuthetha iilwimi ezininzi kuyinxalenye yobuni bethu njengebantu boMzantsi Afrika, ukuba oko kuyasichaza thina kwaye kusibalula njengesizwe. Ezinye izihlomlo ibizezi: “Ubulwimi-ninzi bubonakalisa imvakalelo yobunye kwaye busebenzisa amandla obuthwelwe lulwimi kuluntu olunenkcubeko noluqeqeshekileyo.” Kumele sihlale sithukuthezelelwa bubulwimi-ninzi de sifikelele kwiqondo apho sizibophelela ekudaleni iimeko ezincedisana nokudalwa kwengcaciso nengqiqo. Indlela ebambekayo yokwenza oku kukubonelela ngezintlu zesigama ezilwimi-ntathu (okanye ezilwimi-ninzi) kusetyenziswa ubume beaplikeshini (application) yeselula/yethabhulethi nanjengoko kusenziwa kwiprojekthi yeMobilex.” Okwavunyelwana ngako ngokuphangaleleyo kukuba, nokuba yiyiphi na indlela esisombulula ngayo imiceli-mngeni yobulwimi-ninzi, kufanele sihlale sicamngca ukuba oku sikwenza kuba sifuna ukuquka abanye, ukwamkela abanye kunye nokuba nemvakalelo kwizidingo zomntu ngamnye. Ngale ndlela, ubulwimi-ninzi budala amathuba okukhula komntu nawokufikelela kwabo badinga uncedo, ingekuko ukwakha umkhanya nje. UCarli van Wyk, ongusiHlalo weBhunga loMelo lwabaFundi langowama-2018/2019 ushwankathele izimvo zababelapho ngolu hlobo lulandelayo: “Kumele sihlale sijolise ekudaleni inkcubeko eyamkelayo eSU nalapho iinqobo zethu kumele zikhokele isicwangciso-qhinga sethu sokubhiyozela ukungafani kwabantu ngelixa sidala amathuba okuthetha iilwimi ezininzi khona ukuze sifunde nakwabanye.”

Ngangona iYunivesithi igxininise kwisiAfrikaans, isiNgesi nesiXhosa, kukho iinzame ezinkulu zokukhulisa uLwimi loMjeku (uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika – SASLI). Ukongeza kutoliko lwesiAfrikaans nesiNgesi, kutolikwe nangoLwimi loMjeku khona ukuze abafundi abazizithulu babe nako ukuxoxa kwiingxoxo zoSuku loLwimi. Ukuba ungathanda ukulandela le ngxoxo, ungabukela ividiyo yosuku lonke apha okanye ungakhangela isimemo esiya kubafundi ukuze uzivele ngokwakho ukuba kunjani kwikhampasi elwimi-ninzi.

Language day invite      

Ngothando lokufunda!

IZiko leeLwimi liyazithanda iincwadi kwaye liyazingca ngokukhuthaza ukwazi ukufunda. Singathanda ukukuchazela ukuba sinxibelelene njani noluntu ngokubanzi kulo nyaka ngeencwadi neeseshoni zokufunda.

NgoJulayi kulo nyaka, iZiko leeLwimi, iVriende van Afrikaans kunye nendawo yokuhlala abafundi iAcademia zilize izikolo ezimbini eStellenbosch ngeebhokisi ezinkulu ezimbini zeencwadi nezixabisa iR15 000. Kweli tyeli abawelwe ngumqa esandleni ziziKolo zamaBakala aPhantsi iBruckner de Villiers naseAF Louw. Ibhokisi yeencwadi nganye iqulethe iindidi ngeendidi zeencwadi zesiNgesi, isiAfrikaans nesiXhosa, kwaye isenokusetyenziswa njengethala leencwadi elihambayo, ngakumbi kwizikolo ezingenamathala eencwadi esiqhelo. Sithe sanenyhweba yokunxibelelana nabantwana xa besinikezela ngezi bhokisi zinkulu zeencwadi, sibafundela amabali kwaye sibafundisa ukuba bangaziphatha, bazikhathalele kwaye bazonwabele njani iincwadi. Sichwayitiswe kukufumana incwadana eyenziwe ngesandla enamakhadi emibulelo ebhalwe ngabantwana.

Elinye inyathelo elithe laveliswa yile projekthi yeebhokisi zeencwadi: siqalise ukufundela abantwana. Sibambisene neVriende van Afrikaans neAcademia, iZiko leeLwimi liququzelela iiseshoni zokufunda rhoqo ngeveki kwizikolo ezigcina iintsana ezilishumi elinambini nakwiiklasi zeekreshi zezikolo ezimbini ezazifumene iibhokisi zeencwadi kulo nyaka. Ngesi senzo, siyathemba ukuba sibumba uthando lweencwadi. Sikwakholelwa ekubeni olu tyalo luya kubanesivuno esichumileyo sokufunda. Ukuba unqwenela ukujoyina iqela lokufunda, nceda uthumele i-imeyili kuVernita Beukes.  

Ngowe-7 Septemba, iZiko leeLwimi lothuse uninzi ekhampasini kwakhona ngokwenza iprojekthi ekuthiwa yitsunami yeencwadi phaya eNeelsie (kwiZiko labaFundi iLangenhoven). Lo msitho ukhethekileyo ububhiyozela uSuku lokuFunda laMazwe ngaMazwe ebelibhiyozelwa lihlabathi liphela ngowe-8 Septemba kulo nyaka. Iincwadi ebesiziqokelela kulo nyaka wonke zipakishwe eNeelsie ukwakha ‘amaza’ ngeencwadi. Naye nabani na obengena eNeelsie ebengaziphosa kuwo ukuchola incwadi angagoduka nayo. Besinesicelo esinye ke kodwa esithi: Emva kokuba eyifundile loo ncwadi lowo ebeyichole, uyacelwa ukuba ayidlulisele komnye umntu ukugcina la maza okufunda eqhubeka. Le yindlela yethu yokukhuthaza ukufunda. Ukuba unazo naziphi na iincwadi ongaliza ngazo kwitsunami yeencwadi elandelayo, nceda uthumele i-imeyili kuVernita Beukes.

Kwaye sisekuwo lo mxholo: iLebhu yokuFunda yeZiko leeLwimi incedisa abalesi abadala ukuba bafunde ngokukhawuleza nangokuhlakaniphileyo – akukhathaliseki nokuba loo nto kumele ifundwe ziingxelo zoshishino, amanqaku ophandonzulu okanye iiteksbhuku. Ukuba ufuna iinkcukacha ezithe vetshe ngeLebhu yokuFunda, thumela i-imeyili kuMarisca Coetzee.

For the love of reading!

Ukuhlangana kweenkcubabuchopho: kwiNkomfa yoPhandonzulu lokuFundisa nokuFunda (SoTL 2018)

Kwihlabathi elilangazelela iindlela ezintsha zokufikelela kubafundi, iNkomfa yoPhandonzulu lokuFundisa nokuFunda ibe lithuba elihle kakhulu kubafundisi-ntsapho lokuphonononga nokwabelana ngophando lwabo kwakunye nokucamngca ngeendlela zokufundisa. Inkomfa ye-11 ye-SoTL yaminyaka le, ibisindlekwe ekupheleni kukaOkthobha licandelo elingugxa weZiko leeLwimi, iCandelo lokuKhulisa ukuFundisa nokuFunda. Le nkomfa ibe lithuba elihle leZiko leeLwimi lokwabelana ngelikufumanisileyo ngokufundisa nokufunda kusetyenziswa imbono yesiseko sobomi: ulwimi.

UGqir Kabelo Sebolai, ongusekela-mlawuli kwiZiko leeLwimi, wabelane ngoko athe wakufumanisa xa ebephanda oko kubizwa ngokuba yi“articulation gap” (isikhewu sengcaciso). Kwiprezenteyishini yakhe, ‘Revisiting the Role of Language Ability in Academic Performance: The Case of Stellenbosch University’ (Ukuhlalutywa kweNdima yoKubanakho koLwimi kwiMfezekiso yeMfundo: uPhandomeko kwiYunivesithi yaseStellenbosch), ucacise ngelithi esi sikhewu sengcaciso sasinxulumene nokukreqa okuphezulu nomyinge wokungagqibi kwabafundi izifundo zabo okusezantsi kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika. UKabelo udandalazise ukwalamana okuluqilima phakathi kokuphumelela kwabafundi iimviwo zesiNgesi kwiBakala le-12 kunye nokufezekisa kwabo izifundo zabo kwiYunivesithi yaseStellenbosch – nkqu nakwimingxilo enganxulumenanga kakhulu nokusetyenziswa kolwimi!

Iqela lophando leeNkonzo zokuTolika kwiZiko leeLwimi liqhayise ngecebo lalo lokuphanda ukudluliselwa kwentsingiselo eklasini kwiprizenteshini ethi, ‘To Kill a Canary: Interpreters and Educational Practices at Stellenbosch University’ (UKwandisa iNtsingiselo: Iitoliki kunye neeNdlela zeMfundo kwiYunivesithi yaseStellenbosch). Oku kungenxa yokuba iitoliki zeSU kumele zicacise intsingiselo yentetho yomhlohli rhoqo xa zitolikela kolunye ulwimi. Zithi zibe nemvakalelo enkulu yokuba ingaba loo ntsingiselo yakheke njani. Ngoku phonononga kwalo ukuba ingaba abahlohli bawudlulisa njani umyalezo wabo, eli qela lithe laphawula amanqaku angundoqo athi enze ukuba umyalezo uvakale okanye ungavakali, anjengokwakhiwa kwengxoxo kunye nokungqamana komyalezo. Oku kwathi kwanika ingqiqo ethile abahlohli yokuba bangazimilisa njani izifundo zabo ukuze zincede abafundi bayilandele ngcono ingxoxo yaseklasini.

UFiona Stanford weZiko leeLwimi osebenzisana noGqir Ilse Rootman-Le Grange weFakhalthi yeNzululwazi uthe gqabagqaga ngeprojekthi elilinge ethi: ukuhlanganiswa kokufundiswa kwezakhono zokufunda kumngxilo wenzululwazi. Kwiprizenteshini yabo esihloko sithi: ‘Autonomy Tours: Reflecting on the First Offering of Science in Context’ (Utyelelo kukuZimela: UkuCamngca ngoNikezelo lokuQala lweNzululwazi ngokweMeko). UFiona no-Ilse bacamngca ngemodyuli entsha enyanzelekileyo kubafundi bonyaka wokuqala kwisidanga seBhatshelari kwiNzululwazi (BSc) bephonononga imiceli-mngeni nemivuzo yomfuziselo ophuhlisiweyo osekelwe indlela yokuphuhlisa izakhono zokufunda kuloo mngxilo.

Kubalulekile ukuba amaziko anjengeZiko leeLwimi azibandakanye kwimicimbi eloluhlobo. Ingekuko ukubonwa nje neenkcubabuchopho ezigqwesileyo kwimfundo, kodwa ibe kukuba negalelo kwimicimbi engokufundisa nokufunda esoloko inika umdla iphuhla ngokunjalo.

 

The meeting of the minds: SoTL 2018
Interpreting in action at SoTL

UmDyarho wokuFunda oMangalisayo kwiSekondari iKylemore

Kulo nyaka, abafundi besiKolo seSekondari ePhezulu iKylemore bebenoSuku lokuBhiyozela uMandela abaya kuhlala belikhumbula. Ekunye neZiko loLwimi, amacandelo ahlukeneyo ase-SU athe achitha ixesha kwesi sikolo ngowe-25 Julayi ukunika imbeko kwilifa lembali kaNelson Mandela.

Ngolo suku, uFaika Haroun neqela loogxa bakhe abangamalungu abasebenzi kwiZiko leeLwimi bathi bafuna ukwabelana ngochulumanco lokufunda nabafundi. “Siye sacwangcisa umdyarho wokufunda ukucela umngeni nokukhuthaza abafundi ukuba bafunde ngokuqonda kwaye bakhuphisane ukufumana amabhaso.”

UmDyarho wokuFunda oMangalisayo weZiko leeLwimi ubuneendawo ezine zokungenela, kwaye njengayo yonke imidyarho, injongo yayikukugqiba kuqala. Abafundi bathi bahlulwa bangamaqela amahlanu kwaye banikwa umbhalo wokufunda kumaNgenela oku-1. Kwakufuneke baxoxe ngoko bakufundayo ukuze emva koko, njengeqela, baphendule iseti yemibuzo enxulumene nombhalo lowo. Le mibuzo ivavanywe kumaNgenela esi-2. Kuxa bethe abafundi bayiphendula ngokuchanelekileyo kuphela le mibuzo apho bangafumana umyalelo wokuqokelela into amabayithathe baye nayo kumaNgenela esi-3. Kuxa kuthe kwanxulunyaniswa le nto nomyalelo kuphela apho bangafumana umbhalo wesibini onemiyalelo kumaNgenela esi-3. KumaNgenela esi-4, ezo mpendulo ziya qinisekiswa, kwakhona, amaqela afumana imiyalelo yokugqibela xa iimpendulo zichanekile kuphela.

Emva kokufunda nzima, ukucinga ngokunzulu nokuphendula imibuzo ngokukhawulezileyo, iqela elino-Trishan liye laba lelokuqala ukufikelela emgceni. Kwindawo yesibini ibe liqela elino-Hayward, nelilandelwe liqela ebelikhokelwe ngukapteni uJustine. Amabhaso aquke izichazi-magama, iincwadi, iiseti zezinto zokubhala namaphecephece eencwadi. Ukongeza kulonwabo bekukwakho nodontso lonethamsanqa lokuphumelela. Kubafundi, lo mdyarhi ubonakalise umthethosiseko wokuba abo bafunda bekuqonda abakufundayo ekugqibeleni ngabo abaphumelelayo kwizifundo nasebomini.

Lo mdyarho uthe wenza uthakazelelelo wanenkuthazo ngakwiititshala, kwaye abanye baye bacela ukuba bangayisebenzisa le ngqikelelo xa befundisa: “Abafundi bafunda ukusebenzisana kumaqela kwaye bathe batyhileka ukuba ukufunda ngokuqondayo kubalulekile kwizifundo zabo zonke.”

“Abafundi bacinge ukuba lo mdyarho ubusonwabisa kakhulu, kwaye bathe babona ukuba ukufunda kungonwabisa kakhulu. Xa besibona ubungakanani bempumelelo yeli nyathelo, silangazelela ukuqhuba nalo mdyarho sisiya nakwezinye izikolo ngokunjalo,” ugqibe ngelitshoyo uFaika. Ungamthumelela umyalezo ngeimeyili ukuba unomdla wokuba umDyarho wokuFunda oMangalisayo uze esikolweni sakho.

ILebhu iComms iququzelela ukuthetha esidlangalaleni kumaqonga ahlukeneyo

Ukuthetha esidlangalaleni sisakhono esingafundwa de ube yingcaphephe kuso! Ngowe-8 Agasti, iLebhu iComms yeZiko leeLwimi kunye neStellenbosch Toastmaster Club zabambisana ngokusindleka intlanganiso yokulinganisa iinjoli zemicimbi kunye neseshoni yolwazi kwigumbi leeSemina leZiko leeLwimi. Eli yaba lithuba lakhe nabani na ukubona ngokunokwakhe ukuba ezi Njoli zemicimbi ziyiphatha njani: Kwakukho iintetho ezilungisiweyo, uvavanyo neentetho ezingalungiselelwanga ezenziwa ngemilo enesakhelo sentlanganiso yeeNjoli zemicimbi.

I-Toastmasters International ngumbutho ongenzi nzuzo wemfundo ofundisa izakhono zokuthetha esidlangalaleni nezobunkokheli ngokusebenzisa uthungelwano lweeklabhu kwihlabathi jikelele. Ubunjoli kwimicimbi kumalunga nokuziphuhlisa ngokwakho usebenzisa isantya sakho kwindawo ekhuselekileyo nekhuthazayo. Ngokukamongameli weklabhu, uZimbili Sibiya, “Siyintlangano enobubele neyamkelayo nalapho amandwendwe anganyanzeliswayo ukuba athabathe inxaxheba nangayiphi na indlela ngaphandle kokuba ngabaqwalaseli kuphela – awusayi kuhlaziswa tu!” Le ntlanganiso yazinyaswa ngabantu abaqalayo ukulibeka inyawo apha abangaphezu kwama-30. Ukuba ungathanda ukuzimasa intlanganiso elandelayo yeeNjoli zemicimbi, thumela i-imeyili  ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe.

 ILebhu iComms yeZiko leeLwimi (iLebhu yoNxibelelwano) isoloko ikhangela amaqabane – anjenge- Toastmasters – ukongeza kwizifundo zoqeqesho lonxibelelwano kumaqumrhu. Iikhosi zeLebhu iComms ziyasebenziseka kwaye zinonxibelelwano kwaye ziyilwe ngokwezidingo ezikhethekileyo. Iiseshoni zobuso ngobuso zosuku olupheleleyo zixokonyezelelwa ngokufunda kwi-intanethi, ukuze kubekho inzuzo enkulu nethuba elilungele oosomaqhuzu okanye abalawuli beeofisi abaxakekileyo. Xa ubani eyigqibe ngempumelelo ikhosi, uwongwa ngesiQinisekiso sesaKhono.

ILebhu iComms ikwajolise ekwakheni ubudlelwane bexesha elide nabathabathi-nxaxheba bayo. “Ukuba oku kuyasebenza sikubona ngothotho lwabathabathi-nxaxheba abaphinda babhalisele ezinye iikhosi zethu. Ukubalula nje abambalwa, sibe nabantu abavela eMediclinic, eICLEI, eNKC, kwiRupert Foundation, iAlphawave, iUSB neGraham Beck Wines abazimase ezi khosi kulo nyaka,” ucacise ngelo umququzeleli weLebhu iComms, uMichelle Pieters.

“Kuyakhuthaza ukubona ubani ephuhla efikelela kwinyathelo elilandelayo kwihambo yakhe eya kwimfezeko epheleleyo. Enye yeenkwenkwezi zethu kutshanje nguSello Sekele, ongusoqoqosho osaqeqeshwayo omncinane nochulumancileyo okwi-Bureau for Economic Research eStellenbosch.” NgoAgasti, uSello wazimasa ikhosi emfutshane yeLebhu iComms ekuthiwa yi-Crafting confident presentations neyayisenziwa nguEduard de Klerk, ongumsasazi kunomathotholo, umPhathi-miCimbi onamava nokwayitoliki. “Le khosi isebenzisekayo nenonxibelelwano incede uSello ukuba afumane izakhono zokuzithemba nokuthetha esidlangalaleni nokuthabathekisa oogxa bakhe kangangokuba endixelela oko!” utshilo uMichelle. Uqhube kakuhle, Sello!    

Ukuba ufuna ukulola izakhono zakho zokunxibelelana njengengcaphephe, thetha noMichelle ngokuthumela i-imeyili ukufumanisa ukuba angakunceda kanjani.

Amathuba neendawo zokubhala ngokweakhademikhi kwiZiko leeLwimi

NgoJuni kulo nyaka, amalungu abasebenzi beZiko leeLwimi abali-15 abamanxandanxanda bebhala uphando lwabo bathe banethuba lokuzinza eMount Fleur, kwintaba yokuhlehlela ekumaphandle aseStellenbosch, ukuze babhale, batye, balale kwaye babhale ngokongezekileyo kangangeentsuku ezintathu zilandelelana. Ukuhlehla ukuze ubhale kweZiko leeLwimi kudale ithuba elindilisekileyo lokumisela nokuvavanya iinjongo, ukucinga nokuzibhenca, ukwabelana nokunaniselana ngeembono, kwaye babhale ngophando lwabo. Abathabathi-nxaxheba bebehlaliswe kwindawo engenakungenelela naziphazamisi zamihla le, nokuthetha ukuba imveliso yomsebenzi wabo yathi yanda kakhulu.

Abathabathi-nxaxheba babesebenza kwiidrafti zamanqaku, uphando lweeMastazi okanye iPhD okanye iingxelo ezinxulumene nomsebenzi ezibandakanya ukubhalela uphando. Ukuhlehlela ukuya kubhala kwadala ithuba abalichitha bebhala kwaye bephuhlisa iimbono zabo. Behleli ngokukhuselekileyo kwaye bekhuthazekile, wonke ubani wanika ingqalelo engangqalileyo ekwakheni amanqaku okanye izahluko zabo kwaye bakwazi ukubhala ngokongezekileyo ngeentsuku ezintathu xa kuthelekiswa noko bebengakufezekisa kwiiveki ezininzi.

URemona Voges, oxakeke sisidanga sobugqirha-lwazi kuNcwadi kwesiAfrikaans uthe: “Ibingamava angakholelekiyo kwindawo ekhwankqisayo apho ndisebenza kwinzolo enkulu nenentsebenziswano yoogxa bam.”

“Bendivele ndingqale ngqi ngenqondo yam yonke kuphando lwam ndingakhange ndizikhathaze kwanto ngomsebenzi nezinye izibophelelo zam. Le yinto edla ngokungenzeki. Oku kuhlehlela ukubhala kundixhamlise ikhusi lokuphumla kwindawo nesithuba esizolileyo, esipholileyo, esidala ukuqiqa nesinenkxaso ukuze ndibhale ngokuphindaphindeneyo kunoko ndingabe ndiye ndakubhala ngokweziqhelo,” utshilo uHelga Syktus, owenza uphando ngokufundwa kolwimi ngokuzenzekelayo.

Nangona eli khusi lokubhala belijonliswe kubasebenzi beZiko leeLwimi kuphela, iLebhu yokuBhala yeZiko ibonelela ngeenkonzo namathuba anxulumene nokubhala kubafundi abenza isidanga sokuqala nabo benza isidanga esingaphaya kwesokuqala kwakunye nabasebenzi beYunivesithi. Kubonelelwa ngamathuba eengcebiso zokubhala ubuso ngobuso, ucweyo lokubhala, ukubhala ixesha elide kunye nokubanakho ukujoyina okanye uqala iqela lokubhala. Thumela i-imeyili kuAnne-Mari Lackay ngolwazi oluthe vetshe ngamathuba eengcebiso, kwaye ukuba ungathanda ukuthetha nomnye umntu ngokubhalwa ngokweakhademikhi, ungabhukisha iseshoni yeengcebiso ubuso ngobuso kwi-Kenako kwiphothali yakho ethi MySun. Ngocweyo, qhagamshelana noSelene Delport kwaye ngokubhala kumaqela, qhagamshelana noRose Richards.

Iindlela entsha yokwenza iiphasiwedi

Kukho uhlobo oluthile lwenkxalabo ngalo lonke ixesha ucelwa ukuba wenze iphasiwedi entsha. Oku kungenziwa yinto yokokuba uphinda udala amanye amanani anguwe nothemba ukuba aya kugcinwa yiklawudi yekhompyutha (internet cloud) ethile. Nangona kunjalo, okungenzeka kukuba le nkxalabo yakho ivela kwinto yokokuba iphasiwedi yakho oyisebenzisayo ayindanga ngokwaneleyo, ayiqulethenga zimpawu zikhethekileyo okanye amanani awaneleyo, ayiqali ngehaiku kwaye ayipheli ngeempawu zokuqondisa.

Ingaba ungayidala njani iphasiwedi entsonkothe ngokwaneleyo ukuba ihlangabezane nazo zonke iimfanelo – kuquka nobona bude buncinane beempawu ezili-12 – KWAYE kube lula ukuzikhumbula? Impendulo: kukudlala ngolwimi.

Cinga ngento othi uyenze yonke le mihla enxulumene nexesha, umzekelo “UkuPhuma emSebenzini nge-17:00 okuThetha ukuFika eKhaya nge-:17:35”. Ngoku shunqulela esi sivakalisi: “UPS@17:00tfk@17:35”. Le yiphasiwedi eneempawu ezili-18 nekulula ukuyikhumbula kwaye ineempawu ezikhethekileyo ezimbini, oonobumba abakhulu abathathu nabancinane abathathu, amanani amane kunye nemiqondiso emibini u-@. Ukusebenzisa isivakalisi esibonakalisa ixesha kwenza ukuba kubelula ukuquka amanani neempawu ezingacingelekanga. Enye indlela, ingakukubalisa ibali lakho buqu ngokusebenzisa kwalo mthethosiseko: “NFKaPa@23Epr’1998” okungaguqulelwa njengokuthi “NdaFika eKaPa ngowama-23 kuEpreli 1998”.

Kubalulekile ukuba ugcine isivakalisi sakho silula, ke ngoko zikhuphe izichazi, njengoko ukuzikhumbula kamva kungangumngeni: ngoku ingaba ibubu”busuku obumangalisayo” okanye “ubusuku obumnandi”? Oku kunyaniseke ngakumbi xa kunyanzelekile ukuba uyitshintshe rhoqo iphasiwedi yakho. Ukuba ke kunjalo, ungadibanisa ukudlala ngolwimi nezibalo.

Xa utshintsha iphasiwedi yakho, iinkqubo zekhompyutha ezininzi ziyakuvumela ukuba uguqule nje kuphela indawana ezithile zephasiwedi yakho endala. Ke ngoko, ukuba kukuthatha imizuzu engama-35 ukugoduka, kutheni ungaphumi nge-16:30 emsebenzini? “UPS@16:30tfk@17:05”. Ungahlala unenowuthi engacacanga kwidesika yakho okanye kwidayari yakho ethi “UkuPhuma – 16:30” neya kunceda ukukukhumbuza ngexesha elitsha okungalisebenzisa kwiphasiwedi yakho entsha.

QAPHELA:  Eli nqaku lisebenzisa ukwamkeleka kwesikimu sikaSchneier, nesaphuhliswa sisazinzulu ngokhuseleko uBruce Schneier ngowama-2008

 

A linguistic game for creating passwords

Izakhiwo ezintsha eziyinxalenye yeZiko leeLwimi

IOfisi yomLawuli, iLebhu yokuFunda, iLebhu yokuBhala, iLebhu yokuNxibelelana, iLebhu yokuFunda uLwimi neeNkonzo zeeLwimi ziqale u-2018 kwindawo entsha eStellenbosch.

Ngenxa yezizathu zolungiselelo lwenkxaso, iKlinikhi yoNcedo kwezomThetho yeYunivesithi ithe yafuna ukusondelelana neFakhalthi yomThetho, emi kwiSakhiwo esiDala esiKhulu (Old Main Building /Ou Hoofgebou). Bathi bathethana neZiko leeLwimi ukuba batshintshiselane ngezakhiwo – ukunaniselana ngesakhiwo iKleine Bosch esikwiNdlela iBanhoek ebesisebenza njengeKlinikhi yoNcedo kwezomThetho bengena kwiiofisi zeZiko leeLwimi ezikwiSitalato iCrozier, ezimelene neSakhiwo esiDala esiKhulu (Old Main Building). Oku kunaniselana kuthe kwaneyawo imicelimngeni yolungiselelo lwenkxaso, kodwa ngoku wonke umntu sele ezinze kamnandi kwindawo yakhe entsha: iZiko leeLwimi kwa-44 kwiNdlela iBanhoek, elimelene neFakhalthi yobuNjineli nelisecaleni kweZiko leAfria loLawulo lwe-HIV/AIDS (Africa Centre for HIV/Aids Management), kwaye iKinikhi yoNcedo kwezomThetho ikwa-18 ukuya kwa-24 kwisiTalato  iCrozier.

Ngenxa yokuba inxalenye eninzi yeZiko leeLwimi iphantsi kophahla olunye ngoku, kuvuleleke amathuba amaninzi okwabelana ngezimvo. ILebhu yokuBhala izuze kakhulu ngeeofisi ezongezekileyo zokuqhubeka nomsebenzi wayo olungileyo, kwaye ukubhubhuzela okunempumelelo okwenziwa indawo ekwabelwana ngayo yeLebhu yokuBhala nalapho iingcebiso ngokubhala zenziwa khona, kungongeza nje umfutho kuphela nakokuphi na ukubhala. ILebhu yokuBhala neLebhu yoNxibelelwano sele zivune lukhulu kwigumbi leesemina lala maxesha ziqhuba iikhosi ezimfutshane nocweyo oluyimpumelelo. IZiko eliXakeke ngokuFundwa koLwimi nalo lizuze eyalo indawo – izicwangciso zabo ziquka ukumisela inkxaso eyongezekileyo kubafundi abafuna ukuzifundisa iziseko zesiAfrikansi okanye isiXhosa. Kwaye iiNkonzo zoLwimi zifudukile kwisakhiwo sazo sakudala esise Skuilhoek, neneofisi ephantsi kophahla, izitephusi ezingaphandle, umthi wom-oki noonomatse, uya kwicala elingasentshona lesakhiwo. Akukho mntu uya kuze aziphose izitephusi ukuba kunganetha!

ISakhiwo iKlein Bosch sasakhelwe kuqala ukuba sibe sisiKolo sokuFundisa abeFundisi baseWisile, ilitye lembombo labekwa ngowe-1937. Ngeminyaka ye-1980, sathi sasetyenziswa njengesikolo seentsana iKleine Bosch, emva koko sayiKlinikhi yoNcedo kwezomThetho kwaye ngoku sizingca ngokuba ngundlunkulu weZiko leeLwimi.

New premises for large part of Language Centre
The Language Centre’s new address is 44 Banhoek Road