Deprecated: Return type of WP_Hook::current() should either be compatible with Iterator::current(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 482

Deprecated: Return type of WP_Hook::next() should either be compatible with Iterator::next(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 495

Deprecated: Return type of WP_Hook::key() should either be compatible with Iterator::key(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 508

Deprecated: Return type of WP_Hook::valid() should either be compatible with Iterator::valid(): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 521

Deprecated: Return type of WP_Hook::rewind() should either be compatible with Iterator::rewind(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 532

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetExists($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetExists(mixed $offset): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 424

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetGet($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetGet(mixed $offset): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 438

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetSet($offset, $value) should either be compatible with ArrayAccess::offsetSet(mixed $offset, mixed $value): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 452

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetUnset($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetUnset(mixed $offset): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 469
Iilwimi zethu – Page 3 – Stellenbosch University Language Centre

Category: Iilwimi zethu

Ingaba ubulwimi-ninzi bubonakala kanjani kwiYunivesithi yaseStellenbosch?

“Ukuthetha iilwimi ezininzi kwabantwana abaselula kubhentsisa ukukhuthaza nokuphuhlisa izakhono zokuqiqa, ukwazi ukusombulula iingxaki nokuqonda kwaba bantwana ukuntsonkatha nokwalamana kwezinto. Ebudaleni, ukuthetha iilwimi ezininzi kungalwa ukudodobala kwengqondo.” uNjing. Arnold Schoonwinkel, onguSekele-Nqununu (wokuFunda nokuFundisa) nguye ovule uSuku loLwimi lwalonyaka kule Yunivesithi ngala manqaku enkuthazo.

Ngowama-28 Septemba, Abafundi nabasebenzi abangama-75 bahlangana eSTIAS ukuze baxoxe ngomxholo walo nyaka woSuku loLwimi othi, ‘Multilingualism @ SU: Creating an enabling environment’(Ubulwimi-ninzi @ SU: Ukudala imeko eyakhayo). Olu suku lwalumiselwe ukuba ludala ithuba lokuba kuqhutyekwe ngokuqwalasela iintlobo ngeentlobo zamathuba akhoyo kwiyunivesithi enemvakalelo ngendlela ekusetyenzwa ngayo ubulwimi-zininzi. Kwimeko yentlalo kumaziko emfundo ephakamileyo, uNjing Schoonwinkel ucacise ngelokuba ubulwimi-ninzi budlala indima ekulweni neziganeko zobuhlanga, ukunyevulela abamanye amazwe nokunganyamezelani ngokwenkcubeko, kwaye lilinge elixabisekileyo ukukhangela iindlela ezingasetyenziswa ukukhuthaza ubulwimi-ninzi kwiimeko zemfundo nentlalo ekhampasini.       

Iingxoxo zamaqela amancinane zathi zanika ithuba amaqela aziintlobo ngeentlobo zabathathi-nxaxheba iqonga lokuacamnge ngokuxabiseka kobulwimi-ninzi nokuba ingadalwa njani imeko ekukhuthazayo oko. Imixholo emibini ephambili, othi ‘Multilingualism in Teaching and Learning Spaces’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuFunda nokuFundisa) nothi ‘Multilingualism in Social Space’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuHlala), ithe yasisikhokelo sezi ngxoxo. Imibuzo enzima yavela, enjengeyokuba kutheni sizikhathaza ngokusebenzisa iilwimi zabaligcutswana kwezemfundo, kwaye oku kuzivelisa njani eklasini? Impendulo eyavela kwabo babelapho yakucacisa mhlophe ukuba ukuthetha iilwimi ezininzi kuyinxalenye yobuni bethu njengebantu boMzantsi Afrika, ukuba oko kuyasichaza thina kwaye kusibalula njengesizwe. Ezinye izihlomlo ibizezi: “Ubulwimi-ninzi bubonakalisa imvakalelo yobunye kwaye busebenzisa amandla obuthwelwe lulwimi kuluntu olunenkcubeko noluqeqeshekileyo.” Kumele sihlale sithukuthezelelwa bubulwimi-ninzi de sifikelele kwiqondo apho sizibophelela ekudaleni iimeko ezincedisana nokudalwa kwengcaciso nengqiqo. Indlela ebambekayo yokwenza oku kukubonelela ngezintlu zesigama ezilwimi-ntathu (okanye ezilwimi-ninzi) kusetyenziswa ubume beaplikeshini (application) yeselula/yethabhulethi nanjengoko kusenziwa kwiprojekthi yeMobilex.” Okwavunyelwana ngako ngokuphangaleleyo kukuba, nokuba yiyiphi na indlela esisombulula ngayo imiceli-mngeni yobulwimi-ninzi, kufanele sihlale sicamngca ukuba oku sikwenza kuba sifuna ukuquka abanye, ukwamkela abanye kunye nokuba nemvakalelo kwizidingo zomntu ngamnye. Ngale ndlela, ubulwimi-ninzi budala amathuba okukhula komntu nawokufikelela kwabo badinga uncedo, ingekuko ukwakha umkhanya nje. UCarli van Wyk, ongusiHlalo weBhunga loMelo lwabaFundi langowama-2018/2019 ushwankathele izimvo zababelapho ngolu hlobo lulandelayo: “Kumele sihlale sijolise ekudaleni inkcubeko eyamkelayo eSU nalapho iinqobo zethu kumele zikhokele isicwangciso-qhinga sethu sokubhiyozela ukungafani kwabantu ngelixa sidala amathuba okuthetha iilwimi ezininzi khona ukuze sifunde nakwabanye.”

Ngangona iYunivesithi igxininise kwisiAfrikaans, isiNgesi nesiXhosa, kukho iinzame ezinkulu zokukhulisa uLwimi loMjeku (uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika – SASLI). Ukongeza kutoliko lwesiAfrikaans nesiNgesi, kutolikwe nangoLwimi loMjeku khona ukuze abafundi abazizithulu babe nako ukuxoxa kwiingxoxo zoSuku loLwimi. Ukuba ungathanda ukulandela le ngxoxo, ungabukela ividiyo yosuku lonke apha okanye ungakhangela isimemo esiya kubafundi ukuze uzivele ngokwakho ukuba kunjani kwikhampasi elwimi-ninzi.

Language day invite      

Ngothando lokufunda!

IZiko leeLwimi liyazithanda iincwadi kwaye liyazingca ngokukhuthaza ukwazi ukufunda. Singathanda ukukuchazela ukuba sinxibelelene njani noluntu ngokubanzi kulo nyaka ngeencwadi neeseshoni zokufunda.

NgoJulayi kulo nyaka, iZiko leeLwimi, iVriende van Afrikaans kunye nendawo yokuhlala abafundi iAcademia zilize izikolo ezimbini eStellenbosch ngeebhokisi ezinkulu ezimbini zeencwadi nezixabisa iR15 000. Kweli tyeli abawelwe ngumqa esandleni ziziKolo zamaBakala aPhantsi iBruckner de Villiers naseAF Louw. Ibhokisi yeencwadi nganye iqulethe iindidi ngeendidi zeencwadi zesiNgesi, isiAfrikaans nesiXhosa, kwaye isenokusetyenziswa njengethala leencwadi elihambayo, ngakumbi kwizikolo ezingenamathala eencwadi esiqhelo. Sithe sanenyhweba yokunxibelelana nabantwana xa besinikezela ngezi bhokisi zinkulu zeencwadi, sibafundela amabali kwaye sibafundisa ukuba bangaziphatha, bazikhathalele kwaye bazonwabele njani iincwadi. Sichwayitiswe kukufumana incwadana eyenziwe ngesandla enamakhadi emibulelo ebhalwe ngabantwana.

Elinye inyathelo elithe laveliswa yile projekthi yeebhokisi zeencwadi: siqalise ukufundela abantwana. Sibambisene neVriende van Afrikaans neAcademia, iZiko leeLwimi liququzelela iiseshoni zokufunda rhoqo ngeveki kwizikolo ezigcina iintsana ezilishumi elinambini nakwiiklasi zeekreshi zezikolo ezimbini ezazifumene iibhokisi zeencwadi kulo nyaka. Ngesi senzo, siyathemba ukuba sibumba uthando lweencwadi. Sikwakholelwa ekubeni olu tyalo luya kubanesivuno esichumileyo sokufunda. Ukuba unqwenela ukujoyina iqela lokufunda, nceda uthumele i-imeyili kuVernita Beukes.  

Ngowe-7 Septemba, iZiko leeLwimi lothuse uninzi ekhampasini kwakhona ngokwenza iprojekthi ekuthiwa yitsunami yeencwadi phaya eNeelsie (kwiZiko labaFundi iLangenhoven). Lo msitho ukhethekileyo ububhiyozela uSuku lokuFunda laMazwe ngaMazwe ebelibhiyozelwa lihlabathi liphela ngowe-8 Septemba kulo nyaka. Iincwadi ebesiziqokelela kulo nyaka wonke zipakishwe eNeelsie ukwakha ‘amaza’ ngeencwadi. Naye nabani na obengena eNeelsie ebengaziphosa kuwo ukuchola incwadi angagoduka nayo. Besinesicelo esinye ke kodwa esithi: Emva kokuba eyifundile loo ncwadi lowo ebeyichole, uyacelwa ukuba ayidlulisele komnye umntu ukugcina la maza okufunda eqhubeka. Le yindlela yethu yokukhuthaza ukufunda. Ukuba unazo naziphi na iincwadi ongaliza ngazo kwitsunami yeencwadi elandelayo, nceda uthumele i-imeyili kuVernita Beukes.

Kwaye sisekuwo lo mxholo: iLebhu yokuFunda yeZiko leeLwimi incedisa abalesi abadala ukuba bafunde ngokukhawuleza nangokuhlakaniphileyo – akukhathaliseki nokuba loo nto kumele ifundwe ziingxelo zoshishino, amanqaku ophandonzulu okanye iiteksbhuku. Ukuba ufuna iinkcukacha ezithe vetshe ngeLebhu yokuFunda, thumela i-imeyili kuMarisca Coetzee.

For the love of reading!

UmDyarho wokuFunda oMangalisayo kwiSekondari iKylemore

Kulo nyaka, abafundi besiKolo seSekondari ePhezulu iKylemore bebenoSuku lokuBhiyozela uMandela abaya kuhlala belikhumbula. Ekunye neZiko loLwimi, amacandelo ahlukeneyo ase-SU athe achitha ixesha kwesi sikolo ngowe-25 Julayi ukunika imbeko kwilifa lembali kaNelson Mandela.

Ngolo suku, uFaika Haroun neqela loogxa bakhe abangamalungu abasebenzi kwiZiko leeLwimi bathi bafuna ukwabelana ngochulumanco lokufunda nabafundi. “Siye sacwangcisa umdyarho wokufunda ukucela umngeni nokukhuthaza abafundi ukuba bafunde ngokuqonda kwaye bakhuphisane ukufumana amabhaso.”

UmDyarho wokuFunda oMangalisayo weZiko leeLwimi ubuneendawo ezine zokungenela, kwaye njengayo yonke imidyarho, injongo yayikukugqiba kuqala. Abafundi bathi bahlulwa bangamaqela amahlanu kwaye banikwa umbhalo wokufunda kumaNgenela oku-1. Kwakufuneke baxoxe ngoko bakufundayo ukuze emva koko, njengeqela, baphendule iseti yemibuzo enxulumene nombhalo lowo. Le mibuzo ivavanywe kumaNgenela esi-2. Kuxa bethe abafundi bayiphendula ngokuchanelekileyo kuphela le mibuzo apho bangafumana umyalelo wokuqokelela into amabayithathe baye nayo kumaNgenela esi-3. Kuxa kuthe kwanxulunyaniswa le nto nomyalelo kuphela apho bangafumana umbhalo wesibini onemiyalelo kumaNgenela esi-3. KumaNgenela esi-4, ezo mpendulo ziya qinisekiswa, kwakhona, amaqela afumana imiyalelo yokugqibela xa iimpendulo zichanekile kuphela.

Emva kokufunda nzima, ukucinga ngokunzulu nokuphendula imibuzo ngokukhawulezileyo, iqela elino-Trishan liye laba lelokuqala ukufikelela emgceni. Kwindawo yesibini ibe liqela elino-Hayward, nelilandelwe liqela ebelikhokelwe ngukapteni uJustine. Amabhaso aquke izichazi-magama, iincwadi, iiseti zezinto zokubhala namaphecephece eencwadi. Ukongeza kulonwabo bekukwakho nodontso lonethamsanqa lokuphumelela. Kubafundi, lo mdyarhi ubonakalise umthethosiseko wokuba abo bafunda bekuqonda abakufundayo ekugqibeleni ngabo abaphumelelayo kwizifundo nasebomini.

Lo mdyarho uthe wenza uthakazelelelo wanenkuthazo ngakwiititshala, kwaye abanye baye bacela ukuba bangayisebenzisa le ngqikelelo xa befundisa: “Abafundi bafunda ukusebenzisana kumaqela kwaye bathe batyhileka ukuba ukufunda ngokuqondayo kubalulekile kwizifundo zabo zonke.”

“Abafundi bacinge ukuba lo mdyarho ubusonwabisa kakhulu, kwaye bathe babona ukuba ukufunda kungonwabisa kakhulu. Xa besibona ubungakanani bempumelelo yeli nyathelo, silangazelela ukuqhuba nalo mdyarho sisiya nakwezinye izikolo ngokunjalo,” ugqibe ngelitshoyo uFaika. Ungamthumelela umyalezo ngeimeyili ukuba unomdla wokuba umDyarho wokuFunda oMangalisayo uze esikolweni sakho.

ILebhu iComms iququzelela ukuthetha esidlangalaleni kumaqonga ahlukeneyo

Ukuthetha esidlangalaleni sisakhono esingafundwa de ube yingcaphephe kuso! Ngowe-8 Agasti, iLebhu iComms yeZiko leeLwimi kunye neStellenbosch Toastmaster Club zabambisana ngokusindleka intlanganiso yokulinganisa iinjoli zemicimbi kunye neseshoni yolwazi kwigumbi leeSemina leZiko leeLwimi. Eli yaba lithuba lakhe nabani na ukubona ngokunokwakhe ukuba ezi Njoli zemicimbi ziyiphatha njani: Kwakukho iintetho ezilungisiweyo, uvavanyo neentetho ezingalungiselelwanga ezenziwa ngemilo enesakhelo sentlanganiso yeeNjoli zemicimbi.

I-Toastmasters International ngumbutho ongenzi nzuzo wemfundo ofundisa izakhono zokuthetha esidlangalaleni nezobunkokheli ngokusebenzisa uthungelwano lweeklabhu kwihlabathi jikelele. Ubunjoli kwimicimbi kumalunga nokuziphuhlisa ngokwakho usebenzisa isantya sakho kwindawo ekhuselekileyo nekhuthazayo. Ngokukamongameli weklabhu, uZimbili Sibiya, “Siyintlangano enobubele neyamkelayo nalapho amandwendwe anganyanzeliswayo ukuba athabathe inxaxheba nangayiphi na indlela ngaphandle kokuba ngabaqwalaseli kuphela – awusayi kuhlaziswa tu!” Le ntlanganiso yazinyaswa ngabantu abaqalayo ukulibeka inyawo apha abangaphezu kwama-30. Ukuba ungathanda ukuzimasa intlanganiso elandelayo yeeNjoli zemicimbi, thumela i-imeyili  ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe.

 ILebhu iComms yeZiko leeLwimi (iLebhu yoNxibelelwano) isoloko ikhangela amaqabane – anjenge- Toastmasters – ukongeza kwizifundo zoqeqesho lonxibelelwano kumaqumrhu. Iikhosi zeLebhu iComms ziyasebenziseka kwaye zinonxibelelwano kwaye ziyilwe ngokwezidingo ezikhethekileyo. Iiseshoni zobuso ngobuso zosuku olupheleleyo zixokonyezelelwa ngokufunda kwi-intanethi, ukuze kubekho inzuzo enkulu nethuba elilungele oosomaqhuzu okanye abalawuli beeofisi abaxakekileyo. Xa ubani eyigqibe ngempumelelo ikhosi, uwongwa ngesiQinisekiso sesaKhono.

ILebhu iComms ikwajolise ekwakheni ubudlelwane bexesha elide nabathabathi-nxaxheba bayo. “Ukuba oku kuyasebenza sikubona ngothotho lwabathabathi-nxaxheba abaphinda babhalisele ezinye iikhosi zethu. Ukubalula nje abambalwa, sibe nabantu abavela eMediclinic, eICLEI, eNKC, kwiRupert Foundation, iAlphawave, iUSB neGraham Beck Wines abazimase ezi khosi kulo nyaka,” ucacise ngelo umququzeleli weLebhu iComms, uMichelle Pieters.

“Kuyakhuthaza ukubona ubani ephuhla efikelela kwinyathelo elilandelayo kwihambo yakhe eya kwimfezeko epheleleyo. Enye yeenkwenkwezi zethu kutshanje nguSello Sekele, ongusoqoqosho osaqeqeshwayo omncinane nochulumancileyo okwi-Bureau for Economic Research eStellenbosch.” NgoAgasti, uSello wazimasa ikhosi emfutshane yeLebhu iComms ekuthiwa yi-Crafting confident presentations neyayisenziwa nguEduard de Klerk, ongumsasazi kunomathotholo, umPhathi-miCimbi onamava nokwayitoliki. “Le khosi isebenzisekayo nenonxibelelwano incede uSello ukuba afumane izakhono zokuzithemba nokuthetha esidlangalaleni nokuthabathekisa oogxa bakhe kangangokuba endixelela oko!” utshilo uMichelle. Uqhube kakuhle, Sello!    

Ukuba ufuna ukulola izakhono zakho zokunxibelelana njengengcaphephe, thetha noMichelle ngokuthumela i-imeyili ukufumanisa ukuba angakunceda kanjani.

NPIT4 – ukufumana uthelelwano kunxibelelwano

Akukho ukukhutshwa komtshotsh’ iintomb’ zingeqhwabi! Okokuqala kumhlaba waseAfrika, i-4th International Conference on Non-Professional Interpreting and Translation (NPIT4) ithe yabanjwa kwi-Stellenbosch Institute for Advanced Studies (STIAS) ukusuka ngowama-22 ukuya kowama-25 kuMeyi walo nyaka. Abazimasi bale nkomfa bathe bafumana ithuba lokuzimasa umcimbi olandelayo, weNkomfa yokuqala egunyazisiweyo ye-Association for Translation Studies in Africa (ATSA) nefumaneka ku: https://atranslationstudiesafrica.wordpress.com ngowama-25 ukuya kowama-26 kuMeyi, kwakule ndawo inye. Ngale ndlela ubani angachitha iveki epheleleyo ejongene nemibandela ephathelele nezifundo zoguqulo kunye neminye imingxilo nemisetyenzana enxulumeneyo.

Kuluntu olusebenzisa iindidi zeelwimi, kuqhubeka iintlobo ezahlukeneyo zokulamla. I-NPIT4 iye yazinza kumxholo othi “ukufumana ulingano phakathi kwezakhono ezifunekayo nemithombo ekhoyo kutoliko noguqulo olungelolwabaqeqeshiweyo”, nalapho abaququzeleli benkomfa bathe bavuma ukuba ibinza kwesi sihloko salo mxholo elithi ‘olungelolwabaqeqeshiweyo’ lithe kanti limfiliba kwaye ngelithe latshintshwa ngalathi ‘-enzelwe injongo ethile’, ‘ukuvoluntiya’, ‘-ngagunyaziswanga’ kunye ‘-ngoqeqesho oluncinane’. IZiko leeLwimi leYunivesithi iStellenbosch (SU) lijoyine le ncoko ngokunikeza ngeentetho zamaphepha amathathu kule nkomfa.

UGqir. Kim Wallmach (umLawuli weZiko leeLwimi) ekunye noPetri du Toit (nowayengumfundi kwizifundo ezingaphaya kwezesidanga sokuqala kaGqir. Wallmach nokwayitoliki kumabonakude) uthe wavula ingqokelela yamaphepha amathathu eZiko leeLwimi ngephepha elisihloko sithi, ‘Framing South African Sign Language (SASL) interpreting: Pictorial representations of SASL interpreters from 1994 to 2018’. Elinye iphepha lophando lwabo elingentsebenziswano phakathi kwesiThulu/netoliki evayo lithe lalandela, belinesihloko esithi, ‘Camera rolling … and … action!: What collaboration holds for Deaf and hearing interpreters on set’. Kulandele uCarmen Brewis noRisha Lötter, abaziitoliki kwezemfundo kwiZiko leeLwimi, babelane ngengqiqo yamava abo okutolika kwezemfundo kwiphepha labo elithi, ‘Towards more effective facilitation of interpreter-mediated university classrooms – a critical reexamination of ‘role’’.

Imo efundisayo netyhilayo ithe yagubungela lo mcimbi weentsuku ezintathu, ibingenzeki nje ngengxoxo ezigunyazisiweyo, kodwa nakwiingxoxo ezingagunyaziswanga ebezisemacaleni. Iingcaphephe zonxibelelwano ezivela kwihlabathi zithe zakuvuyelela ukwabelana ngolwazi, ingqiqo namava azo. Omnye woogxa bethu uthe wahlomla ngelithi wothusiwe sisidingo esikhulu seetoliki nabaguquli eAfrika. Omnye uthe uyithakazele intetho ephambili engenzululwazi ngomthambo-luvu ngengqondo kunye noguqulelo olwenziwe ngusolwazi obekekileyo wezifundonzulu zoguqulo uNjing. Maria Tymoczko. Owesithathu yena uthe waphawula ngelithi kunika umdla ukubona umsinga omtsha wezakhono zabathunywa – abaqeqeshi beetoliki zenkomfa abaziingcaphephe nababesakuphanda ngotoliko kwinkomfa kwixesha elidluleyo, ngoku baqalisa ukusebenzisa uphando lwabo kwiincoko okanye kutoliko lweenkonzo zikarhulumente kananjalo.

NPIT4 – a conference for finding common ground in communication
Petri du Toit, a sign-language interpreter, in action interpreting a speech by Julius Malema.Petri co-presented along with Dr Kim Wallmach of the Language Centre at NPIT4. (Photo: Times LIVE)

UBlack Panther uqiqiza eciciza okoko

Kukho iindaba ezimbi nezimnandi. Ezimbi zezokuba awungekhe uye eWakanda uyokuchitha ikhefu. Ezimnandi zona zezokuba ungalufunda ulwimi lwaseWakanda ngoncedo lweZiko leeLwimi.

Ukuba awuzithandi iimuvi ezingamakroti, kungayimfuneko ukuba ucaciselwe. IWakanda lilizwe lasentsomini lekroti elinemiMangaliso uBlack Panther, ongumlinganiswa ophambili kwimuvi esandula ukukhutshwa ekwanelo gama. Siyabulela ngentlaninge yezandi zentsimbi zasentsomini, iWakanda inobona buchwepheshe buphambili ehlabathini.

Loluphi na ulwimi abaluthetha kweli lizwe lineenqwelomoya zasemajukujukwini nezitshitshilizayo?

SisiXhosa.

Nangona abantu baseWakanda bethetha isiNgesi xa befuna (ukucaphula intetho yomlinganiswa uOkoye), ukusetyenziswa kwesiXhosa kuthungelana neziqendu ngendlela apha ababukeli beshiyeka bengenamathandabuzo ukuba lulwimi abantu baseWakanda abalusebenzisayo – xa beceba amaqhinga okanye bethetha nababathandayo.

Ukusebenzisa ulwimi olukhoyo yinto engaqhelekanga kwiimuvi zenzululwazi zasentsomini nezimangalisayo kumboniso-bhanyabhanya, nalapho kusoloko kusetyenziswa ulwimi oluqanjiweyo (cinga ngeKlingon kwiimuvi ze-Star Trek, isiNa’vi ku-Avatar nesiDothraki kudederhu lwemiboniso yeemuvi i-Game of Thrones).

Ukusetyenziswa kwesiXhosa kwihlabathi lemiMangaliso kungenxa kaJohn Kani, odlala uKumkani uT’Chaka ku-Captain America: Civil War noBlack Panther, esebenzisa ubuncikane besiphiwo sokwenza imimangaliso. Le ngqanga kubalinganisi boMzantsi Afrika yaxoxa ngokuncamisayo – njengokuba amarhe esitsho – ukuba umlinganiswa wakhe akasayi kuthetha isiNgesi nonyana wakhe wasemuvini, uT’Challa (odlalwa nguChadwick Boseman). UKani uqambe izivakalisi zesiXhosa kwaye uBoseman, nokhe wasebenza eMzantsi Afrika kwixa elidlulileyo esebenza neqela elenza iifilimu loMzantsi Afrika, ubesazi ngokwaneleyo eso siXhosa ukuba akwazi ukuphendula. Isiqendu eso sivela sisihle kakhulu. Ke kungako oko ulwimi lwabantu abangaphezu kwezigidi ezisi-8 boMzantsi Afrika luye lwalulwimi lwaseWakanda.   

Phambili ngesiXhosa, phambili!

Black Panther clicks away
Marvel superhero, Black Panther

Likhulu leminyaka ubudala!

Uhlelo lwe-11, oluhlaziyiweyo nolubanzi lweAfrikaanse Woordelys en Spelreëls (efinyezwa njenge-AWS), sisihloko esithetha ‘uluhlu lwamagama nemigaqo yopelo lwesiAfrikaans’, luthe lwapapashwa ekuqaleni kukaAgasti kulo nyaka.

I-AWS lupapasho oluncamisileyo ngenxa yokuba lusebenza njengenkwenkwezi ekhokelelayo kuluntu oluthetha isiAfrikaans ngokumalunga nobhalo nopelo lwesiAfrikaans. Esinye isizathu sokubalasela kukuba uhlelo lokuqala lwapapashwa ngowe-1917 – eyinkulungwane ngqo ngoku – “eqinisekisa ukuba olu lwimi luyazimela ngokwalo” (ngokungqinelana nombhalo okuhlelo lokuqala, oqukwe apha ovela kuhlobo lokuqala lweAfrikaans). Ukusukela ngoko,  iTaalkommissie of the Suid-Afrikaanse Akademie vir Wetenskap en Kuns (eyiKomishoni yoLwimi lweMfundo ePhakamileyo eMzantsi Afrika kwiNzululwazi nobuGcisa) yathi yenza inzame zokuncedisa ekumiseleni isiAfrikaans njengolwimi olubhaliweyo ngokuthi yenze kubekho imigaqo eqinisekisa upelo nobhalo olufanayo. Amalungu alithoba eTaalkommissie yangoku, aquka iingcaphephe eziseyunivesithi kunye namagcisa olwimi nabathe achitha iiyure ezingaphaya kwama-700 kwiintlanganiso zentsebenziswano apho bekuhlaziywa iAWS ukusukela ngowama-2009 (ongumhla wopapasho lwehlelo le-10) – bengahlawulwa nangaluphi na uhlobo.

Kubalulekile kwi-AWS ukubonakalisa ukukhula kwesigama nesaci sesiAfrikaans, kwakunye nesidingo soluntu olubhala ngesiAfrikaans. Ngenxa yesi sizathu, olu papasho luqulathe uluhlu lwamagama elijolise kumagama amatsha kunye namagama ekuthi xa esetyenziswa kubhalo abengumcelimngeni othile. Olu luhlu lwangoku lungamagama angama-30 000 ubuninzi kwaye aquka uludwe olubalaseleyo lwesigama esitsha esivela kwiziyelelane zesiAfrikaans ezinjengeAfrikaans yaseKapa naleyo yoMlambo iGqili – phakathi kwamanye amagama akho, u‘antie’, u‘dhaltjie’, i‘gangster’ no‘poenankies’ (othetha ukuba ‘ubuhle’). Amanye amagama ongeziweyo amatsha abonakalisa ukuphuhla kwezentlalo netekhnoloji njengo-‘googleloer’ othetha uku‘guglisha’ njengesenzi, u‘hommeltuig’ othetha i‘drowuni’, u‘meem’ othetha uku‘linganisa’, u‘antispioenware’ othetha i‘antispayiwe’, u‘warsender’ othetha ‘isixhobo sophazamiso’, u‘skermgreep’ othetha i‘isibambi-skrini’ kunye no‘hidrobreking’ othetha ‘uqhekezo-matye lwegesi okanye ioyile’. Amagama u‘Selfi’ no‘ivenyu’ ayazixela wona ngokunokwawo. Nkqu no‘flop’ ungenile!

USuku lweNkcubeko: Ukubhiyozela unxibelelwano

Ngomhla we-18 kuMeyi, abafundi abaphuma kwamanye amazwe ebezithabatha inxaxheba kwinkqubo yeZiko leeLwimi, i-Intensive English Programme (IEP), babhiyozela uSuku lweNkcubeko ngendlela eyodwa nethabathisekisayo phaya kwiziko iKhaya (Kruiskerk).

IZizwe eziManyeneyo zabhengeza umhla wama-21 kuMeyi, suku olo lubhiyozelwa yonke iminyaka, njengoSuku lweHlabathi loQukaniso lweeNkcubeko ngenjongo yoThethwano noPhuhliso. Olu lusuku olujolise ekuboneleleni ngethuba lokomeleza ukuqonda kwethu ixabiso lale nto kuthiwa kukuqukaniswa kweenkcubeko ezahlukahlukeneyo kananjalo nokufunda indlela yokuphilisana ngemvisiswano. Abafundi beIEP balamkela eli thuba njengethuba lokuvakalisa injongo yolo suku apho eYunivesithi, apho abafundi abaphuma kumazwe asibhozo bathi baphicotha khona iingcingane ngokubanzi ngezo zinto bakholelwayo kuzo, abazixabisileyo neziyinkcubeko yabo. Kwakukho intlaninge yamagunjana emiboniso engenkcubeko yeentlanga ngeentlanga, miboniso leyo yayiqaqambisa amasiko, izithethe nokutya kwazo. Ngaphezu koko, iqela ngalinye labonakalisa indlela elizayamanisa ngayo nenkcubeko yalo.

Kulo nyaka, lo mbhiyozo uzinyaswe nangabafundi bebanga le-10 besikolo semfundo ephakamileyo; isikolo samantombazana, iRhenish. La mantombazana abonakalisa inzondelelo engaphaya kokuqonda kambe ayekhangeleka eyivuyele nale yokunxibelelana nabafundi beIEP. Sifumene iqela leengxelo eziwuncomayo loo mbhiyozo ̶ nazi ezinye izimvo esizifumeneyo:

“USuku lweNkcubeko lunendlela apha emangalisayo yokufunda ngamanye amazwe; ukufunda ngenkcubeko, izithethe nokutya ukutya kwaloo mazwe (eyona nto sayithanda kakhulu ke yileyo!). Olo suku lasivula amehlo kwaye sabanethamsanqa lokuzimasa umcimbi omhle kangakanana”, watsho Caleigh Plaatjes.

UMicalea Budge uthe “Abafundi beBanga leShumi bakonwabela kakhulu ukungcamla ukutya kwamazwe ngamazwe, kutya oko kufana nejeli yohlobo lwaseMzantsi Khoriya, iinudili zaseTshayina netshizi yaseSwislani … Saba nexesha elimnandi, sibalasela kwimidlalwana yooqashi-qhashi, imidaniso nemixhentso kanti nolwazi-gabalala.”

Umcimbi woSuku leNkcubeko yethu wawusisiphumo seeyure ezininzi ezasetyenzwa ngabafundi nootitshala abacebisayo, nto leyo yaba yimpumelelo ngenxa yocwangciso olwalwenziwe ngobuchule nangenxa yeenkqubo zokuziqhelisa ndawonye nokusebenzisana kwabantu abankcubeko zingafaniyo. Iziphumo zoko ke ngoko yaba zezingenambaliso; kwakukho neembasa ezinikwa amaqela amathathu aphume phambili, mbasa ezo zazisekelwe kwiindlela zokukhetha ezizodwa. Imiboniso yokwazisa yona yanika abafundi ithuba elihle lokwazisa abo babezimase lo mcimbi ngendlela abayibona ngayo le nto iyinkcubeko, ewe, ngenene babesazisa bona buqu, kwaye ngokwenza njalo babuphucula nangakumbi ubuchule babo bokusebenzisa isiNgesi.

Amandla akhuselayo obulwimi-mbini

Yunivesiti ithile yase-Ithali yaxilonga iingqondo zamaqela ngamaqela abantu abaphethwe sisifo sokulahlekelwa yinkumbulo nesaziwa njenge-Alzheimer’s, oko kusenziwa njengenxalenye yophononongo. Isiqingatha kwabo bantu sasilwimi-mbini, ngeli lixa esinye isiqingatha sasilwimi-nye kuphela. Xa ucinga leliphi iqela elaba neziphumo ezincomekayo…

Phaya ekuqaleni kwalo nyaka, iYunivesithi iVita-Salute San Raffaele yaseMilan yakhupha iziphumo zalo zophononongo olwalumalunga negalelo lobulwimi-mbini kwisifo sokulahleklwa yingqondo esaziwa njenge-dementia, sifo eso sidla ngokuzibonakalisa njengesifo iAlzheimer’s. Olunye uphawu lwe-Alzheimer’s kukusilela kobuchopho ekugcineni ubomi buqhubeka, nto leyo kuthiwa yi-cerebral hypometabolism. Oku kuthetha ukuba ingqondo iba nobunzima bokuziguqulela iswekile ibe ngamandla – ingqondo iqalise ukulamba ke ngoko. Loo nto yenze ukuba imisebenzi efana nokukhumbula iqalise ukubanzima.

Abaphandi phofu bafumanisa ukuba izigulane ezithetha iilwimi ezingaphezu kwesinye – ikakhulu isiTaliyane nesiJamani kule meko zaqhuba ngcono kwimisebenzi yethutyana neyethuba elide yenkumbulo ngokuphinda-phindwe kathathu ukuya kwisibhozo kunabo bathetha ulwimi olunye. Oko kube njalo nangona izigulane ezilwimi-mbini zazikhethwe ngokukodwa kuba zinobuchopho obusilela kakhulu ekuguquleni iswekile!

Olu asilophononongo lokuqala ukufumanisa ukuba ukubalwimi-mbini kuya nceda ekulweni isifo sokulahlekelwa yinkumbulo: uphononongo lwaseKhanada olwapapashwa kwijenali yenzululwazi iCortex ngowama-2012 lwafumana ubungqina bokuqala obuphathekayo (ngoxilongo lohlobo lwe-CT) bokuba ukuthetha ubuncinane iilwimi ezimbini kuya kwazi ukulwa neziphumo zeAlzheimer’s. Ukusebenzisa iilwimi ezininzi kukhuthaza ingqondo ekomelezeni iziphelo zemithambo-luvo, kwakhiwe oko izifundiswa zithi nguvimba wengqondo, nto leyo ibambezela ukuqala kwesifo sokulahlekelwa yinkumbulo.

Ngoko ke, nika ingqondo yakho isifundo okanye izifundo ezimbini, ucele umngeni kubahlobo nabalingane beze kwincoko elwimi-ninzi! Njengoko uArthur Fletcher wakha watsho: “Asinto intle ukudlala ngengqondo”.

Ulwazi oluthe vetshe ngesi sihloko:
The impact of bilingualism on brain reserve and metabolic connectivity in Alzheimer’s dementia
Bilingualism as a contributor to cognitive reserve: Evidence from brain atrophy in Alzheimer’s disease