Category: Iilwimi zethu
Iwekhshophu yotokilo engamava – leyo yinto ethe yeza neqela lophandonzulu leeNkonzo zoToliko kwiZiko leeLwimi ukulungiselela iNkomfa yeYunivesithi yarhoqo ngonyaka engeMfundo ngokuFundisa nokuFunda (SoTL) ngowama-29 nangowama-30 kweyeDwarha. Wakhe wazibuza malunga nokwenzeka kubomi nexesha letoliki yezemfundo? Abasebenzi beYunivesithi abebezimase le nkomfa baye bazibophelela ukuba babekwe kwimeko apho bazakutolika kwiimeko zamagumbi okufundela ezingezizo ezokwenyani. Ezi meko zokuzenzisa bezinenjongo ethile eyodwa – ekukunika abathathi-nxaxheba amava okwenyaniso kumntu ngamnye buqu (kunye nesishwankathelo esincinci sentshayelelo) malunga neemfuno, iimvakalelo neenkqubo zengqiqo ezenzeka ngexesha lokutolika kwezemfundo okwenziwa ngaxeshanye nalowo uthethayo.
Nangona abathathi-nxaxheba baye bafumana inkxaso kubahlobo be-SU abaziitoliki ezinamava, inkxalabo ibicace gca ngelixa uEdward de Kock, umbonisi wokuqala, egadlela ngesiNgesi (ngesantya esifanelekileyo) ‘isifundo’ ngembali nebesizakutolikwa ngeAfrikansi. Abathathi-nxaxheba baye bazijula ijacu – amagama eziphumela eqengqeleka, kwakunye nokubhedulula amehlo, ukuphefumlela phezulu, ukuhleka kancinci ngenxa yexhala nokundumzela obekuthi kwenzeka xa kunzima ukufumana amagama afanelekileyo ngokukhawuleza. Ingxelo edlamkileyo ethe yalandela emva kweseshoni yokuqala yesifundo ibiquka amagama namabinzana afana nokuthi “ukuphosa igama nje elinye kundenze ndaphulukana nawo wonke umongo”, “uhlobo lwesigama lulo oluye lwandikhupha endleleni”, “andizange ndaqonda ukuba kunzima kangakanani” kwakunye nokuthi “nisithatha phi esi sigama?!”
Nangona ubumnandi nolonwabo belukhona ngethuba lale wekhshophu, yona ibingumcimbi ondilisekileyo. Abathathi-nxaxheba baye bafumana ukuyiqonda ngcono imingeni nobumnandi botoliko lwezemfundo, ubugcisa beqela lezotoliko kwiZiko leeLwimi kwakunye nokubaluleka kotoliko e-SU. Utoliko lusebenza njengohlobo lwenkxaso ngokujoliswe kwiilwimi, oluqulathwe kwiPhepha-nkqubo lezeeLwimi lase-SU, ukuncedisa abafundi abasokola ukuluqonda ngokufanelekileyo ulwimi ekuhlohlwa ngalo kumagumbi okufundela. Ngokusebenzisa utoliko bangatsho bafumane ukufikelela ngokupheleleyo koko kuqulethwe zizifundo ezo, bazuze ekugqithisweni kolwazi olunokuqondwa baze baxhamle ekudalweni kweengqweqwe ngeengqweqwe zentsingiselo.
27 November 2019 Tags: Educational interpreting , experiential interpreting workshop , layered meaning creation , SoTL , SU Language Policy
Abafundi abasuka kumazwe angaphandle abanomnqweno wokuphucula ulwazi lwabo lolwimi lwesiNgesi banethuba lokubhalisa kwiNkqubo eNzulu yesiNgesi yeZiko leeLwimi (IEP). Le nkqubo ikhuthaza abafundi abakumanqanaba ohlukeneyo ngaphakathi kwi-IEP ukuba badibane ngooLwezihlanu bedibanela iwekhshophu yeelwimi ejoliswe ekubeni banxibelelane bethetha ulwimi lwesiNgesi.
NgoLwesihlanu, owama-23 kweyeThupha (Agasti), abafundi bethu bakaloku nje be-IEP abasuka kumazwe angaphandle baye bathabatha uhambo kwiGadi yeZityalo neZilwanyana yase-SU bekhokelwe yinkokeli enolwazi kakhulu kwaye enikisa umdla, uSandiswa Kula. Uye wabalisela abafundi amabalana amnanjana ebanika nolwazi malunga neentlobo ngeentlobo zezityalo, izinambuzane, izilwanyana kunye neentaka ezinokufumaneka kwezi gadi. Abafundi baye batyelela izindlu zeglasi eziliqela, amachibi ezityalo ezikhula phantsi kwamanzi, ihlathi elaziwa njengeBonsai, amatyholo ezityalo zohlobo lweProtiya kunye negadi yezityalo ezinokusetyenziswa nje ngeziqholo, babuza imibuzo baze bathelekisa izityalo nezilwanyana abazibonileyo kunye nezo zakumazwe abo.
Ibhloko ye-IEP iquka iiyure ezingama-20 zokuhlohlwa kolwimi lwesiNgesi ukususela ngentsimbi ye-9:00 ukuya kweye-13:00, ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, iiveki ezi-8. Abahlohli abafundele ukufundisa ulwimi lwesiNgesi njengolwimi lwangaphandle bafundisa besebenzisa iintlobo ngeentlobo zeencwadi zezifundo kunye nemithombo yoncedo elungiselelwe oko ukuze baphucule izakhono zabafundi zokufunda, ukubhala, ukuthetha kunye nokumamela. Ngaphezu koko kunikwa ingqwalasela kwigrama, ukubizwa kwamagama kunye nokwandiswa kolwazi lwamagama esiNgesi. Abafaki-zicelo abatsha babhaliswa uvavanyo lokungeniswa kwi-IEP, vavanyo olo luncedisa ekubeni umfundi ngamnye afakwe kwinqanaba le-IEP elimfaneleyo.
Imihla yeebhloko ezilandelayo ihamba ngolu hlobo lulandelayo:
2019: 14 kweyeDwarha (Okthobha) ukuya kowe-6 kweyoMnga (Disemba)
2020: 3 kweyoMdumba (Febhruwari) ukuya kowama-27 kweyoKwindla (Matshi), owe-6 kwekaTshazimpuzi (Epreli) ukuya kowama-29 kwekaCanzibe (Meyi), owe-8 kweyeSilimela (Juni) ukuya kowama-31 kweyeKhala (Julayi), owe-11 kweyeThupha (Agasti) ukuya kowe-2 kweyeDwarha (Okthobha), owe-12 kweyeDwarha (Okthobha) ukuya kowe-4 kweyoMnga (Disemba).
Ukuba unomdla okanye ungathanda ukufumana ulwazi oluthe vetshe, qhagamshelana nomququzeleli we-IEP kwiZiko leeLwimi, uShannon Bishop .
17 September 2019 Tags: English language instruction , Intensive English Programme , international student
USanet de Jager, oyitoliki yeZiko lezeeLwimi, uye wathabatha inxaxheba kwiprowujekthi yeYunivesithi engokhenketho, ekunjongo yayo ikukuba abafundi nabasebenzi base-SU bathabathe inxaxheba kwiinkqubo ezingotshintshelwano kwinqanaba lehlabathi liphela. USanet uchithe iinyanga ezintathu kwiYunivesithi yaseBologna e-Italy, kwaye siye ke sadlana iindlebe kunye naye saze samcela ukuba asixelele kabanzi ngohambo lwakhe.
Kwenzeke njani konke oku? “Ndiqale ukuva ngolu tshintshelwano ngomlawuli wethu, uGqr Kim Wallmach, ngelixa lentlanganiso engophando-nzulu olujoliswe kwimicimbi yezeeNkonzo zoToliko. Ndiye ndafaka isicelo sotshintshelwano lwe-Erasmus+ kwi-Ofisi yeHlabathi Jikelele kwaze kwathi emva kwesithuba senyanga, ngekaCanzibe (Meyi) 2019, ndazifumana ndingqongwe yimbali, ubutyebi bezophando-nzulu kunye neekofu zohlobo lwe-espresso ezixabisa iyuro enye nge-espresso nganye. Indima yam kolu tshintshelwano ibikabini: Ndiye nje ngetoliki yeZiko lezeeLwimi (LC) ukuze ndakhe ubuhlobo obuluqilima nokuze nditshintshelane ngolwazi olumalunga nomsebenzi, ndabe ndikwaye nje ngomfundi ukuze ndenze uphando-nzulu lwam lwee-Mastasi kumsebenzi woGuqulo lweeLwimi, nolugxile ngokukodwa kumahluko phakathi kwethoni yentetho etolikwayo nentetho eqhelekileyo.”
Ubuzinze phi? “ISebe lezoToliko noGuqulo lweeLwimi (DIT) lakwiYunivesithi yaseBologna lifumaneka kwidolophu iRomanesque yaseForlì malunga nohambo ngololiwe lweyure ukusuka eBologna. Yeyona ndawo ke bendiyibiza ngekhaya leyo. Ekuncokoleni kwam nomququzeleli wam uProfesa Mariachiara Russo, kuye kwandicacela ukuba ‘iipolitiki zezeelwimi’ akuyonto iphila eMzantsi Afrika kuphela. Le yunivesithi ifumana abafundi abaliqela abangotshintshelwano kwaye ngenxa yoko ezinye izifundo kule yunivesithi zihlohlwa ngolwimi lwesiNgesi – nto leyo inokuthi ixhomise amehlo kwilizwe elikhuthaza imfundo engeelwimi zenkobe kubemi balo.”
Ubusenza ntoni pha? “Mna noGqr Wallmach sibe nenyhweba yokwabelana kunye nabo malunga nendlela iYunivesihi yaseStellenbosch (SU) ekhawulelana ngayo nomba wosetyenziso lweelwimi ngeelwimi nokuba i-LC ibonelela kanjani na ngezisombululo ezineenkalo ngeenkalo kwimingeni yezeelwimi, nalapho esinye sezo zisombululo ikukutolika ngokufundisayo. Ndiye ndathetha ngemisebenzi yemihla ngemihla yetoliki efundisayo, ndabelana ngeendlela esivavanya ngazo umsebenzi, uqeqesho lwethu, iishedyuli kwakunye nophando-nzulu lwethu lwakaloku nje malunga nomsebenzi wetoliki. Abe-DIT babonakele benomdla ngokukodwa kwiiNkonzo zethu zoToliko, kangangokuba uProfesa Russo uye wandwendwela i-SU ekupheleni kweyeKhala (Julayi) ukuze azibonele ngokwakhe olu toliko lungokufundisayo nokuze aphande ubungakanani bokukwazeka kokusungulwa kweprowujekthi eyinzame engotoliko kwiYunivedsithi yaseBologna ngaphakathi kwi-DIT.”
17 September 2019 Tags: Department of Interpreting and Translation , differences in intonation , Erasmus+ exchange , interpreting , language politics , Mariachiara Russo , Motoko Ueyama , multilingualism
“Kulo nyaka kuye kwasala iincwadi ezenza isiqingatha sebhokisi kuphela emva kweTsunami yeeNcwadi,” kutsho uGqr Vernita Beukes, ongumhlohli wakwiZiko leeLwimi nokwangumququzeleli weTsunami yeeNcwadi yeZiko yarhoqo ngonyaka, nethe yenzeka ngoLwesihlanu we-6 kweyoMsintsi (Septemba) kulo nyaka.
ITsunami yeeNcwadi le ihambisana kunye neprowujekthi ka-Emma Watson engeeNcwadi, ekhuthaza abantu ukuba bashiye iincwadi kwiindawo zoluntu ukuze abanye abantu bazifumane, bazifunde baze bashiye ezabo nabo ukuze zifunyanwe zize zifundwe ngabanye. UVernita kunye nabanye oogxa bakhe basemsebenzini sele besebenze ngeencwadi kwiZiko laBafundi iNeelsie isithuba seminyaka emithathu ilandelelana. “Sipakisha iincwadi kwakusasa kakhulu, ukuze sothuse wonke othe wangena ezokufuna ikomityi yakhe yokuqala yekofu ngencwadi”. Kunyaka ngamnye iTsunami yeeNcwadi ibanjwa kufuphi kangangoko nomhla we-8 kweyoMsintsi (Septemba), nonguMhla ongokuFunda nokuBhala weHlabathi. Umongo wayo kulo nyaka ubungokufunda nokubhala kunye nosetyenziso lweelwimi ngeelwimi.
“Ngale ndlela, sibuyekeza uluntu uluntu kwaye sibhiyozela ukubaluleka kosuku lwehlabathi,” ucacise watsho uVernita. IZiko leeLwimi likwazibandakanya kunye noluntu ngokuthi libe neeseshoni zokufundelwa kwabantwana kwiikhreshi zezikolo zaseStellenbosch, eCloetesville, Idas Valley, Jamestown, Kylemore nasePniel. Asiqinisekanga ukuba ngubani oyena uzonwabela kakhulu ezi seshoni phakathi kwabantwana kunye nalowo ubafundelayo!
Inene uchulumanco lokufunda luyosulela. Ukuba ungathanda ukuluzama, ungaqhagamshelana noVernita ukuze ubhalisele ukuba ngomnye wabo bafundela abantwana, okanye mhlawumbi ungaxhamla ekusebenzeni neLebhu yethu yokuFunda. ILebhu yokuFunda yakwiZiko leeLwimi inceda abafundi beencwadi abangabantu abadala ukuba bafunde ngokukhawulezisa nangobukrelekrele – akukhathaliseki noukuba oko kufundwayo ziingxelo zezoshishino, amanqaku ophando-nzulu okanye iiteksbhuku. Ukuze ufunde kabanzi ngale Lebhu yokuFunda, thumela i-imeyile ku-Marisca Coetzee .
17 September 2019 Tags: book tsunami , books , International Literacy Day , literacy , Reading Lab , tsunami
Kunqabile ukuba sifumane isicelo esivela kumntu ofuna ukuza eMzantsi Afrika iinyanga ezintathu azokufunda isiAfrikansi.
Kodwa oku kwenzekile kutsha nje. U-Wietse Hilverda, usomashishini waseDatshi ohleli e-Aix, eFransi, le minyaka ilishumi idlulileyo, watyelela eStellenbosch ngo-2018 ngenxa yesi sizathu ngqo: wayefuna ukuxoxa ngethuba lokusungula isifundo esixonkxiweyo solwimi lwesiAfrikansi ekunye nabalingane ababini u-Helga Sykstus no-Arne Binneman abakwiZiko leeLwimi. Isiphumo soku saba kukusungulwa kwesifundo esifutshane esithi ‘ulwimi lwesiAfrikansi kunye nenkcubeko esenzelwe abathetha isiDatshi’, athe wasilandelela uWietse ukusukela ekupheleni kwenyanga kaMatshi kulo nyaka kuVimba wokuFunda iiLwimi weZiko leeLwimi (Language Learning Hub). U-Helga wathetha no-Wietse ukuze afumanise ukuba uziva njani ngokongezwa kolwimi lwesithandathu.
Kutheni oku kusenzeka e-Stellenbosch?
Ngokoluvo lwam, i-Stellenbosch isabonwa njengeziko lesiAfrikansi kwaye iseyeyonda ndawo ehamba phambili ekufundiseni olo lwimi. Utyelelo lwam lwango-2018 ndandilwenzele ukuthath’ isigqibo, ekugqibeleni, ukuba le yeyona ndawo efanelekileyo.
Ebenjani amava wakho woko ubukulindele xa ubuwathelekisa namava wakho ekugqibeleni?
Amava wam aye angcono kakhulu xa ndiwathelekisa noko bendikulindele! Izizathu zoku luguquguquko lwenkqubo, izihloko ezisetyenziselwa ukukukhuthaza iingxoxo nokuhlangana nabanye abemi boMzantsi Afrika, nto leyo endinike umfanekiso owahlukileyo notyebileyo weli lizwe kunye nabantu balo. Ngokunjalo nangolwimi olutyebileyo. IsiAfrikansi.
Zithini izimvo zakho ngabantu abantetho isisiAfrikansi?
Abantu abathetha isiAfrikansi abangobantu baseYurhuphu kangangoko bendicinga. Endaweni yoko ngabaseMzantsi Afrika ngokupheleleyo. Oku ndikusekele kwingqiqo yokuba bayaluthanda olu lwimi, ilizwe ngokunjalo nabantu balo. Olu hlobo lunje lokuzimanyanisa lufumaneka nzima eYurophu. Abemi boMzantsi Afrika nje ngokubanzi, bayathanda ukubanovakalelo kakhulu kwaye ngokokubona kwam ingathi basoloko bekuqwalasele kakhulu oko kwenzekayo apho bakhoyo.
Ingaba ikhona na into ethe yakumangalisa ngokupheleleyo?
Ewe: yindlela abantu abasithanda ngayo isiAfrikansi. Yindlela abantu abafuna ukuthetha ngayo nam. Indlela abantu abanobubele nabamamkela ngayo umntu ngokunjalo nendlela abakuxabise ngayo ukufuna kangaka kwam ukufunda ukuthetha isiAfrikansi.
Ingaba unawo amagama owathandayo kwisiAfrikansi?
Ewe yhu! umzekelo:- Lekker. Snaaks. Padkos. Goed gaan. Vinnig. Kosmandjie. [Iinguqulelo ezisondeleyo: Lekker… yena ke, uhlala enjalo engu-lekker. Ukuhlekisa. Umphako. Hamba kakuhle. Khawuleza. Imantyi yokutya.]
Ndinomdla ngakumbi kumagama angoosinga-bahlobo – amagama akhoyo kwisiAfrikansi nakwisiDatshi kodwa abe eneentsingiselo ezahlukileyo.
Isifundo asifundayo u-Wietse siqhutywa nguVimba wokuFunda iiLwimi (Language Learning Hub), inyathelo elitsha elisuka kwiZiko leeLwimi, elibonelela abaxumi ngendawo yokufunda isiAfrikansi kwaye liyaqhubeka ngokuphucuka. Esi sifundo sigxile kwimbali etyebileyo ekwabelwana ngayo sisiDatshi nesiAfrikansi kambe nakumahluko okhoyo kwinkcubeko yolwimi lwesiAfrikansi nakuluntu lwaso.
Ezinye izifundo ezifutshane ezifundiswa nguVimba wokuFunda iiLwimi (Language learning Hub) zijoliswe kumalungu oluntu anomdla ekufundeni ulwimi lwemihla ngemihla lwesiAfrikansi okanye lwesiXhosa ukuze alusebenzise ekuhlaleni. Imeyilela u-Helga okanye i-Arné ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe.
25 June 2019
Kulo nyaka ngenyanga kaTshazimpuzi, isichazimagama sesiAfrikansi esiquka konke ngokubanzi esiyimiqulu ngemiqulu nesigama lithi Woordeboek van die Afrikaanse Taal (i-WAT), sikhuphe umqulu waso weshumi elinesihlanu, nosisiqendu sesibini sonobumba ongu-S. Lo mqulu uqulethe amagama esiAfrikansi afana nathi “skool” ukuya kwelithi “Sri Lankaans”. Esi sichazimagama sikwanesihlomelo esiqulethe amagama amatsha asukela ku-A ukuya ku-S sesona songezelelo sasidingeka kakhulu ukususela mhla kwavela uMqulu woku-1 we-WAT (amagama asukela ku-A ukuya ku-C) ngo-1951. Mhlawumbi ngelo xesha amagama athi ‘amabokoboko’ (iqela lombhoxo kuzwelonke eMzantsi Afrika), ‘beurtkrag’ (ukucimacima kombane) kunye no-‘google’ ayengenakucingwa nokucingwa. I-WAT yaqala ukusetyenzwa ngokusemthethewni ngo-1926 kwaye ngo-1929 iYunivesithi yaseStellenbosch yaluthathela kuyo uxanduva lwesi sichazimagama.
Ukususela ngenyanga yoMqungu, iqela labahleli be-WAT belisoloko lisebenza ngomqulu wesithathu kunye nowokugqibela ngenjongo yokufezekisa umsebenzi ongonobumba u-S, msebenzi lowo omele ukuba mawugqitywe kule minyaka mibini izayo ukuba yonke into ihamba ngokwesicwangciso. Kuye kwatyunjwa amanye amalungu kunyaka odlulileyo ukwenzela ukuba i-WAT ifike ku-Z ngo-2029.
I-WAT, umzekelo, inamanye amagama amaninzi kunye neengcombolo ezininzi kune-HAT, (Handwoordeboek van die Afrikaanse Taal ,) – isichazimagama esingumqulu omnye). Enyanisweni, injongo yaso kukushicilela isigama sesiAfrikansi ngokubanzi kangangoko kunokwenzeka. Ngako oko i-WAT ingumsebenzi wokubhekisa ogunyazisiweyo owenzelwe nabani na ofuna ukuqiniseka ngokupheleleyo okanye abo baphanda ngamagama esiAfrikansi. Sikwafumaneka ngeintanethi – nakumaqonga weeselula. IZiko leeLwimi lingathanda ukuvuyisana ne-WAT ngokugqiba uMqulu we-XV (cacileyo phofu singabasebenzisi abathanda kakhulu ukusebenzisa i-WAT).
Asinguye wonke umntu owaziyo ukuba zeziphi izixhobo zolwimi ezikhoyo okanye zifumaneka phi. INkonzo yeeLwimi isungule ikhasi lezixhobo ukwenzela oosozilwimi balo. Eli khasi lifikeleleka kumntu wonke kwaye liqulathe amakhonkco eentlobontlobo ezininzi zezichazimagama zelektronika, izintlu zamagama kunye noluhlu lwesigama. Inguqulelo yamva nje yeNkonzo yeeLwimi, yoLuhlu lwamaGama Afanayo oGuqulolwimi phakathi kwesiNgesi nesiAfrikansi iza kufumaneka apha. INkonzo yeeLwimi ibonelela abaxhasi nokuba baphi na ehlabathini ngenkonzo yobuchule yokuhlela kunye neyoguqulolwimi. Imeyilela isicelo sakho kuMarguerite – sinokukunceda ngeelwimi ezili-15 ubuncinane!
25 June 2019
Kungxamisekile! Kusuka kumbutho owaziwa kakhulu! Shukuma ngoku!
Mhlawumbi yinkohliso …
Ukuba usebenzela inkampani enkulu, kungenzeka ukuba ukhe wazifumana ii-imeyili ezisuka kwisebe le-IT, ezikulumkisayo ngohlaselo lweimeyili yobuqhetseba (phishing). Isizathu sezo zilumkiso zinjalo sisenokuba sesokuba kukho umntu ocofe kwikhonkco kwi-imeyili ebizama ukuntshontsha amagama wabasebenzisi, iiphasiwedi okanye iinkcukacha zebhanki, kwaye maninzi kakhulu amathuba wokuba loo nqevu usebenzise iakhawunti yalo mntu ukusasaza ii-imeyili ezininzi zobuqophololo (phishing).
I-Verizon, inkampani yonxibelelwano ngomnxeba e-USA, yafumanisa ukuba kuthatha ngaphezu kwesiqingatha seyure (ngokomyinge) ukuba umqeshwa ayixele i-imeyili erhanelekayo. Ngenxa yoko, ngexesha lemizuzu nje engama-30, umntu omnye ubuncinane uyakuba sele ebambisekile emgibeni, ngokweenkcukachamanani. Wakubambiseka emgibeni, uya kuhendeka ze mva koko ujongane neziphumo zoko.
Iindaba ezimnandi zezokokuba eyona ndlela ingundoqo yokuphepha iimeyili zobuqhetseba iphaya kulwimi.
Ngethuba leNgqungquthela yamaZwe ngamaZwe ye-12 eyayingokuSebenzisa iKhompyutha kwiSemantiki ngo-2018, eyayisingathwe liZiko lobuNjineli kwezoMbane neze-Elektronika (i-IEEE), abaphandi baye babonisa ukuba, ngokuhlalutya ulwimi olusetyenziswe kwii-imeyili zobuqhetseba, banakho ukuzibona ngokuchanekileyo nangakumbi ii-imeyili ezizama ubuqhetseba kunenkqubo ephambli yokulwa ubuqhetseba kwiimeyili, nkqubo leyo iyeyenkampani yesayibha (yokhuseleko kwezobuchwepheshe obungeekhompyuta) iNetcraft. Omnye wemikhondo ephambili othe wabonwa ngabaphandi kukuba ii-imeyili zobuqhetseba soloko zivakala zingxamisekile, ziqulathe iintetha ezinjengokuthi “Tshintsha ngokukhawuleza” okanye “Thumela kwiiyure ezingama-24 ezilandelayo”. Okunye okukrokrisayo yindlela abizwa ngayo lowo ubhalelwayo – ngohlobo oluthile okanye ngendlela engabhekisi mntwini njengokuthi “Mthengi othandekayo”, nto leyo ifuna ukuba ulumke! Enye into onokuzibuza yona yeyokuba: Ingaba zikhona iimpazamo zopelo? Amaxesha amaninzi iimpazamo zopelo nezokubhala ziba ziimpawu ezibonisa mhlophe ukungathembeki, nto leyo ekubangela ukuba ube nemibuzo malunga nomthombo wembalelwano leyo.
Ukuba awunasiphiwo sobungcali kwiilwimi, hlala koku kulandelayo:
Qinisekisa ukuba i-imeyili kunye needilesi zewebhusayithi ezikwi-imeyili engenasihla.
Musa ukuchofoza naliphi na ikhonkco kuyo nayiphi na i-imeyili – ngaphandle kokuba uyayazi into yokokuba umthumeli kunye nekhonkco bathembekile.
Musa ukuziphendula izicelo ezifuna iingcombolo zakho zobuqu okanye ezimele kukhuselwa. Inyaniso yamandulo isasebenza nanamhla oku – ukuba into ivakala njengogqithiso, mhlawumbi ilulo.
Gcina iiphasiwedi zakho ziyimfihlo ngawo onke amaxesha, nokuba ucinga ukuba unokuwuthemba umthombo ocela iiphasiwedi zakho.
Ngelishwa, kuphithizela ii-imeyili zobuqhetseba phandl’ apha. Hlala uthe qwa ngawo onke amaxesha!
25 June 2019
UMzantsi Afrika uhleli ulilizwe elisoloko linomtsalane kuye, utsho uNjing. Carel Jansen, umenziphando weZiko leeLwimi, obelapha kwakhona ngoMatshi esuka eNetherlands. Yiyo loo nto ethe walitsibela ithuba lokutyelela eMzantsi Afrika ngelixa iManyano yoLwimi lwesiDatshi yayifuna ukuqalisa ngokukhuthaza unxibelelwano phakathi kweeyunivesithi zaseNetherlands nezaseMzantsi Afrika phakathi kwiminyaka yoo-1990. Watyelela iStellenbosch, iPitori kunye neRhawuti okokuqala ngo-1996 kwaye ukusukela ngoko sele ewutyelele uMzantsi Afrika amatyeli asondeleyo kwangama-40. Abantu, iilwimi, izilwanyana, iimbonakalomhlaba kunye noomahluko – konke oku, kuye kusahleli kungamava amangalisayo kumaxesha ngamaxesha. Elona gama alithandayo lesiAfrikansi? Uthe lelithi “Klopdisselboom ”.
ENetherlands, uCarel ngoku ungunjingalwazi odl’ umhlalaphantsi kwiZifundo zoNxibelelwano neeNgcombolo kwiYunivesithi yaseGroningen emva kwexesha elide lempumelelo yokusebenza kumaziko emfundo ephakamileyo. Waqala waphumelela kwizifundo zokuba ngusozilwimi, emva koko wajolisa kwizifundo zoyilo lwamaxwebhu, ukufundeka nonxibelelwano kwezempilo – zifundo ezo asazithanda kakhulu nanamhlanje.
Waqala ukuqhogana neZiko leeLwimi ekuyeni ekupheleni kweminyaka yoo-1990, nto leyo eyakhokelela kwisivumelwano sokuba abe ngumhlohli olindwendwe phakathi kwakhe noNjing. Leon de Stadler (owayenguMlawuli weZiko leeLwimi) kwiiyunivesithi abasebenza kuzo – kwimeko kaCarel, waqala kwiYunivesithi yase-Utrecht, waza waya kwiYunivesithi yaseNijmegen kwaye ngoku ukwiYunivesithi yaseGroningen. KwiYunivesithi yaseStellenbosch, wayengunjingalwazi odl’ umhlalaphantsi ngaphambili kwaye ngoku ungumenziphando kwiZiko leeLwimi. Apha, ukhokela iprojekthi yophando engophuhliso nophuculo lwefomula entsha yokufundeka kwesiAfrikansi nentlaninge yabo asebenza nabo: Abasebenzi beZiko leeLwimi, ezinye iingcali kunye nabanye babafundi abasele benesidanga semfundo enomsila kwisiDatshi.
UCarel ukwangomnye wabahleli bencwadi esanda kupapashwa kutsha nje engonxibelelwano lobuchule egama lithi Communicate as a professional (Nxibelelana njengechule) , ekhutshwe yi-Amsterdam University Press. Le ncwadi isekelwe kwincwadi yokufunda yesiDatshi ethi Leren Communiceren ( Funda ukunxibelelana) , angomnye wababhali kuyo. Kambe e ncwadi ithi Nxibelelana njengechule yenzelwe ukuba ifundwe kwihlabathi. Funda ngakumbi malunga nale ncwadi apha . UCarel uceba ukufundisa isifundo esifutshane esingonxibelelwano lobuchule esisekelwe kule ncwadi, ebambisene nelebhu yethu, iComms Lab, xa ephinda etyelela uMzantsi Afrika kwinyanga yeDwarha kulo nyaka. Kunyaka ophelileyo wanikezela apha ngesifundo esifutshane esidume kakhulu esingoyilo lwefomu, sifundo eso aza kuphinda anikezele ngaso kwinyanga yeDwarha. Thumela i-imeyili kuMichelle Pieters malunga neenkcukacha ezithe vetshe ngezi zifundo zimbini.
4 April 2019
I-MI(SA), yenze umboniso kwiWoordfees 2019, ingumboniso okhuthazayo wethiyetha. Ingumculo oqulathe imas entlandluntathu: iMissa Luba (Imas yaseLatini imiselwe kwiintlobo ezintathu zemiculo ezisuka eDemocratic Republic of Congo), iMisa Criolla (iyenye yeemasi zokuqala ezingeyiyo eyasiLatini) kunye neMI(SA) ngokwayo, imas yoMzantsi Afrika entsha ebhalwe yimbhongi yeAfrikansi uAntjie Krog yaze yaguqulelwa kumculo nguAntoni Schonken. Lo mboniso ubandakanya amalungu ahlukeneyo weOpera yaseKapa, abadanisi abathandathu, iikhoriyografi ezimbini kunye noAmanda Strydom.
Kodwa oku ayikuko okuphawula le mveliso njengekhethekileyo okanye ebalulekileyo. Kananjalo, ukusetyenziswa koLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) kunye nokubandakanywa kweetoliki ezimbini ze-SASL eqongeni ngelixa lemas yobungcisa yehlabathi, kunentsingiselo, kodwa akuchazi nto.
Yintoni eyenza le mveliso ibe yeyodwa, kukuba kokokuqala kubandakanywa i-SASL kunye neetoliki ze-SASL ekusekweni komdlalo wethiyetha ukusukela kusuku lokuqala lokuziqeqesha. (Ukunika oku umxholo: i-SASL njengolwimi lwasekhaya yaqukwa kwiimviwo zematriki okokuqala ngqa ngo- 2018.) “Ukusetyenziswa kwe-SASL nendlela eyahlanganiswa ngayo kule mveliso kwasekuqaleni kwayo kokokuqala eKapa,” utsho uMarsanne Neethling.
NgokukaMarsanne, oyitoliki yeZiko leeLwimi onamava amakhulu okutolikela iZithulu kwiimeko ezininzi ezohlukeneyo – kuquka amagumbi okufundisela neethiyetha – ukusilela kokuvezwa kwimisitho efana nale kuthetha ukuba abantu abaninzi abaziZithulu bazingca bengazingci ngenkcubeko okanye nge-SASL yabo. Uyakuvuma ukuba ukuthatha kwakhe inxaxheba kwiMI(SA) “kunento yokwenza nokwazis’ uluntu”.
Kodwa ukufundisa abadlali i-SASL baze bayisebenzise ngelixa becula, kunye nokuphuhlisa imiqondiso emininzi yezimbo zokubonga, kwenzeka izinto zibentathu. Okokuqala, iindawo eziphambili zenkcubeko zenziwa zifikeleleke kuluntu oluziZithulu. Okwesibini, i-SASL iphuculwa ngendlela enye naleyo kwandiswa ngayo naluphi na ulwimi yimibongo. Okwesithathu, ngesiquphe abona babukeli baphambili baziswa nge-SASL kweyona ndawo yenkcubeko ephezulu, nto leyo eyandisa ukwaziswa kwe-SASL kunye noluntu oluziZithuli. Ukuba ungathanda ukwabelana ngokubukela le miboniso, i-MI(SA) iyaboniswa kuMnyadala iSuidooster Festival kwinyanga kaTshazimpuzi.
Iitoliki ezisuka kwiZiko leeLwimi zazikhona kwiingxoxo zemicimbi etshisayo ngexesha leWoordfees yamva nje. Ukuba ungathanda ukuqinisekisa ukuba ziyaviwa zonke izimvo zabantu nakweyiphi na intlanganiso, iingxoxo okanye kuhlobo lweenkqubo oziququzelelelayo, qhagamshela uNanette van den Berg ukuze ufumane iingcali zeetoliki eziqeqeshiweyo, nezinamva.
4 April 2019
ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele leYunivesithi yaseStellenbosch liqalise iprojekthi ebandakanya ibali labantwana lokuba izithethi ezisencinci zeelwimi ezahlukeneyo, abasebenzisi abangabantwana boLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) kunye nabazali babo bangalonwabela kunye.
Olu luvo lusuka kumsebenzi owenziwe ngabazalanayo ababini baseBeljiyam, uFilip noHilde Verhelst, abaziZithulu. Bapapasha incwadi yabantwana, esihloko sithi Gebarentaal Redt, ngo-2013. Le ncwadi ihamba neDVD elwimimbini ezisisiDatshi noLwimi lweZandla lwesiDatshi ukubalisa ibali likaNoah, ingonyama encinci esiSithulu, eyathi yahamba yayokuntywila nomhlobo wayo onguAdam. Nangona esiva yena uAdam, bancedwa yinto yokokuba banakho ukusebenzisa ulwimi lwezandla xa kukho into engahambi kakuhle phantsi kwamanzi.
ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele lithenge amalungelo oguqulolwimi kule ncwadi kwaye liceba ukukhupha iseti yencwadi neDVD ngeelwimi ezintlanu zaseMzantsi Afrika. Inguqulelo yoMzantsi Afrika iza kwenza iintsapho zikwazi ukumamela kulwimi lweAfrikansi, lwesiNgesi, lwesiXhosa okanye olwesiZulu ngelixa zibukele ibali le-SASL. Kwakhona ababukeli baza kukwazi ukulilandela ibali elikule ncwadi, equlathe imifanekiso efanayo nenguqulelo yebali elenziwe lula ngokubaliswa kwiDVD.
UNjing. Frenette Southwood (usihlalo weSebe leZifundo zeeLwimi Jikelele) uthi banethemba lokukhupha isithathu sokuqala saloo mabali ngoSuku lweNcwadi lweHlabathi (ngomhla wama-23 kwekaTshazimpuzi). Abantu abanomdla bangaqhagamshelana nomhleli uVanessa Reyneke , ukuze bafumane iinkcukacha ezithe vetshe.
Eli Ziko leeLwimi lineetoliki ezimbini zeelwimi zokuthetha ngezandla ezitolikela abafundi abaziZithulu kwiFakhalathi yezeMfundo. Qhagamshelana no-Vicki malunga neenkcukacha ezithe vetshe ngotiliko lwe-SASL kule Yunivesithi.
4 April 2019