Ngaba imodyuli yakho iyalusebenzisa utoliko, okanye ungathanda ukusebenzisa ukutolika kwimodyuli yakho? Ootoliki beNkonzo yokuTolika yeZiko leeLwimi le-SU bayafumaneka kwi-intanethi ukuze batolikele abafundi abangathanda ukusebenzisa le nkonzo.
Kwisimestha yesibini, sizame ukuyenza lula le nkqubo kwaye ingabina kuxakekiswa lulawulo. Ukwenza oku, iNkonzo yokuTolika yiyo eya kucwangcisa zonke iiseshoni zesiNgesi, zesiAfrikaans nezesiXhosa (apho kufanelekileyo) eziyimfuneko xa kutolikwa kwiMS Teams.
Nceda ufunde ezi nkcukacha zilandelayo ngononophelo ukuze uqinisekise ukuba imodyuli yakho qinisekileyo ifakiwe kwithayimthebhile yethu.
Yintoni etshintshileyo?
- Akusekho mfuneko yokuba uzicwangcise ngokwakho naziphi na iintlanganiso. Iqela leNkonzo yokuTolika lilo eliya kucwangcisa zonke iintlanganiso eziyimfuneko ukwenzela ukuba ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho umenywe ngokunjalo, ukuze ube nokufikelela ngokupheleleyo.
- Kuya kubakho ilinki enye kuphela yolwimi ngalunye (isiAfrikaans kunye/okanye ne(i)siXhosa) kwiiseshoni ezitolikwayo eziya kuthi zisetyenziswe ngabafundi kwiklasi nganye phakathi evekini. Oku kuthetha ukuba kufuneka ubeke ilinki enye kuphela kwiSunLearn kube kanye. Abafundi abayi kuba nakufikelela kurekhodisho lwentlanganiso okanye kwincoko xa bephumile kwiseshoni.
- Uya kufumana ‘iKhithi yokuTolika’ eneelinki zeSunLearn, iikhowudi zeQR onokuzisebenzisa eklasini kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano zikatoliki wonxibelelaniso ejongene nemodyuli yakho.
- Kufuneka uqinisekise ukuba zifakiwe iinkcukacha zeeseshini ezicwangcisiweyo ngokwamkela izimemo zentlanganiso kwaye uphendule i-imeyile utoliki wakho wonxibelelaniso akuthumelele yona. Imodyuli iya kufakwa kwithayimthebhile yethu kuphela xa uthe waqinisekisa ukuba iinkcukacha zezakho.
Yintoni esafanayo?
- Usenofikelelo olupheleleyo kwiMS Teams neemvume zokungena kuzo zonke iintlanganiso.
- Usenako ukuma uqalise ukurekhoda iseshoni yesiNgesi – ngamanye amagama, isifundo sakho – uzidawunlowudele irekhodi leyo usenzela ezakho iinjongo. Abafundi abayi kuba nokufikelela kwez rekhodi ngaphandle kokuba kuvunywe nguwe oko.
- Usenokwenza isigqibo sokuba ootoliki kufuneka basirekhode kusini na isifundo esitolikiweyo – asisokuze sizirekhode izifundo ngaphandle kwemvume yakho. Unakho ukuzidawunlowudela isifundo esitolikiweyo usenzela iinjongo zakho. Abafundi abayi kuba nokufikelela kwez rekhodi ngaphandle kokuba kuvunywe nguwe oko.
- Usenako ukubeka iliso kuhanjo lweklasi. INkonzo yokuTolika iya kuqhubeka nokugcina ingxelo yabafundi abasebenzisa inkonzo yethu kwaye inokwenza ukuba olu luhlu ube nako ukulufumana. Icebiso: Qinisekisa ukuba abafundi bakho bayayiqonda into oyithethayo xa usithi “ukuhamba iklasi”, ukuba oku kuyimfuneko kwimodyuli yakho – umzekelo, ukuba bafanele ukuba babekho buqu eklasini OKANYE banokusimamela ngaxeshanye kwi-intanethi isifundo.
- Abafundi ufuneka ubanike ilinki okanye ikhowudi yeQR ye(yee)seshoni e(ezi)tolikiweyo oko ukwenza kwiSunLearn okanye naseklasini. Ukuqinisekisa ukusetyenziswa okufanelekileyo koMgaqonkqubo weeLwimi, bonke abafundi kufuneka bafikelele ekutolikeni ngawo onke amaxesha kwiimodyuli ezibekelwe ukutolika ngokwesicwangciso sophumezo lolwimi lwefakhalthi yakho.
Yintoni onokuyilindela ngaphambi kokuqala kwesimestha?
- Zonke iiseshoni ezifunekayo ukwenza ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho ziya kucwangciswa ngowe1 kuFebruwari 2024.
- Uya kufumana i-imeyile evela kutoliki wakho yonxibelelaniso kunye neKit yakho yokuTolika ngowe6 kuFebruwari 2024. Nceda uqinisekise ukuba uzifumene iinkcukacha zeeseshoni ezicwangcisiweyo ngokwamkela izimemo zentlanganiso nangokuphendula utoliki wakho yonxibelelaniso ngeye12:00 ngowama8 kuFebruwari 2023. Nceda wenze ilinki ifumaneke kwiSunLearn okanye uchazele utoliki wakho wonxibelelaniso ngendlela oya kuqinisekisa ngayo ukufikelela kwabo bonke abafundi ekutolikeleni oko ukwenze kungadlulanga intsimbi ye12:00 ngowama8 kuFebruwari 2024.
Kuthekani ukuba ufuna ukuzicwangcisa ngokwakho iintlanganiso?
Indlela emiselweyo ngoku iya kuba yeyokuba iNkonzo yokuTolika icwangcise zonke iintlanganiso ezifunekayo ukwenza ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho. Ukuba ungathanda ukuzicwangcisa iintlanganiso ngokwakho, okanye ukuba ungathanda ukuba iintlanganiso zimiselwe ngendlela ethile (umzekelo, ukurekhoda kuqale ngokuzenzekelayo kwiseshoni yesiNgesi), nceda usazise ngowe6 kuFebruwari 2024.
Sijonge phambili kwenye isemestha yokusebenzisana kakhulu!
Ukuba ungathanda ukwazi ngakumbi malunga nokutolika, okanye ukuba ungathanda ukucela ukutolika kwimodyuli yakho, nceda uqhagamshelane noChristine Joubert okanye undwendwele iphepha lewebhu leNkonzo yokuTolika.