Category: Uphando

Ukunikwa kwewonga lembasa kumseki welebhu yokubhala othathe umhlalaphantsi

Writing Lab comic by Neeske Alexander, an artist and former writing consultant.

USharifa Daniels, omnye weqela labasebenzi ongumseki kwiLebhu yokuBhala yeZiko leeLwimi, wathatha umhlalaphantsi ngo-2018, emva kweminyaka ephantse ibe li-17 yokubonelela ngeenkonzo kubabhali basekhampasi. Sathatha isigqibo sokuba simwonge ngoshicilelo olukhethekileyo lweziQinisekiso zaMaphepha emfundo kwezeeLwimi eStellenbosch (Stellenbosch Papers in Linguistics Plus (SPiL Plus), iphepha-ndaba eliqinisekisiweyo elifikeleleka kuwonke-wonke. Sithathe isigqibo sokuba silubize olu shicilelo ngale tayitile ‘ISithuba, indawo, namagunya kumaziko okubhala aseMzantsi Afrika’, njengoko isithuba, indawo namagunya iziinkxalabo ezisondele kakhulu kwintliziyo kaSharifa, nanjengoko sinika ingcaciso kwintshayelelo yethu malunga nalo mba.

USharifa wayesoloko exoxa nathi ngale miba xa sasicinga ngokubaluleka kwendima edlalwa yiLebhu yokuBhala kwikhampasini. Ephuma kwimvelaphi eyayiyinxalenye yomzabalazo owawuchasene nocalucalulo, uSharifa wakubona ukuba yenye into ukwamkela abafundi ‘abangengabo abesithethe’, kodwa ibe ngomnye umba ukubanceda aba bafundi ukuba bazive beyinxalenye yasekhampasini. Ngaphambi kokusebenza kwiLebhu yokuBhala, uSharifa usebenze ixesha elide kwimfundo yasesinaleni kwizikolo ezingathathi ntweni. Apha nakwezinye iindawo, wazibonela ngokwakhe ubungqina bokwakusenzeka ezimpilweni zabantu nakwimfundo yabo phantsi kocalucalulo. Wafumana nenkxaso-mali yokufunda kwiYunivesithi yase-Iowa nalapho waye waba nomdla kumaziko okubhala nzobulungisa bentlalo yoluntu obunokuziswa ngala maziko. Le yimibono awathi weza nayo ekhaya waze ethubeni wakwazi ukuyisebenzisa eStellenbosch.

Olu shicilelo lukhethekileyo lushicilelo lokuqala ehlabathini olumalunga namaziko okubhala aseMzantsi Afrika. Imixholo yesithuba, indawo namagunya inexesha elide ibalulekile kumsebenzi wamaziko okubhala kwihlabathi, kodwa inokubaluleka okukodwa eMzantsi Afrika nalapho upolitiko lwethu lwexesha lamandulo nelangoku lusebenza ngendlela yokuba isithuba nendawo zibuvumela njani ubudlelwane obusekelwe emagunyeni buqhubeke. Amaziko okubhala akhona ukulungselala ukunika uncedo ababhali abangabafundi ukuba baphuhlise ubuchongwa kwabo ekubhaleni kwezemfundo ephakamileyo, kodwa bakwenza oku ngaphakathi kwezakheko zeziko ezichaphazela ukuba basebenza njani kwaye kutheni besebenza.

Olu shicilelo lukhethekileyo lunamanqaku ali-12 kwaye umele amaziko okubhala asixhenxe aseMzantsi Afrika. Ukwanawo namanqaku ophando asixhenxe, abhalwe ngabo babesaya kuba ngabacebisi bangaphandle bokubhala baseStellenbosch nababefumene uqeqesho kuSharifa. Umqulu uphela ngombhalo ohlekisayo obhalwe ngomnye owayesaya kuba ngumcebisi wangaphandle wokubhala wangaphambili wobugcisa. Uyichaza le Lebhu yokuBhala njengendawo yokufunda yoluntu, apho kwakwamkeleke uwonkewonke. Ukuba ungathanda ukwazi ngakumbi ngesi sithuba sobubele, nceda uthumele i-imeyili ku amlackay@sun.ac.za okanye utsalelele umnxeba uAnne-Mari Lackay ku 021 808 2928.

Olu shicilelo lukhethekileyo lwapapashwa njengoMqulu wama-57(2019) kuMaxwebhu wamaphepha-ndaba aqinisekisiweyo kweeZeelwimi aseStellenbosch. (iStellenbosch Papers in Linguistics Plus (SPiL Plus).

 

Writing lab honours retired co-founder

Writing Lab comic by Neeske Alexander, an artist and former writing consultant.

Tags: , , ,

Wamkelekile kweyethu imo yotoliko

Iwekhshophu yotokilo engamava – leyo yinto ethe yeza neqela lophandonzulu leeNkonzo zoToliko kwiZiko leeLwimi ukulungiselela iNkomfa yeYunivesithi yarhoqo ngonyaka engeMfundo ngokuFundisa nokuFunda (SoTL) ngowama-29 nangowama-30 kweyeDwarha. Wakhe wazibuza malunga nokwenzeka kubomi nexesha letoliki yezemfundo? Abasebenzi beYunivesithi abebezimase le nkomfa baye bazibophelela ukuba babekwe kwimeko apho bazakutolika kwiimeko zamagumbi okufundela ezingezizo ezokwenyani. Ezi meko zokuzenzisa bezinenjongo ethile eyodwa – ekukunika abathathi-nxaxheba amava okwenyaniso kumntu ngamnye buqu (kunye nesishwankathelo esincinci sentshayelelo) malunga neemfuno, iimvakalelo neenkqubo zengqiqo ezenzeka ngexesha lokutolika kwezemfundo okwenziwa ngaxeshanye nalowo uthethayo.

Nangona abathathi-nxaxheba baye bafumana inkxaso kubahlobo be-SU abaziitoliki ezinamava, inkxalabo ibicace gca ngelixa uEdward de Kock, umbonisi wokuqala, egadlela ngesiNgesi (ngesantya esifanelekileyo) ‘isifundo’ ngembali nebesizakutolikwa ngeAfrikansi. Abathathi-nxaxheba baye bazijula ijacu – amagama eziphumela eqengqeleka, kwakunye nokubhedulula amehlo, ukuphefumlela phezulu, ukuhleka kancinci ngenxa yexhala nokundumzela obekuthi kwenzeka xa kunzima ukufumana amagama afanelekileyo ngokukhawuleza. Ingxelo edlamkileyo ethe yalandela emva kweseshoni yokuqala yesifundo ibiquka amagama namabinzana afana nokuthi “ukuphosa igama nje elinye kundenze ndaphulukana nawo wonke umongo”, “uhlobo lwesigama lulo oluye lwandikhupha endleleni”, “andizange ndaqonda ukuba kunzima kangakanani” kwakunye nokuthi “nisithatha phi esi sigama?!”

Nangona ubumnandi nolonwabo belukhona ngethuba lale wekhshophu, yona ibingumcimbi ondilisekileyo. Abathathi-nxaxheba baye bafumana ukuyiqonda ngcono imingeni nobumnandi botoliko lwezemfundo, ubugcisa beqela lezotoliko kwiZiko leeLwimi kwakunye nokubaluleka kotoliko e-SU. Utoliko lusebenza njengohlobo lwenkxaso ngokujoliswe kwiilwimi, oluqulathwe kwiPhepha-nkqubo lezeeLwimi lase-SU, ukuncedisa abafundi abasokola ukuluqonda ngokufanelekileyo ulwimi ekuhlohlwa ngalo kumagumbi okufundela. Ngokusebenzisa utoliko bangatsho bafumane ukufikelela ngokupheleleyo koko kuqulethwe zizifundo ezo, bazuze ekugqithisweni kolwazi olunokuqondwa baze baxhamle ekudalweni kweengqweqwe ngeengqweqwe zentsingiselo.

 

Welcome to our interpreting world
Tags: , , , ,

IPhakama ilungiselelwe ukwazi ukubhala nokufunda kwezemfundo

Kulo nyaka, abahlohli bakwiZiko leeLwimi, abeKhemistri nabeZakhono kwiKhompyutha bamisele iprowujekthi entsha kraca engentsebenziswano. Badibanise iintloko ukuze banike amandla ongezelekileyo kwimodyuli yeZiko leeLwimi engokwazi ukufunda nokubhala, iZakhono zeNzululwazi ngezoNxibelelwano 146, kwakunye neemodyuli zeKhemistri neZakhono kwiKhompyutha ukulungiselela abafundi abakwiinkqubo zeedigri ezandisiweyo kwezeNzululwazi, ezeNzululwazi ngoLimo nezobuNjineli.

Abafundi abenza ezi modyuli baye banikwa umsebenzi othi baye batyunjwa yikomishoni karhulumente yasebuntsomini ukuba babeyinxalenye yeqela labacebisi bezenzululwazi ekwakufuneke liphande kwaye lenze ingxelo ngentlaninge yezihloko ezifanelekileyo ezinxulumene nekhemistri. Abafundi kuye kwafuneka benze uphando-nzulu bengamaqela baze bangenise ingxoxo ebhaliweyo bexhasa okanye bechasa isihloko esithile. Emva koko, la maqela kuye kwafuneka enze iingxelo zawo zifikeleleke kuluntu ngokuthi enze iividiyo zemizuzu emihlanu nalapho anaba khona ngeengxoxo zawo.

Iziphumo ekuye kwafuneka asebenzele ukuzifezekisa ibikukusetyenziswa kwezakhono zokufunda nokubhala kwimeko yenzululwazi entlalweni jikelele naseMzantsi Afrika ngokukodwa, ukuphuhliswa kwesakhono sokukhetha imithombo efanelekileyo xa kuqulunqwa iingxoxo eziqiqileyo ukuxhasa okanye ukuchasa umba othile kuze, ekugqibeleni, kuphandwe iindlela ezintsha zokupapasha ulwazi kumyinge wabantu omkhulu nangakumbi.

Into eyenze le prowujekthi ukuba ifane yodwa nangakumbi kukuba abafundi bebeyinxalenye yenkqubo yokuthathwa kwezigqibo ukususela ekuqaleni ukuya ekupheleni. Ekuqaleni ngqa, abafundi baye banikwa ithuba lokuba bavotele igama ezakubizwa ngalo le prowujekthi. Igama lesiXhosa elithi phakama liye lakhethwa njengegama lale prowujekthi. Abafundi baye banikwa ithuba lokuchonga izihloko zophando-nzulu lwabo kwaze ekugqibeleni abafundi ngokwabo bavotela eyona vidiyo ibalaseleyo. Izihloko zisuke kwezo zimalunga namandla enyukliye, ukutshintshwa kweempawu zezilwanyana okanye izityalo ukuya kutsho ekufakweni kwe-florayidi emanzini okusela. Iqela eliphumeleleyo liye lawuqwalasela ngocoselelo lo mba ukhankanywe ekugqibeleni. Elo ibiliqela likaTemika Moodley, uJade Opperman, u-Alliance Sambo noLukhanye Swapi. Nceda ucofe apha ukuze ubukele ividiyo yabo.

Abafundi baye bayifumanisa le prowujekthi njengezisa iinguqu nefanelekileyo. “IProwujekthi eyiPhakama iye yandibonisa ukuba ezemfundo zinako ukunika imincili kwaye zonwabise”, ezo ibe zizimvo zomnye wabafundi.

Tags: , ,

Indibaniso entle yamava kweyona yunivesithi indala kunazo zonke kwihlabathi

USanet de Jager, oyitoliki yeZiko lezeeLwimi, uye wathabatha inxaxheba kwiprowujekthi yeYunivesithi engokhenketho, ekunjongo yayo ikukuba abafundi nabasebenzi base-SU bathabathe inxaxheba kwiinkqubo ezingotshintshelwano kwinqanaba lehlabathi liphela. USanet uchithe iinyanga ezintathu kwiYunivesithi yaseBologna e-Italy, kwaye siye ke sadlana iindlebe kunye naye saze samcela ukuba asixelele kabanzi ngohambo lwakhe.

Kwenzeke njani konke oku?
“Ndiqale ukuva ngolu tshintshelwano ngomlawuli wethu, uGqr Kim Wallmach, ngelixa lentlanganiso engophando-nzulu olujoliswe kwimicimbi yezeeNkonzo zoToliko. Ndiye ndafaka isicelo sotshintshelwano lwe-Erasmus+ kwi-Ofisi yeHlabathi Jikelele kwaze kwathi emva kwesithuba senyanga, ngekaCanzibe (Meyi) 2019, ndazifumana ndingqongwe yimbali, ubutyebi bezophando-nzulu kunye neekofu zohlobo lwe-espresso ezixabisa iyuro enye nge-espresso nganye. Indima yam kolu tshintshelwano ibikabini: Ndiye nje ngetoliki yeZiko lezeeLwimi (LC) ukuze ndakhe ubuhlobo obuluqilima nokuze nditshintshelane ngolwazi olumalunga nomsebenzi, ndabe ndikwaye nje ngomfundi ukuze ndenze uphando-nzulu lwam lwee-Mastasi kumsebenzi woGuqulo lweeLwimi, nolugxile ngokukodwa kumahluko phakathi kwethoni yentetho etolikwayo nentetho eqhelekileyo.”

Ubuzinze phi?
“ISebe lezoToliko noGuqulo lweeLwimi (DIT) lakwiYunivesithi yaseBologna lifumaneka kwidolophu iRomanesque yaseForlì malunga nohambo ngololiwe lweyure ukusuka eBologna. Yeyona ndawo ke bendiyibiza ngekhaya leyo. Ekuncokoleni kwam nomququzeleli wam uProfesa Mariachiara Russo, kuye kwandicacela ukuba ‘iipolitiki zezeelwimi’ akuyonto iphila eMzantsi Afrika kuphela. Le yunivesithi ifumana abafundi abaliqela abangotshintshelwano kwaye ngenxa yoko ezinye izifundo kule yunivesithi zihlohlwa ngolwimi lwesiNgesi – nto leyo inokuthi ixhomise amehlo kwilizwe elikhuthaza imfundo engeelwimi zenkobe kubemi balo.”

Ubusenza ntoni pha?
“Mna noGqr Wallmach sibe nenyhweba yokwabelana kunye nabo malunga nendlela iYunivesihi yaseStellenbosch (SU) ekhawulelana ngayo nomba wosetyenziso lweelwimi ngeelwimi nokuba i-LC ibonelela kanjani na ngezisombululo ezineenkalo ngeenkalo kwimingeni yezeelwimi, nalapho esinye sezo zisombululo ikukutolika ngokufundisayo. Ndiye ndathetha ngemisebenzi yemihla ngemihla yetoliki efundisayo, ndabelana ngeendlela esivavanya ngazo umsebenzi, uqeqesho lwethu, iishedyuli kwakunye nophando-nzulu lwethu lwakaloku nje malunga nomsebenzi wetoliki. Abe-DIT babonakele benomdla ngokukodwa kwiiNkonzo zethu zoToliko, kangangokuba uProfesa Russo uye wandwendwela i-SU ekupheleni kweyeKhala (Julayi) ukuze azibonele ngokwakhe olu toliko lungokufundisayo nokuze aphande ubungakanani bokukwazeka kokusungulwa kweprowujekthi eyinzame engotoliko kwiYunivedsithi yaseBologna ngaphakathi kwi-DIT.”

A mosaic of experiences at the oldest university in the world
Tags: , , , , , , ,

Izixhobo zolwimi ezenzelwe izithethi ezingamaciko okuthetha

Kulo nyaka ngenyanga kaTshazimpuzi, isichazimagama sesiAfrikansi esiquka konke ngokubanzi esiyimiqulu ngemiqulu nesigama lithi Woordeboek van die Afrikaanse Taal (i-WAT), sikhuphe umqulu waso weshumi elinesihlanu, nosisiqendu sesibini sonobumba ongu-S. Lo mqulu uqulethe amagama esiAfrikansi afana nathi “skool” ukuya kwelithi “Sri Lankaans”. Esi sichazimagama sikwanesihlomelo esiqulethe amagama amatsha asukela ku-A ukuya ku-S sesona songezelelo sasidingeka kakhulu ukususela mhla kwavela uMqulu woku-1 we-WAT (amagama asukela ku-A ukuya ku-C) ngo-1951. Mhlawumbi ngelo xesha  amagama athi ‘amabokoboko’ (iqela lombhoxo kuzwelonke eMzantsi Afrika), ‘beurtkrag’ (ukucimacima kombane) kunye no-‘google’ ayengenakucingwa nokucingwa. I-WAT yaqala ukusetyenzwa ngokusemthethewni ngo-1926 kwaye ngo-1929 iYunivesithi yaseStellenbosch yaluthathela kuyo uxanduva lwesi sichazimagama.

Ukususela ngenyanga yoMqungu, iqela labahleli be-WAT belisoloko lisebenza ngomqulu wesithathu kunye nowokugqibela ngenjongo yokufezekisa umsebenzi  ongonobumba u-S, msebenzi lowo omele ukuba mawugqitywe kule minyaka mibini izayo ukuba yonke into ihamba ngokwesicwangciso. Kuye kwatyunjwa amanye amalungu kunyaka odlulileyo ukwenzela ukuba i-WAT ifike ku-Z ngo-2029.

I-WAT, umzekelo, inamanye amagama amaninzi kunye neengcombolo ezininzi kune-HAT, (Handwoordeboek van die Afrikaanse Taal,) – isichazimagama esingumqulu omnye). Enyanisweni, injongo yaso kukushicilela isigama sesiAfrikansi ngokubanzi kangangoko kunokwenzeka. Ngako oko i-WAT ingumsebenzi wokubhekisa ogunyazisiweyo owenzelwe nabani na ofuna ukuqiniseka ngokupheleleyo okanye abo baphanda ngamagama esiAfrikansi. Sikwafumaneka ngeintanethi – nakumaqonga weeselula. IZiko leeLwimi lingathanda ukuvuyisana ne-WAT ngokugqiba uMqulu we-XV (cacileyo phofu singabasebenzisi abathanda kakhulu ukusebenzisa i-WAT).

Asinguye wonke umntu owaziyo ukuba zeziphi izixhobo zolwimi ezikhoyo okanye zifumaneka phi. INkonzo yeeLwimi isungule ikhasi lezixhobo ukwenzela oosozilwimi balo. Eli khasi lifikeleleka kumntu wonke kwaye liqulathe amakhonkco eentlobontlobo ezininzi zezichazimagama zelektronika, izintlu zamagama kunye noluhlu lwesigama. Inguqulelo yamva nje yeNkonzo yeeLwimi, yoLuhlu lwamaGama Afanayo oGuqulolwimi phakathi kwesiNgesi nesiAfrikansi iza kufumaneka apha. INkonzo yeeLwimi ibonelela abaxhasi nokuba baphi na ehlabathini ngenkonzo yobuchule yokuhlela kunye neyoguqulolwimi. Imeyilela isicelo sakho kuMarguerite – sinokukunceda ngeelwimi ezili-15 ubuncinane!

Ikhaya lesibini kuNjing. wolwimi lwesiDatshi

UMzantsi Afrika uhleli ulilizwe elisoloko linomtsalane kuye, utsho uNjing. Carel Jansen, umenziphando weZiko leeLwimi, obelapha kwakhona ngoMatshi esuka eNetherlands. Yiyo loo nto ethe walitsibela ithuba lokutyelela eMzantsi Afrika ngelixa iManyano yoLwimi lwesiDatshi yayifuna ukuqalisa ngokukhuthaza unxibelelwano phakathi kweeyunivesithi zaseNetherlands nezaseMzantsi Afrika phakathi kwiminyaka yoo-1990. Watyelela iStellenbosch, iPitori kunye neRhawuti okokuqala ngo-1996 kwaye ukusukela ngoko sele ewutyelele uMzantsi Afrika amatyeli asondeleyo kwangama-40. Abantu, iilwimi, izilwanyana, iimbonakalomhlaba kunye noomahluko – konke oku, kuye kusahleli kungamava amangalisayo kumaxesha ngamaxesha. Elona gama alithandayo lesiAfrikansi? Uthe lelithi “Klopdisselboom”.

ENetherlands, uCarel ngoku ungunjingalwazi odl’ umhlalaphantsi kwiZifundo zoNxibelelwano neeNgcombolo kwiYunivesithi yaseGroningen emva kwexesha elide lempumelelo yokusebenza kumaziko emfundo ephakamileyo. Waqala waphumelela kwizifundo zokuba ngusozilwimi, emva koko wajolisa kwizifundo zoyilo lwamaxwebhu, ukufundeka nonxibelelwano kwezempilo – zifundo ezo asazithanda kakhulu nanamhlanje.

Waqala ukuqhogana neZiko leeLwimi ekuyeni ekupheleni kweminyaka yoo-1990, nto leyo eyakhokelela kwisivumelwano sokuba abe ngumhlohli olindwendwe phakathi kwakhe noNjing. Leon de Stadler (owayenguMlawuli weZiko leeLwimi) kwiiyunivesithi abasebenza kuzo – kwimeko kaCarel, waqala kwiYunivesithi yase-Utrecht, waza waya kwiYunivesithi yaseNijmegen kwaye ngoku ukwiYunivesithi yaseGroningen. KwiYunivesithi yaseStellenbosch, wayengunjingalwazi odl’ umhlalaphantsi ngaphambili kwaye ngoku ungumenziphando kwiZiko leeLwimi. Apha, ukhokela iprojekthi yophando engophuhliso nophuculo lwefomula entsha yokufundeka kwesiAfrikansi nentlaninge yabo asebenza nabo: Abasebenzi beZiko leeLwimi, ezinye iingcali kunye nabanye babafundi abasele benesidanga semfundo enomsila kwisiDatshi.

UCarel ukwangomnye wabahleli bencwadi esanda kupapashwa kutsha nje engonxibelelwano lobuchule egama lithi Communicate as a professional (Nxibelelana njengechule), ekhutshwe yi-Amsterdam University Press. Le ncwadi isekelwe kwincwadi yokufunda yesiDatshi ethi Leren Communiceren (Funda ukunxibelelana), angomnye wababhali kuyo. Kambe e ncwadi ithi Nxibelelana njengechule yenzelwe ukuba ifundwe kwihlabathi. Funda ngakumbi malunga nale ncwadi apha. UCarel uceba ukufundisa isifundo esifutshane esingonxibelelwano lobuchule esisekelwe kule ncwadi, ebambisene nelebhu yethu, iComms Lab, xa ephinda etyelela uMzantsi Afrika kwinyanga yeDwarha kulo nyaka. Kunyaka ophelileyo wanikezela apha ngesifundo esifutshane esidume kakhulu esingoyilo lwefomu, sifundo eso aza kuphinda anikezele ngaso kwinyanga yeDwarha. Thumela i-imeyili kuMichelle Pieters malunga neenkcukacha ezithe vetshe ngezi zifundo zimbini.

 

Second home for Dutch prof

Xa lusilela unxibelelwano lwekhompyutha

Ayinakuba sisibaxo ukuthi uMzantsi Afrika wonke wawunethemba lokubona ukuphela kocimicimi wombane kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo. Ngelishwa ubuye ngamandla lo cimicimi kwinyanga yoKwindla kulo nyaka, kwaye ngoku simbona lo cimicimi esenziwa kumanqanaba angasentla kunangaphambili, ukuya kwiiyure ezingama-24. Oku kuthetha ukuba, emisebenzini kufuneka sisebenzise idatha yethu (ukuba ikhona inetwekhi yemobhayili) ukuze sithumele ii-imeyili – ngethemba lokuba iileptophu okanye iifowuni zethu aziyi kuphelelwa yibhetri – okanye silunqumamise lonke unxibelelwano ngelixa usacimile umbane; okudla ngokwenzeka kangangeeyure ezimbini nangaphezulu. Nangona kunjalo, ngethamsanqa zisekhona ezinye iindlela zokunxibelelana phandl’ apha ezingezizo ezombane, kwaye zikhangeleka zisebenza ngeyazo indlela.

Vuselela isakhono sakho sokunxibelelana uze usebenzise undalashe wendlela yokuncokola ubuso ngobuso nomntu okwisakhiwo esinye neso ukuso obusakumthumelela ii-imeyili ikakhulu kule veki. Kwiminyaka embalwa edlulileyo, iYunivesithi yaseCalifornia (i-UCLA) yafumanisa ukuba okukhona abantu abaninzi bezithanda iziskrini, kokukhona bengakwazi nangakumbi ukufunda izinto ezichukumisa imvakalelo. I-UCLA yathelekelela ukuba “abo bagcina esi sakhono baye baphumelele ngokuqinisekileyo kuyo nayiphi indawo abasebenza kuyo”. Ngeli lixa olu phononongo lujolise ekusebenzeni kwabantu abaminyaka yobudala ingaphantsana nje kwelishumi elinesithathu, akuyonto imbi ukuqinisekisa ukuba sisenakho ukuthetha, omnye komnye – ubuso ngobuso.

Enye indlela yonxibelelwano ejongelwe phantsi ngamaphetshana ancanyatheliswayo okubhala amanqakwana. Into eyaqala njengelinge elasilelayo lokwenza uhlobo olutsha lweglu ngo-1968, ngeminyaka yoo-1970 yaba lishishini lamaphetshana aqambileyo amthubi, asikwere nambonakalo ingenakungaqondwa. Isayikholojisti yebathengi (nedini encedisayo yakwiyunivesithi i-Sam Houston State University) uRandy Garner wafumanisa ukuba ukuthumela isicelo ngokusebenzisa iphetshana elincanyatheliswayo kwakunefuthe phantse ngokuphindwe kabini xa kuthelekiswa nesicelo esichwetheziweyo. UGarner ukholelwa ekubeni umyalezo obhalwe kwiphetshana elincanyatheliswayo iba ngathi kucelwa uncedo olukhethekileyo, nto leyo emenza lowo kucelwa kuye azive ebalulekile aze akulungele nangakumbi ukusithobela eso sicelo.

Yiba nethemba ke ngoko. Kuba kukho ubumnyama, oko akuthethi ukuba awunamandla. Nkqonkqozela umntu osebenza naye xa uphinde wasebumnyameni kwaye ufuna ukuncokola. Kanti sebenzisa amaphetshana ancanyatheliswayo!

When e- fails

Ukuhlangana kweenkcubabuchopho: kwiNkomfa yoPhandonzulu lokuFundisa nokuFunda (SoTL 2018)

Kwihlabathi elilangazelela iindlela ezintsha zokufikelela kubafundi, iNkomfa yoPhandonzulu lokuFundisa nokuFunda ibe lithuba elihle kakhulu kubafundisi-ntsapho lokuphonononga nokwabelana ngophando lwabo kwakunye nokucamngca ngeendlela zokufundisa. Inkomfa ye-11 ye-SoTL yaminyaka le, ibisindlekwe ekupheleni kukaOkthobha licandelo elingugxa weZiko leeLwimi, iCandelo lokuKhulisa ukuFundisa nokuFunda. Le nkomfa ibe lithuba elihle leZiko leeLwimi lokwabelana ngelikufumanisileyo ngokufundisa nokufunda kusetyenziswa imbono yesiseko sobomi: ulwimi.

UGqir Kabelo Sebolai, ongusekela-mlawuli kwiZiko leeLwimi, wabelane ngoko athe wakufumanisa xa ebephanda oko kubizwa ngokuba yi“articulation gap” (isikhewu sengcaciso). Kwiprezenteyishini yakhe, ‘Revisiting the Role of Language Ability in Academic Performance: The Case of Stellenbosch University’ (Ukuhlalutywa kweNdima yoKubanakho koLwimi kwiMfezekiso yeMfundo: uPhandomeko kwiYunivesithi yaseStellenbosch), ucacise ngelithi esi sikhewu sengcaciso sasinxulumene nokukreqa okuphezulu nomyinge wokungagqibi kwabafundi izifundo zabo okusezantsi kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika. UKabelo udandalazise ukwalamana okuluqilima phakathi kokuphumelela kwabafundi iimviwo zesiNgesi kwiBakala le-12 kunye nokufezekisa kwabo izifundo zabo kwiYunivesithi yaseStellenbosch – nkqu nakwimingxilo enganxulumenanga kakhulu nokusetyenziswa kolwimi!

Iqela lophando leeNkonzo zokuTolika kwiZiko leeLwimi liqhayise ngecebo lalo lokuphanda ukudluliselwa kwentsingiselo eklasini kwiprizenteshini ethi, ‘To Kill a Canary: Interpreters and Educational Practices at Stellenbosch University’ (UKwandisa iNtsingiselo: Iitoliki kunye neeNdlela zeMfundo kwiYunivesithi yaseStellenbosch). Oku kungenxa yokuba iitoliki zeSU kumele zicacise intsingiselo yentetho yomhlohli rhoqo xa zitolikela kolunye ulwimi. Zithi zibe nemvakalelo enkulu yokuba ingaba loo ntsingiselo yakheke njani. Ngoku phonononga kwalo ukuba ingaba abahlohli bawudlulisa njani umyalezo wabo, eli qela lithe laphawula amanqaku angundoqo athi enze ukuba umyalezo uvakale okanye ungavakali, anjengokwakhiwa kwengxoxo kunye nokungqamana komyalezo. Oku kwathi kwanika ingqiqo ethile abahlohli yokuba bangazimilisa njani izifundo zabo ukuze zincede abafundi bayilandele ngcono ingxoxo yaseklasini.

UFiona Stanford weZiko leeLwimi osebenzisana noGqir Ilse Rootman-Le Grange weFakhalthi yeNzululwazi uthe gqabagqaga ngeprojekthi elilinge ethi: ukuhlanganiswa kokufundiswa kwezakhono zokufunda kumngxilo wenzululwazi. Kwiprizenteshini yabo esihloko sithi: ‘Autonomy Tours: Reflecting on the First Offering of Science in Context’ (Utyelelo kukuZimela: UkuCamngca ngoNikezelo lokuQala lweNzululwazi ngokweMeko). UFiona no-Ilse bacamngca ngemodyuli entsha enyanzelekileyo kubafundi bonyaka wokuqala kwisidanga seBhatshelari kwiNzululwazi (BSc) bephonononga imiceli-mngeni nemivuzo yomfuziselo ophuhlisiweyo osekelwe indlela yokuphuhlisa izakhono zokufunda kuloo mngxilo.

Kubalulekile ukuba amaziko anjengeZiko leeLwimi azibandakanye kwimicimbi eloluhlobo. Ingekuko ukubonwa nje neenkcubabuchopho ezigqwesileyo kwimfundo, kodwa ibe kukuba negalelo kwimicimbi engokufundisa nokufunda esoloko inika umdla iphuhla ngokunjalo.

 

The meeting of the minds: SoTL 2018
Interpreting in action at SoTL

NPIT4 – ukufumana uthelelwano kunxibelelwano

Akukho ukukhutshwa komtshotsh’ iintomb’ zingeqhwabi! Okokuqala kumhlaba waseAfrika, i-4th International Conference on Non-Professional Interpreting and Translation (NPIT4) ithe yabanjwa kwi-Stellenbosch Institute for Advanced Studies (STIAS) ukusuka ngowama-22 ukuya kowama-25 kuMeyi walo nyaka. Abazimasi bale nkomfa bathe bafumana ithuba lokuzimasa umcimbi olandelayo, weNkomfa yokuqala egunyazisiweyo ye-Association for Translation Studies in Africa (ATSA) nefumaneka ku: https://atranslationstudiesafrica.wordpress.com ngowama-25 ukuya kowama-26 kuMeyi, kwakule ndawo inye. Ngale ndlela ubani angachitha iveki epheleleyo ejongene nemibandela ephathelele nezifundo zoguqulo kunye neminye imingxilo nemisetyenzana enxulumeneyo.

Kuluntu olusebenzisa iindidi zeelwimi, kuqhubeka iintlobo ezahlukeneyo zokulamla. I-NPIT4 iye yazinza kumxholo othi “ukufumana ulingano phakathi kwezakhono ezifunekayo nemithombo ekhoyo kutoliko noguqulo olungelolwabaqeqeshiweyo”, nalapho abaququzeleli benkomfa bathe bavuma ukuba ibinza kwesi sihloko salo mxholo elithi ‘olungelolwabaqeqeshiweyo’ lithe kanti limfiliba kwaye ngelithe latshintshwa ngalathi ‘-enzelwe injongo ethile’, ‘ukuvoluntiya’, ‘-ngagunyaziswanga’ kunye ‘-ngoqeqesho oluncinane’. IZiko leeLwimi leYunivesithi iStellenbosch (SU) lijoyine le ncoko ngokunikeza ngeentetho zamaphepha amathathu kule nkomfa.

UGqir. Kim Wallmach (umLawuli weZiko leeLwimi) ekunye noPetri du Toit (nowayengumfundi kwizifundo ezingaphaya kwezesidanga sokuqala kaGqir. Wallmach nokwayitoliki kumabonakude) uthe wavula ingqokelela yamaphepha amathathu eZiko leeLwimi ngephepha elisihloko sithi, ‘Framing South African Sign Language (SASL) interpreting: Pictorial representations of SASL interpreters from 1994 to 2018’. Elinye iphepha lophando lwabo elingentsebenziswano phakathi kwesiThulu/netoliki evayo lithe lalandela, belinesihloko esithi, ‘Camera rolling … and … action!: What collaboration holds for Deaf and hearing interpreters on set’. Kulandele uCarmen Brewis noRisha Lötter, abaziitoliki kwezemfundo kwiZiko leeLwimi, babelane ngengqiqo yamava abo okutolika kwezemfundo kwiphepha labo elithi, ‘Towards more effective facilitation of interpreter-mediated university classrooms – a critical reexamination of ‘role’’.

Imo efundisayo netyhilayo ithe yagubungela lo mcimbi weentsuku ezintathu, ibingenzeki nje ngengxoxo ezigunyazisiweyo, kodwa nakwiingxoxo ezingagunyaziswanga ebezisemacaleni. Iingcaphephe zonxibelelwano ezivela kwihlabathi zithe zakuvuyelela ukwabelana ngolwazi, ingqiqo namava azo. Omnye woogxa bethu uthe wahlomla ngelithi wothusiwe sisidingo esikhulu seetoliki nabaguquli eAfrika. Omnye uthe uyithakazele intetho ephambili engenzululwazi ngomthambo-luvu ngengqondo kunye noguqulelo olwenziwe ngusolwazi obekekileyo wezifundonzulu zoguqulo uNjing. Maria Tymoczko. Owesithathu yena uthe waphawula ngelithi kunika umdla ukubona umsinga omtsha wezakhono zabathunywa – abaqeqeshi beetoliki zenkomfa abaziingcaphephe nababesakuphanda ngotoliko kwinkomfa kwixesha elidluleyo, ngoku baqalisa ukusebenzisa uphando lwabo kwiincoko okanye kutoliko lweenkonzo zikarhulumente kananjalo.

NPIT4 – a conference for finding common ground in communication
Petri du Toit, a sign-language interpreter, in action interpreting a speech by Julius Malema.Petri co-presented along with Dr Kim Wallmach of the Language Centre at NPIT4. (Photo: Times LIVE)