Deprecated: Return type of WP_Hook::current() should either be compatible with Iterator::current(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 482

Deprecated: Return type of WP_Hook::next() should either be compatible with Iterator::next(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 495

Deprecated: Return type of WP_Hook::key() should either be compatible with Iterator::key(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 508

Deprecated: Return type of WP_Hook::valid() should either be compatible with Iterator::valid(): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 521

Deprecated: Return type of WP_Hook::rewind() should either be compatible with Iterator::rewind(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 532

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetExists($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetExists(mixed $offset): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 424

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetGet($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetGet(mixed $offset): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 438

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetSet($offset, $value) should either be compatible with ArrayAccess::offsetSet(mixed $offset, mixed $value): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 452

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetUnset($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetUnset(mixed $offset): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 469
IHabhu yokuFundwa kweeLwimi – Stellenbosch University Language Centre

Category: IHabhu yokuFundwa kweeLwimi

Sithu huntshu kulwimi lwesithandathu olusanda kongezelelwa kuVimba wethu weeLwimi

Kunqabile ukuba sifumane isicelo esivela kumntu ofuna ukuza eMzantsi Afrika iinyanga ezintathu azokufunda isiAfrikansi.

Kodwa oku kwenzekile kutsha nje. U-Wietse Hilverda, usomashishini waseDatshi ohleli e-Aix, eFransi, le minyaka ilishumi idlulileyo, watyelela eStellenbosch ngo-2018 ngenxa yesi sizathu ngqo: wayefuna ukuxoxa ngethuba lokusungula isifundo esixonkxiweyo solwimi lwesiAfrikansi ekunye nabalingane ababini u-Helga Sykstus no-Arne Binneman abakwiZiko leeLwimi. Isiphumo soku saba kukusungulwa kwesifundo esifutshane esithi ‘ulwimi lwesiAfrikansi kunye nenkcubeko esenzelwe abathetha isiDatshi’, athe wasilandelela uWietse ukusukela ekupheleni kwenyanga kaMatshi kulo nyaka kuVimba wokuFunda iiLwimi weZiko leeLwimi (Language Learning Hub). U-Helga wathetha no-Wietse ukuze afumanise ukuba uziva njani ngokongezwa kolwimi lwesithandathu.

Kutheni oku kusenzeka e-Stellenbosch?

Ngokoluvo lwam, i-Stellenbosch isabonwa njengeziko lesiAfrikansi kwaye iseyeyonda ndawo ehamba phambili ekufundiseni olo lwimi. Utyelelo lwam lwango-2018 ndandilwenzele ukuthath’ isigqibo, ekugqibeleni, ukuba le yeyona ndawo efanelekileyo.

Ebenjani amava wakho woko ubukulindele xa ubuwathelekisa namava wakho ekugqibeleni?

Amava wam aye angcono kakhulu xa ndiwathelekisa noko bendikulindele! Izizathu zoku luguquguquko lwenkqubo, izihloko ezisetyenziselwa ukukukhuthaza iingxoxo nokuhlangana nabanye abemi boMzantsi Afrika, nto leyo endinike umfanekiso owahlukileyo notyebileyo weli lizwe kunye nabantu balo. Ngokunjalo nangolwimi olutyebileyo. IsiAfrikansi.

Zithini izimvo zakho ngabantu abantetho isisiAfrikansi?

Abantu abathetha isiAfrikansi abangobantu baseYurhuphu kangangoko bendicinga. Endaweni yoko ngabaseMzantsi Afrika ngokupheleleyo. Oku ndikusekele kwingqiqo yokuba bayaluthanda olu lwimi, ilizwe ngokunjalo nabantu balo. Olu hlobo lunje lokuzimanyanisa lufumaneka nzima eYurophu. Abemi boMzantsi Afrika nje ngokubanzi, bayathanda ukubanovakalelo kakhulu kwaye ngokokubona kwam  ingathi basoloko bekuqwalasele kakhulu oko kwenzekayo apho bakhoyo.

Ingaba ikhona na into ethe yakumangalisa ngokupheleleyo?

Ewe: yindlela abantu abasithanda ngayo isiAfrikansi. Yindlela abantu abafuna ukuthetha ngayo nam. Indlela abantu abanobubele nabamamkela ngayo umntu ngokunjalo nendlela abakuxabise ngayo ukufuna kangaka kwam ukufunda ukuthetha isiAfrikansi.

Ingaba unawo amagama owathandayo kwisiAfrikansi?

Ewe yhu! umzekelo:- Lekker. Snaaks. Padkos. Goed gaan. Vinnig. Kosmandjie. [Iinguqulelo ezisondeleyo: Lekker… yena ke, uhlala enjalo engu-lekker. Ukuhlekisa. Umphako. Hamba kakuhle. Khawuleza. Imantyi yokutya.]

Ndinomdla ngakumbi kumagama angoosinga-bahlobo – amagama akhoyo kwisiAfrikansi nakwisiDatshi kodwa abe eneentsingiselo ezahlukileyo.

Isifundo asifundayo u-Wietse siqhutywa nguVimba wokuFunda iiLwimi (Language Learning Hub), inyathelo elitsha elisuka kwiZiko leeLwimi, elibonelela abaxumi ngendawo yokufunda isiAfrikansi kwaye liyaqhubeka ngokuphucuka. Esi sifundo sigxile kwimbali etyebileyo ekwabelwana ngayo sisiDatshi nesiAfrikansi kambe nakumahluko okhoyo kwinkcubeko yolwimi lwesiAfrikansi nakuluntu lwaso.

Ezinye izifundo ezifutshane ezifundiswa nguVimba wokuFunda iiLwimi (Language learning Hub) zijoliswe kumalungu oluntu anomdla ekufundeni ulwimi lwemihla ngemihla lwesiAfrikansi okanye lwesiXhosa ukuze alusebenzise ekuhlaleni. Imeyilela u-Helga okanye i-Arné ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe.

 

A toast to a sixth language at the Language Hub

Babambe ngolwimi abalusebenzisayo

Kungxamisekile! Kusuka kumbutho owaziwa kakhulu! Shukuma ngoku!

Mhlawumbi yinkohliso …

Ukuba usebenzela inkampani enkulu, kungenzeka ukuba ukhe wazifumana ii-imeyili ezisuka kwisebe le-IT, ezikulumkisayo ngohlaselo lweimeyili yobuqhetseba (phishing). Isizathu sezo zilumkiso zinjalo sisenokuba sesokuba kukho umntu ocofe kwikhonkco kwi-imeyili ebizama ukuntshontsha amagama wabasebenzisi, iiphasiwedi okanye iinkcukacha zebhanki, kwaye maninzi kakhulu amathuba wokuba loo nqevu usebenzise iakhawunti yalo mntu ukusasaza ii-imeyili ezininzi zobuqophololo (phishing).

I-Verizon, inkampani yonxibelelwano ngomnxeba e-USA, yafumanisa ukuba kuthatha ngaphezu kwesiqingatha seyure (ngokomyinge) ukuba umqeshwa ayixele i-imeyili erhanelekayo. Ngenxa yoko, ngexesha lemizuzu nje engama-30, umntu omnye ubuncinane uyakuba sele ebambisekile emgibeni, ngokweenkcukachamanani. Wakubambiseka emgibeni, uya kuhendeka ze mva koko ujongane neziphumo zoko.

Iindaba ezimnandi zezokokuba eyona ndlela ingundoqo yokuphepha iimeyili zobuqhetseba iphaya kulwimi.

Ngethuba leNgqungquthela yamaZwe ngamaZwe ye-12 eyayingokuSebenzisa iKhompyutha kwiSemantiki ngo-2018, eyayisingathwe liZiko lobuNjineli kwezoMbane neze-Elektronika (i-IEEE), abaphandi baye babonisa ukuba, ngokuhlalutya ulwimi olusetyenziswe kwii-imeyili zobuqhetseba, banakho ukuzibona ngokuchanekileyo nangakumbi ii-imeyili ezizama ubuqhetseba kunenkqubo ephambli yokulwa ubuqhetseba kwiimeyili, nkqubo leyo iyeyenkampani yesayibha (yokhuseleko kwezobuchwepheshe obungeekhompyuta) iNetcraft. Omnye wemikhondo ephambili othe wabonwa ngabaphandi kukuba ii-imeyili zobuqhetseba soloko zivakala zingxamisekile, ziqulathe iintetha ezinjengokuthi “Tshintsha ngokukhawuleza” okanye “Thumela kwiiyure ezingama-24 ezilandelayo”. Okunye okukrokrisayo yindlela abizwa ngayo lowo ubhalelwayo – ngohlobo oluthile okanye ngendlela engabhekisi mntwini njengokuthi “Mthengi othandekayo”, nto leyo ifuna ukuba ulumke! Enye into onokuzibuza yona yeyokuba: Ingaba zikhona iimpazamo zopelo? Amaxesha amaninzi iimpazamo zopelo nezokubhala ziba ziimpawu ezibonisa mhlophe ukungathembeki, nto leyo ekubangela ukuba ube nemibuzo malunga nomthombo wembalelwano leyo.

Ukuba awunasiphiwo sobungcali kwiilwimi, hlala koku kulandelayo:

  • Qinisekisa ukuba i-imeyili kunye needilesi zewebhusayithi ezikwi-imeyili engenasihla.
  • Musa ukuchofoza naliphi na ikhonkco kuyo nayiphi na i-imeyili – ngaphandle kokuba uyayazi into yokokuba umthumeli kunye nekhonkco bathembekile.
  • Musa ukuziphendula izicelo ezifuna iingcombolo zakho zobuqu okanye ezimele kukhuselwa. Inyaniso yamandulo isasebenza nanamhla oku – ukuba into ivakala njengogqithiso, mhlawumbi ilulo.
  • Gcina iiphasiwedi zakho ziyimfihlo ngawo onke amaxesha, nokuba ucinga ukuba unokuwuthemba umthombo ocela iiphasiwedi zakho.

Ngelishwa, kuphithizela ii-imeyili zobuqhetseba phandl’ apha. Hlala uthe qwa ngawo onke amaxesha!

 

Catch them out with language

Ingaba ubulwimi-ninzi bubonakala kanjani kwiYunivesithi yaseStellenbosch?

“Ukuthetha iilwimi ezininzi kwabantwana abaselula kubhentsisa ukukhuthaza nokuphuhlisa izakhono zokuqiqa, ukwazi ukusombulula iingxaki nokuqonda kwaba bantwana ukuntsonkatha nokwalamana kwezinto. Ebudaleni, ukuthetha iilwimi ezininzi kungalwa ukudodobala kwengqondo.” uNjing. Arnold Schoonwinkel, onguSekele-Nqununu (wokuFunda nokuFundisa) nguye ovule uSuku loLwimi lwalonyaka kule Yunivesithi ngala manqaku enkuthazo.

Ngowama-28 Septemba, Abafundi nabasebenzi abangama-75 bahlangana eSTIAS ukuze baxoxe ngomxholo walo nyaka woSuku loLwimi othi, ‘Multilingualism @ SU: Creating an enabling environment’(Ubulwimi-ninzi @ SU: Ukudala imeko eyakhayo). Olu suku lwalumiselwe ukuba ludala ithuba lokuba kuqhutyekwe ngokuqwalasela iintlobo ngeentlobo zamathuba akhoyo kwiyunivesithi enemvakalelo ngendlela ekusetyenzwa ngayo ubulwimi-zininzi. Kwimeko yentlalo kumaziko emfundo ephakamileyo, uNjing Schoonwinkel ucacise ngelokuba ubulwimi-ninzi budlala indima ekulweni neziganeko zobuhlanga, ukunyevulela abamanye amazwe nokunganyamezelani ngokwenkcubeko, kwaye lilinge elixabisekileyo ukukhangela iindlela ezingasetyenziswa ukukhuthaza ubulwimi-ninzi kwiimeko zemfundo nentlalo ekhampasini.       

Iingxoxo zamaqela amancinane zathi zanika ithuba amaqela aziintlobo ngeentlobo zabathathi-nxaxheba iqonga lokuacamnge ngokuxabiseka kobulwimi-ninzi nokuba ingadalwa njani imeko ekukhuthazayo oko. Imixholo emibini ephambili, othi ‘Multilingualism in Teaching and Learning Spaces’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuFunda nokuFundisa) nothi ‘Multilingualism in Social Space’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuHlala), ithe yasisikhokelo sezi ngxoxo. Imibuzo enzima yavela, enjengeyokuba kutheni sizikhathaza ngokusebenzisa iilwimi zabaligcutswana kwezemfundo, kwaye oku kuzivelisa njani eklasini? Impendulo eyavela kwabo babelapho yakucacisa mhlophe ukuba ukuthetha iilwimi ezininzi kuyinxalenye yobuni bethu njengebantu boMzantsi Afrika, ukuba oko kuyasichaza thina kwaye kusibalula njengesizwe. Ezinye izihlomlo ibizezi: “Ubulwimi-ninzi bubonakalisa imvakalelo yobunye kwaye busebenzisa amandla obuthwelwe lulwimi kuluntu olunenkcubeko noluqeqeshekileyo.” Kumele sihlale sithukuthezelelwa bubulwimi-ninzi de sifikelele kwiqondo apho sizibophelela ekudaleni iimeko ezincedisana nokudalwa kwengcaciso nengqiqo. Indlela ebambekayo yokwenza oku kukubonelela ngezintlu zesigama ezilwimi-ntathu (okanye ezilwimi-ninzi) kusetyenziswa ubume beaplikeshini (application) yeselula/yethabhulethi nanjengoko kusenziwa kwiprojekthi yeMobilex.” Okwavunyelwana ngako ngokuphangaleleyo kukuba, nokuba yiyiphi na indlela esisombulula ngayo imiceli-mngeni yobulwimi-ninzi, kufanele sihlale sicamngca ukuba oku sikwenza kuba sifuna ukuquka abanye, ukwamkela abanye kunye nokuba nemvakalelo kwizidingo zomntu ngamnye. Ngale ndlela, ubulwimi-ninzi budala amathuba okukhula komntu nawokufikelela kwabo badinga uncedo, ingekuko ukwakha umkhanya nje. UCarli van Wyk, ongusiHlalo weBhunga loMelo lwabaFundi langowama-2018/2019 ushwankathele izimvo zababelapho ngolu hlobo lulandelayo: “Kumele sihlale sijolise ekudaleni inkcubeko eyamkelayo eSU nalapho iinqobo zethu kumele zikhokele isicwangciso-qhinga sethu sokubhiyozela ukungafani kwabantu ngelixa sidala amathuba okuthetha iilwimi ezininzi khona ukuze sifunde nakwabanye.”

Ngangona iYunivesithi igxininise kwisiAfrikaans, isiNgesi nesiXhosa, kukho iinzame ezinkulu zokukhulisa uLwimi loMjeku (uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika – SASLI). Ukongeza kutoliko lwesiAfrikaans nesiNgesi, kutolikwe nangoLwimi loMjeku khona ukuze abafundi abazizithulu babe nako ukuxoxa kwiingxoxo zoSuku loLwimi. Ukuba ungathanda ukulandela le ngxoxo, ungabukela ividiyo yosuku lonke apha okanye ungakhangela isimemo esiya kubafundi ukuze uzivele ngokwakho ukuba kunjani kwikhampasi elwimi-ninzi.

Language day invite      

Amandla akhuselayo obulwimi-mbini

Yunivesiti ithile yase-Ithali yaxilonga iingqondo zamaqela ngamaqela abantu abaphethwe sisifo sokulahlekelwa yinkumbulo nesaziwa njenge-Alzheimer’s, oko kusenziwa njengenxalenye yophononongo. Isiqingatha kwabo bantu sasilwimi-mbini, ngeli lixa esinye isiqingatha sasilwimi-nye kuphela. Xa ucinga leliphi iqela elaba neziphumo ezincomekayo…

Phaya ekuqaleni kwalo nyaka, iYunivesithi iVita-Salute San Raffaele yaseMilan yakhupha iziphumo zalo zophononongo olwalumalunga negalelo lobulwimi-mbini kwisifo sokulahleklwa yingqondo esaziwa njenge-dementia, sifo eso sidla ngokuzibonakalisa njengesifo iAlzheimer’s. Olunye uphawu lwe-Alzheimer’s kukusilela kobuchopho ekugcineni ubomi buqhubeka, nto leyo kuthiwa yi-cerebral hypometabolism. Oku kuthetha ukuba ingqondo iba nobunzima bokuziguqulela iswekile ibe ngamandla – ingqondo iqalise ukulamba ke ngoko. Loo nto yenze ukuba imisebenzi efana nokukhumbula iqalise ukubanzima.

Abaphandi phofu bafumanisa ukuba izigulane ezithetha iilwimi ezingaphezu kwesinye – ikakhulu isiTaliyane nesiJamani kule meko zaqhuba ngcono kwimisebenzi yethutyana neyethuba elide yenkumbulo ngokuphinda-phindwe kathathu ukuya kwisibhozo kunabo bathetha ulwimi olunye. Oko kube njalo nangona izigulane ezilwimi-mbini zazikhethwe ngokukodwa kuba zinobuchopho obusilela kakhulu ekuguquleni iswekile!

Olu asilophononongo lokuqala ukufumanisa ukuba ukubalwimi-mbini kuya nceda ekulweni isifo sokulahlekelwa yinkumbulo: uphononongo lwaseKhanada olwapapashwa kwijenali yenzululwazi iCortex ngowama-2012 lwafumana ubungqina bokuqala obuphathekayo (ngoxilongo lohlobo lwe-CT) bokuba ukuthetha ubuncinane iilwimi ezimbini kuya kwazi ukulwa neziphumo zeAlzheimer’s. Ukusebenzisa iilwimi ezininzi kukhuthaza ingqondo ekomelezeni iziphelo zemithambo-luvo, kwakhiwe oko izifundiswa zithi nguvimba wengqondo, nto leyo ibambezela ukuqala kwesifo sokulahlekelwa yinkumbulo.

Ngoko ke, nika ingqondo yakho isifundo okanye izifundo ezimbini, ucele umngeni kubahlobo nabalingane beze kwincoko elwimi-ninzi! Njengoko uArthur Fletcher wakha watsho: “Asinto intle ukudlala ngengqondo”.

Ulwazi oluthe vetshe ngesi sihloko:
The impact of bilingualism on brain reserve and metabolic connectivity in Alzheimer’s dementia
Bilingualism as a contributor to cognitive reserve: Evidence from brain atrophy in Alzheimer’s disease