Category: Imisitho

Yonwabela inkululeko eziswa lulwimi

Yiba nomfanekiso ngqondweni ngehlabathi elingenalo ulwimi. Ingakwazi ukwenzeka lo nto xa ucinga? Awucingi ukuba ingenzeka lo nto?Awukhe uyicinge eyokuba ulwimi luthungelana neengcinga kwaye ayisebenzi eyokucinga ukuba ngaba awucingi ngolwimi lwakho? Uza kufikelela njani kwiingcinga zakho ukuba ngaba azizinzanga kuhlobo oluthile lolwimi?

Kwincwadi ethi , The language instinct, uSteven Pinker (1994:3) naye uyahambisana nezingcinga xa esithi: Language is so tightly woven into human experience that it is scarcely possible to imagine life without it. Chances are that if you find two or more people together anywhere on earth, they will soon be exchanging words” (Ulwimi lubhijeleke ngqo kumava omntu nto leyo inqabileyo ukuba bunganjani ubomi ngaphandle kolwimi. Maninzi amathuba apho unokufumana abantu ababini  nangaphezulu naphina emhlabeni, ungabeva bencokola okanye besayinelana ngalo) Abantu abangakwaziyo ukuthetha nokuva basebenzisa ulwimi lwezandla njengabantu abevayo ngeendlebe abasebenzisa iilwimi ezithethwayo: ngokuhleka, ukukhala nokubhiyoza, kwaye iziphumo zezichukumisayo nezakhayo.

Yile ngcamango kanye esingenakho ukuba singangabelani ngayo ngolwimi lwethu nabanye abantu kwaye indenze ndicinge ngale nkululeko intle esiyiphathelwa lulwimi ukuze sikwazi ukuyisebenzisa. Ulwimi lukhulula iingcinga ezikwintloko zethu ngokusinika isixhobo sokulusebenzisa,kwaye maxa wambi sothule umthwalo osemagxeni omnye umntu. Ulwimi lunika indlela yemvakalelo, ukuviwa kwaye ukwazi ukunxulumana nabanye. Iilwimi ezahlukeneyo zilawulwa yimigaqo eyahlukeneyo yokubhalwa kwegrama, kodwa eyona Nkululeko ivulekileyo yile yokukwazi ukusebenzisa ulwimi kwaye uvelise into abanye abantu abangazange bayithetha ncakasana ngendlela ebalaseleyo. Cinga ngemibongo,iziqwengana zocamngco, iblogu,amavo okanye iincwadi ezinezihloko ezinye zababhali abahluka hlukeneyo.: umzila omhle abanokuhamba ngawo, kodwa kukho indlela ezininzi ezahlukeneyo zokuvakalisa imvakalelo. Le nto ayikwenzi ucinge ngokufuna ukuqala ukubhala into ngokukhawuleza?

Siphila kwixesha apho inkululeko yethu yentshukumo nenkululeko yendibano ziphantsi komngeni womngcipheko wolosuleleko. Nakubeni ezinye zenkululeko zethu zokudibana ziphantsi koku ncitshiswa ukuze kunqandwe ukunwena kobhubhane esijongene naye, inkululeko yethu yobungqondi ayiminywanga yona. Masamkele le meko sikuyo ingaqhelekanga ukuze sikhumbule izinto ezininzi esaziphathelwa yinkululeko.

Ukukhumbula usuku lweNkululeko kulo unyaka, thina kwiZiko leeLwimi sikhetha ukubhiyozela inkululeko esinayo kulwimi – amathuba angenasiphelo esiwaphathelwa lulwimi ukuze sivakalise imvakalelo zethu, sinxulumane nabanye abantu kwaye siphile ubomi bethu, nokuba ngaba amathuba ethu okubonana emancinci okwethutyana.

– nguSusan Lotz noKim Wallmach; translated by Zandile Kondowe

Full reference: Pinker, Steven. 1994. The language instinct: The new science of language and mind. Penguin Books: London. 3

Tags:

Masikhuthaze ukuxatyiswa kweelwimi ezahlukileyo

Minyaka le, ngomhla wama-21 kweyoMdumba, ihlabathi lonke ngokubanzi libhiyozela uSuku loLwimi lweeNkobe kwiHlabathi ngokubanzi. Le mibhiyozo yasungulwa kwinyanga yoMdumba kumnyaka ka-2000. Ukusukela kuloo nyaka ke, amazwe ngamazwe ehlabathi, ingakumbi abathandi bolwimi, babhiyozela iilwimi zeenkobe ngendlela ngeendlela ezahlukileyo. Ezona njongo zokubhiyozelwa kolu suku, kukuphuhlisa ukwahluka kwethu ngokwenkcubeko, kuquka nokukhuthazwa kokusetyenziswa kweelwimi ezahlukileyo. Esona sizathu sokuzibandakanya kwiphulo lokukhuthazwa kokusetyenziswa kolwimi lweenkobe, kukuba iilwimi ezininzi kwihlabathi liphela, ziya ziba semngciphekweni wokubhanga. Ngokophando olwenziwe nguMbutho weeLwimi waseOstraliya, kufumaniseka ukuba zingama-43% kumyinge ekhulwini iilwimi ezisemngciphekweni ehlabathini. Iilwimi ziba semngciphekweni xa abantu bengazisebenzisi ekuzithetheni, ekuzibhaleni, kwezemfundo nakumaqonga obugcisa afana nomabonakude, i-intanethi, kwiminxeba, kuquka nakwimijelo yeendaba.

Ukukhuthazwa kokusetyenziswa kweelwimi zeenkobe, akuyi kuphelela nje ekongeni nasekuphuhliseni oko kulilifa ebantwini, koko kukhuthaza nokuzibandakanya kwinkcubeko yabo bathetha olo lwimi, ukuba yinxalenye yokusetyenziswa kweelwimi ezininzi, kuquka nokubambisana kuphuhliso lwezinye iilwimi nokuxhasa amaphulo okusetyenziswa kwazo zonke iilwimi ekubeni kufundiswe kwaye kuphandwe ngazo.

Thina kweli ziko sikholelwa kwelokuba ulwimi aluphelelanga nje ekubeni lulwimi –koko ikwangumjelo wokugqithisela amasiko. Ulwazi nothando olungagungqiyo lolwimi namasiko, luzinze kumbilini nakumathambo abo bonke abasebenzi beli ziko lolwimi. Okona sikholelwa kuko kukuba ulwazi nothando lweelwimi ezahlukeneyo, kunegalelo ekuzinziseni ubudlelane phakathi kwabantu, phakathi kwemibutho, phakathi kwezizwe kummandla othile wenkcubeko. Xa sikhuthaza ukuxatyiswa nokukhuliswa kolwimi ngobugcisa kwiZiko leeLwimi, sikhuthaza abafundi bethu nabaxhasi bazinikele kangangoko ekufundeni ezinye iilwimi kunye nathi – ingasisiXhosa, isiAfrikansi okanye isiNgesi.

Simema bonke abaxumi (different stakeholders) beYunivesithi yaseStellenbosch nabahlali bedolophu ngokubanzi, ukuba baze kuzibandakanya nomsebenzi omhle weli ziko leelwimi ukuze sakhe isixeko esingaphelelanga nje ekuthobelelaneni ngokweelwimi, koko ibe sisixeko esifunda iilwimi ngeelwimi, ukuze sakhe isizwe esiyimbumba nesasikhuthazwa bubunkokheli bukaNelson Mandela.

Ngokubhalwa nguZandile Kondowe

International Mother Language Day poster
Tags: