Kulo nyaka, okokuqala ngqa, iYunivesithi yaseStellenbosch (SU) ijoyina iVeki yeeLwimi yoManyano lweEUTOPIA ukususela ngomhla we4 ukuya kowe8 kweyoKwindla kowama2024 ukuze ibhiyozele iilwimi, inkcubeko nokwahlukahlukana.
Umanyano lweEUTOPIA lisango lamazwe ngamazwe lokutshintshiselana ngolwazi nenkcubeko, kwaye iSU yenye yeeYunivesithi ezintandathu ezingamaqabane iEUTOPIA enxulumana nazo ngapha komanyano lwayo olungundoqo oluziiyunivesithi ezili10 eziseEurope. Amaziko akwihlabathi jikelele athatha inxaxheba kwiVeki yeeLwimi yeEUTOPIA, nto leyo idala ithuba lokuba abasebenzi nabafundi abasuka kuwo onke amaqabane eEUTOPIA bazimase imisitho engobuxhakaxhaka bale mihla kwihlabathi liphela ngelixa laloo veki, nokuba basebenzisane.
E-SU, iVeki yeeLwimi yenzeka ubuso ngobuso, ngobuxhakaxhaka bale bihla nangendlela eyingxubevange, nalapho kukho ubutyebi bokwahlukahlukana kwemisebenzi kumasebe aseSU amaninzi jikelele. Imisitho ikwiikhathegori ezine: IMiboniso bhanyabhanya, iFlex, ukuFundwa kweeLwimi neeNtetho. IMiboniso bhanyabhanya iquka ubusuku bemiboniso bhanyabhanya obubonisa ngemiboniso bhanyabhanya engesiAfrikansi nesiMandarin, ngelixa iFlex imele imisitho engentsebenziswano nemnandi apho uthi usebenzise izakhono zakho zokusebenzisa iilwimi eziliqela kwimekobume yezentlalo, enjengemisitho yeLanguage Café neMultilungual Karaoke. UkuFundwa kweeLwimi kwenza Kanye oko kukuthethayo: apha ungafumana amava olwimi ongathanda ukuluphengulula kancinci, ukusuka kwisiXhosa ukuya kutsho kuLwimi lokuThetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika. IiNtetho zona zikunika ufikelelo kwiingcali ezabelana ngezenzeko ezenza umdla ngokujoliswe kulwimi, kwinkcubeko, kuncwadi, kuguqulo lolwimi, kwisakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela kwaye nkqu nemekobume yomgaqonkqubo wolwimi wakumazwe ngamazwe. Phengulula le nkqubo ukuze ufunde kabanzi!
Yonke imisitho kusimahla ukuyizimasa kubasebenzi nabafundi baseSU nakuwo onke amaqabane oManyano lweEUTOPIA. Iilinki zobhaliso ziyafumaneka kule nkqubo. Nceda ubhalise ukuze ukhusele indawo yakho, kwaye ingcaciso engeendawo neelinki zokujoyina ngobuxhakaxhaka bale mihla ziza kuthunyelwa emva kobhaliso. Ukuba uthe watshintsha isigqibo sakho emva kokuba uye wabhalisa, sazise ukuze sivulele omnye umntu eso sithuba, okanye ukuze siphephe ukwenza amalungiselelo angeyomfuneko.
Nanjengoko iququzelelwa liZiko leeLwimi laseSU, iveki yeeLwimi eSU ithembisa ukuba ngumsitho obalaseleyo. Joyina ukubhiyozelwa kweelwimi, inkcubeko nokwahkukahlukana kunye nabantu abaneengqondo ezifana neyakho kwihlabathi jikelele!
Jonga inkqubo yaseSU epheleleyo apha uze ubhukishe indawo yakho ngeelinki ezifumanekayo kule nkqubo. Ikhasi leVeki yeeLwimi yeEUTOPIA elinikezela ngayo yonke imisitho yawo onke amaqabane akwihlabathi jikelele liyafumaneka apha, kwaye ungayibhukisha indawo yakho kwimisitho yakwihlabathi jikelele khona apho.
Imibuzo okanye urhoxiso: taalsentrum@sun.ac.za