Deprecated: Return type of WP_Hook::current() should either be compatible with Iterator::current(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 482

Deprecated: Return type of WP_Hook::next() should either be compatible with Iterator::next(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 495

Deprecated: Return type of WP_Hook::key() should either be compatible with Iterator::key(): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 508

Deprecated: Return type of WP_Hook::valid() should either be compatible with Iterator::valid(): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 521

Deprecated: Return type of WP_Hook::rewind() should either be compatible with Iterator::rewind(): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 532

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetExists($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetExists(mixed $offset): bool, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 424

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetGet($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetGet(mixed $offset): mixed, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 438

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetSet($offset, $value) should either be compatible with ArrayAccess::offsetSet(mixed $offset, mixed $value): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 452

Deprecated: Return type of WP_Hook::offsetUnset($offset) should either be compatible with ArrayAccess::offsetUnset(mixed $offset): void, or the #[\ReturnTypeWillChange] attribute should be used to temporarily suppress the notice in /home/taalsentrum/public_html/english/wp-includes/class-wp-hook.php on line 469
Iingcebiso ngokubhala – Stellenbosch University Language Centre

Category: Iingcebiso ngokubhala

Ukunwenwa kweziphumo zolwimi

Uninzi lwethu alucingi kangako malunga nolwimi ngokwengqiqo ekuphileni kwethu ubomi bethu bemihla ngemihla. Kwaye noko kunjalo, ulwimi esilusebenzisa kwizifundo zethu, kwiimeko zasemisebenzini nakubudlelwane bethu buqu nabanye abantu lulo olwakha uhlobo lokuqonda ubuthina, uhlobo esithanda ukuba lulo ehlabathini, kunye noko kukokona kubaluleke kakhulu kuthi.

Indlela esinxibelelana ngayo inefuthe kwaye iyakutshintsha okusingqongileyo, nto leyo idala amaza anwenwayo kubomi bethu jikelele.

Kodwa asiyazi sonke indlela yokukwenza kakuhle oko, kwaye siyalibala ukuba unxibelelwano alukho malunga noko sikuthethayo kuphela, kodwa lukwamalunga nendlela okuvakala ngayo oko sikuthethayo, kananjalo nomntu lowo ukuvayo oko sikuthethayo. Sonke sineendlela ezahlukahlukeneyo zokucinga nokuqonda, kwaye sineemvelaphi namava ahlukahlukeneyo.

Ngoko ke, ukuphucula unxibelelwano akukho malunga nokwandisa amagama owaziyo nowasebenzisayo nokuchula usetyenziso lweempawu zokwakha izivakalisi ngokufanelekileyo nje kuphela. Kumalunga nokuqonda kakuhle abo siphila nabo ehlabathini, ukwakha ubudlelwane obunentsingiselo, ukuphuhlisa uluntu, nokudala ubomi obufanele ukuphilwa.

Nazi iindlela ezintathu ezilula ngokungakholelekiyo olunokuthi ulwimi lukuncede ngazo ukuba utshintshe ubomi bakho:

1. Ukuthotyelwa kwekwePOPIA? Thetha oko kufuneka ukuthethile ngokulula nangolwimi olucacileyo.

Umyalezo oneziphumo ezifanelekileyo kufuneka ube ubunjwe kakuhle kwaye ubhalwe ngolwimi olucacileyo. Njengoko umdlali webhesi odumileyo wayekhe wathi: “Ukwenza oko kulula kube nzima kuqhelekile; ukwenza okunzima kube lula, kube lula ngokumangazayo, obo bubuchule.” UMthetho woKhuselo lweNkcukacha  zoMntu (POPIA) uqale ukusebenza ngomhla wo-1 kweyeKhala 2021 eMzantsi Afrika, kwaye loo nto iye yakhokelela kuthotho lweentetho zezomthetho ezingaqondekiyo malunga nothotyelo lwe-POPIA njengezi zilandelayo:

“Ukususela ngomhla we 01 kweyeKhala, namhlanje, uMthetho woKhuselo lweNkcukacha zoMntu (POPIA) uyaqala ukusebenza.[…] Ngoko ke, uyaziswa ukuba unelungelo lokwala ukunikezela ngemvume elolo hlobo kwaye ungalisebenzisa elo lungelo ngokuthi ulishiye eli qela/, ungaphuma ngokuthi ucofe kwilinki esezantsi kule imeyili.”

Ukuba ungathanda ngokwenene ukuqhagamshelana nabantu, kuphephe ukusebenzisa isigama esintsokothileyo uthethe ngqo le nto uzama ukuyichaza. Ungathanda nokuba ubabulele abantu ngokuthatha inxaxheba. Ngolu hlobo:

“Nanjengoko kungenzeka sele usazi, ukwaziswa koMthetho woKhuselo lweNkcukacha zoMntu (POPIA) kuye kwaqalisa ukusebenza ngokupheleleyo ngomhla we01 kweyeKhala 2021 eMzantsi Afrika. […] Ukuba ungathanda ukuqhubekeka ufumana iileta zethu zeendaba, akukho mfuneko yokuba wenza kwanto kwaye uza kuqhubeka ufumana unxibelelwano olusuka kuthi. Ukuba ukhetha ukulifumani unxibelelwano olu loluhlobo ukuya phambili, uvumelekile ukuba ucofe kwiqhosha lokuphuma elisezantsi kule mbalelwano.

Uyabulelwa ngokuba ube yinxalenye yoluntu esilwakhayo.”

2. Sebenzisa u ‘si’ no ‘yethu’, hayi u‘ndi’ no‘wena’: Dala uqhagamshelwano, hayi ukuqelelanisa abantu.

Sinako sonke ukuba ngumqobo ngokwethu ezindleleni zethu, maxa wambi oko kube kungezonjongo zethu. Abongameli neeNgqonyela zolawulo eziphumeleleyo ziyayazi ukuba eyona ndlela yokusombulula iyantlukwano phakathi kwabantu kukubalisa ibali lobuntu elilula nelimalunga neenqobo esabelana ngazo singabantu. Ukusebenzisa u’si’ no’yethu’, hayi u’ndi’ no’wena’ kwenza uqhagamshelwano phakathi kwabantu, nanjengoko uMongameli uNelson Mandela wayesazi ngelixa wayesenza intetho yokufungiswa kwakhe njengomongameli eyibhekise ebantwini baseMzantsi Afrika neendwendwe zakhe zakumazwe ngamazwe ngomhla we10 kuCanzibe, 1994:

“Izenzo zethu zemihla ngemihla njengabemi boMzantsi Afrika kufuneka zivelise ubunyani boMzantsi Afrika obuza kuqinisa inkolelo yabantu kubulungisa, bomeleze ithemba labo ekubalulekeni komphefumlo womntu ze bugcine onke amathemba ethu obomi obuzukileyo kumntu wonke.

Konke oku sizityala kona thina buqu kwaye sikutyala naba bantu behlabathi ababamelwe kakuhle kangaka apha namhlanje.

Kuthi zintandazwe, andinazintandabuzo ekuthini umntu ngamnye kuthi uncamathele nca kumhlaba weli lizwe lihle kangaka njengoko kuncamathele kuwo imithi edumileyo yejakharanda yasePitoli nemithi yomnga kumathafakazi eli.”

UMandela wayenako ukuthethela u‘si’, abantu ababenokubonwa njengabaneqhagamshela kunye nomhlaba woMzantsi Afrika noluntu lwayo olungabemi, ngokungathaliseki kokwahluka-hlukana kwabo. Obu yayibubuchule benene, kwaye kuthethwa ngokulandelelana kwezinto ngokwendalo, umhlaba, into wonke ubani akwaziyo ukuqhagamshelana nayo.

3. Bulisa umntu ngolwimi lwakhe, hayi ngolwakho. Hlwayela indlela yokucinga engesakhono sokusebenzisa iilwimi ngeelwimi.

Ukubulisa umntu ngolwimi lwakhe kubonakalisa ukuba uyikhathalele ngokwaneleyo inkcubeko yakhe ukuba ude ufunde okuthile okuncinci ngayo, kwaye kukuvulela iingcango ezinokube bezivalekile kuwe.

Nkqu nokubulisa nje okungenani kuyayibonakalisa inkcubeko yethu nendlela esicinga ngayo. Akunjalo kwiinkcubeko zaseAfrika. Ukunqwala intloko okanye uncumele umntu odibene naye ekufoleni umgca okanye esitratweni, okanye u”Molo” nje ohamba yedwa ngaphandle kokuthi “Unjani?” kuye kubonakala kungebuntu eMzantsi Afrika. Oku kusithatha kusibuyisele umva kwiindlela zesintu ezityebileyo zokubulisa neziquka ukubuza malunga nentlalo-ntle yomntu neyosapho lwakhe (nkqu neyezinyanya zakhe), njengoku kubulisa ngesiZulu:

Sawubona. Ninjani? Oku xa kuguqulelwa esiXhoseni kuthetha ukuthi: Molo (ngokoguqulo ngqo: siya kubona. Unjani (ngokoguqulo ngqo: ninjani?)

Isakhono sokusebenzisa iilwimi ngeelwimi simalunga nokungaphezulu kokuzimisela ukufunda nokusebenzisa iilwimi eziliqela nje kuphela. Kukwayindlela yokucinga. Kusixhobisa ekubeni sibe namava ambaxa nahluka-hlukeneyo, kwaye sizibandakanye noluntu ngendlela echukumisa intliziyo, hayi nje ingqondo kuphela.

Njengoko nabani na owakhe waba kwiphulo lokufunda ulwimi olutsha esazi, loo mava okufunda angabuguqula ubomi bakho. Njengoko amava akho olwimi kwimeko yenkcubeko yalo esanda, uza kufumanisa ukuba ezi lwimi nezi nkcubeko awuzigcini kwiindawo ezahlukeneyo engqondweni yakho, koko wakha ubuchule bokusebenzisa iilwimi ezininzi obukhulayo nalapho lonke ulwazi lwakho namava akho athi abe negalelo, nalapho iilwimi zithi zibe nonxulumano.

Njengokunkcenkceza kwamanzi kwiqula lamanzi, ulwimi luneziphumo ezingalindelekanga nezimangalisa ngokwenene.

 

– nguKim Wallmach, uguqulo lolwimi lwenziwe ngu Siphumeze Mrwetyana noZama Bekweni

UGqr Kim Wallmach nguMlawuli weZiko leeLwimi kwiYunivesithi yaseStellenbosch. Ubulela oogxa bakhe kuMasebe esi-Afrikansi nesiDatshi, iZifundo zeKharityhulam, iiLwimi zale Mihla, nakwiZiko leeLwimi ngegalelo labo kwixabiso lesakhono sokusebenzisa iilwimi ngeelwimi.

[us_image image=”17583″ size=”medium” style=”shadow-1″]

iziphumo ezinenwenwayo  (isibizo) isiphumo sesiganeko esinye esithi sibe nefuthe kwezinye iziganeko ngendlela engalindelekanga, okanye kwiindawo ezingalindelekanga.

Izifundo ezingembali yamagama: ngokufaniswa namaza anwenwayo ngaphezu kwamanzi xa kuthe kwajulwa ilitye kuwo
Umthombo: www.definitions.net/definition/ripple+effect

Tags:

Iminyaka engamashumi amabini yenkxaso kubabhali ukuze bavakale apho kufaneleke khona

Kulo Juni, iLebhu yokuFundisa ngendlela yokuBhala ekwiZiko leeLwimi eSU ibhiyozela iminyaka eyi 20 yasungulwa! iLebhu yokuBhala iyazingca ngobubele enabo, ukwamkela nendawo ekhuselekileyo apho abafundi nezifundiswa besoloko beziva bekhululekile ngokuxoxa ngemiba yokubhala kunye nenkxaso abayifumana kubasebenzi bethu abazinikeleyo ekucebiseni ngokubhala.

Into eyaqala njengephupha kuNjing Leon de Stadler (owayesakuba nguMlawuli weZiko leeLwimi), lafezekiseka xa iLebhu yokuFundisa indlela yokuBhala ivula iingcango zayo ngoJuni ka2001. Ngenxa yokuba savula ngeNyanga yoLutsha kwaye sisebenza nabafundi abaninzi abafuna ukuba ngabasebenzi abanekamva elihle, sibona kufanelekile ukuba sigqamise esi siganeko sibalulekileyo kwiNyanga yoLutsha.

KwiLebhu yokuBhala, sikholelwa ekubeni wonke umntu kumele ukuba aviwe kwaye abonwe. Kodwa xa ungakwazi ukuthetha ‘isiYunivesithi’ asoze ubenalizwi ekhampasini. Yile nto kanye esenza ukuba sisebenze nababhali ukuze siphuhlise amazwi abo ngokwezemfundo kwaye siphucule nesakhono sabo sokukwazi ukuba nengxoxo mpikiswano ngemiba abayivezayo. Indlela esiyisebenzisayo yokufunda ngokobulingane yasungulwa ngumMerika wombutho weentshukumo zenkqubela yenzululwazi ngokufundisa kwiminyaka yo 1970 kwaye yayisandisa ukungena kwabafundi kumaziko emfundo ephakamileyo nokuthabatha inxaxheba kwimisebenzi yemfundo.

ILebhu yokuBhala ihambe indlela ende ukusukela ekuqaleni kwayo, kwigumbi lokucebisa elalibolekwe eYunivesithi kwiSebe lobuNtlalontle, kwiminyaka eyi 20 eyadlulayo. USharifa Daniels noRose Richards babelisebenzisa kunye igumbi lokucebisa njenge ofisi yabo kwaye bene imeyile enye, ngelo xesha omnye wayelishiya igumbi ukuze kubekho indawo. INtloko yeFakhalthi, eyayine ofisi ekwiminyango emibini ukusuka kwiofisi yabo neyayingayazi ukuba kwakuqhubeka ntoni, yayisijonga ngesikrokro xa yayisibona sisihla sinyuka kulo paseji inde. Kwimigangatho emibini ephezulu, kwiSebe lesiAfrikansi nesiDatshi, uAnne- Mari Lackay wayesabelana ngedesika neqela labantu kwigumbi lokufundela lomntu wonke. Kwakungekho namnye kuthi owayenefoni, nto leyo eyayisenza ukuba rhoqo xa kufuneka sidibene, sihle sinyuka kulo manqwanqwa.

Ngelo xesha lika2001, sasineendibano zokucebisa nabafundi abayi 20, ngoku sidibana nabayi 3000 nangaphezulu. Nangona uSharifa wathatha umhlala phantsi ngo2018, uRose no Anne-Mari basasebenza kwiLebhu yokuBhala kwaye bajoyinwa nanguSelene Delport, uVinelene Hartley noCelestia February. Sixhaswa nangabafundi abasele benezidanga nabamalunga namashumi amathathu aneshihlanu abaqeqeshelwe ukuba ngabacebisi bokubhala. Uninzi lwabafundi beyunivesithi abasebatsha baye baqhube babengamakhankatha ezifundo nabacebisi bababhali abasakhasayo buqu.

Ngaphambi kokufika kuka2020- ongunyaka ubunzima kabhubhane weCovid 19- iindibano zethu zokucebisa uninzi lwazo besizenza ubuso ngobuso. Ukuqalisa kwalo bhubhane ukuhlasela saye sabona indlela ababengamakheswa ngayo abafundi nendlela ababekhathazeke ngayo ngomsebenzi wabo wezifundo, sawuthathela kuthi umceli mngeni wokuqalisa ukudibana ngobuxhaka xhaka bale mihla uMS Teams. Iqhuba kakuhle. Kwinyanga ka Apreli iyodwa nje safikelela kubafundi abangaphezulu ko 500 ngokusebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla. Iindibano zokufundisa ukubhala zabafundi abasele benezidanga, abamalunga nama 60 ngonyaka, nabo basebenzisa ubuxhaka xhaka bale mihla kwaye buyimfuneko enkulu.

Siziva siculumancile kwaye sinombulelo omkhulu ngeli thuba lokusebenza nabafundi. Aba ngababhali abanelizwi langomso kwaye ngesakhono esihle sokubhala bangavakala apho kufaneleke khona. Ukuba ufuna ukubhala kakuhle ngokwezifundo, wamkelekile ukuba ubhukishe indibano yokucebisa ngokubhala kunye nathi. Ukuba ngaba ikhona into engenye ongathanda sikuncede ngayo, nceda usithinte ngokusithumela imeyile!

– nguRose Richards noAnne-Mari Lackay; ulwimi luguqulwe nguZandile Kondowe

Qaphela: KwiZiko leeLwimi ,siyithobele imithetho emiselweyo yeCovid 19. Le mifanekiso yayithathwe phambi kokufika kobhubhane.

Tags: , , , , ,

Izixhobo zolwimi ezenzelwe izithethi ezingamaciko okuthetha

Kulo nyaka ngenyanga kaTshazimpuzi, isichazimagama sesiAfrikansi esiquka konke ngokubanzi esiyimiqulu ngemiqulu nesigama lithi Woordeboek van die Afrikaanse Taal (i-WAT), sikhuphe umqulu waso weshumi elinesihlanu, nosisiqendu sesibini sonobumba ongu-S. Lo mqulu uqulethe amagama esiAfrikansi afana nathi “skool” ukuya kwelithi “Sri Lankaans”. Esi sichazimagama sikwanesihlomelo esiqulethe amagama amatsha asukela ku-A ukuya ku-S sesona songezelelo sasidingeka kakhulu ukususela mhla kwavela uMqulu woku-1 we-WAT (amagama asukela ku-A ukuya ku-C) ngo-1951. Mhlawumbi ngelo xesha  amagama athi ‘amabokoboko’ (iqela lombhoxo kuzwelonke eMzantsi Afrika), ‘beurtkrag’ (ukucimacima kombane) kunye no-‘google’ ayengenakucingwa nokucingwa. I-WAT yaqala ukusetyenzwa ngokusemthethewni ngo-1926 kwaye ngo-1929 iYunivesithi yaseStellenbosch yaluthathela kuyo uxanduva lwesi sichazimagama.

Ukususela ngenyanga yoMqungu, iqela labahleli be-WAT belisoloko lisebenza ngomqulu wesithathu kunye nowokugqibela ngenjongo yokufezekisa umsebenzi  ongonobumba u-S, msebenzi lowo omele ukuba mawugqitywe kule minyaka mibini izayo ukuba yonke into ihamba ngokwesicwangciso. Kuye kwatyunjwa amanye amalungu kunyaka odlulileyo ukwenzela ukuba i-WAT ifike ku-Z ngo-2029.

I-WAT, umzekelo, inamanye amagama amaninzi kunye neengcombolo ezininzi kune-HAT, (Handwoordeboek van die Afrikaanse Taal,) – isichazimagama esingumqulu omnye). Enyanisweni, injongo yaso kukushicilela isigama sesiAfrikansi ngokubanzi kangangoko kunokwenzeka. Ngako oko i-WAT ingumsebenzi wokubhekisa ogunyazisiweyo owenzelwe nabani na ofuna ukuqiniseka ngokupheleleyo okanye abo baphanda ngamagama esiAfrikansi. Sikwafumaneka ngeintanethi – nakumaqonga weeselula. IZiko leeLwimi lingathanda ukuvuyisana ne-WAT ngokugqiba uMqulu we-XV (cacileyo phofu singabasebenzisi abathanda kakhulu ukusebenzisa i-WAT).

Asinguye wonke umntu owaziyo ukuba zeziphi izixhobo zolwimi ezikhoyo okanye zifumaneka phi. INkonzo yeeLwimi isungule ikhasi lezixhobo ukwenzela oosozilwimi balo. Eli khasi lifikeleleka kumntu wonke kwaye liqulathe amakhonkco eentlobontlobo ezininzi zezichazimagama zelektronika, izintlu zamagama kunye noluhlu lwesigama. Inguqulelo yamva nje yeNkonzo yeeLwimi, yoLuhlu lwamaGama Afanayo oGuqulolwimi phakathi kwesiNgesi nesiAfrikansi iza kufumaneka apha. INkonzo yeeLwimi ibonelela abaxhasi nokuba baphi na ehlabathini ngenkonzo yobuchule yokuhlela kunye neyoguqulolwimi. Imeyilela isicelo sakho kuMarguerite – sinokukunceda ngeelwimi ezili-15 ubuncinane!

Xa lusilela unxibelelwano lwekhompyutha

Ayinakuba sisibaxo ukuthi uMzantsi Afrika wonke wawunethemba lokubona ukuphela kocimicimi wombane kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo. Ngelishwa ubuye ngamandla lo cimicimi kwinyanga yoKwindla kulo nyaka, kwaye ngoku simbona lo cimicimi esenziwa kumanqanaba angasentla kunangaphambili, ukuya kwiiyure ezingama-24. Oku kuthetha ukuba, emisebenzini kufuneka sisebenzise idatha yethu (ukuba ikhona inetwekhi yemobhayili) ukuze sithumele ii-imeyili – ngethemba lokuba iileptophu okanye iifowuni zethu aziyi kuphelelwa yibhetri – okanye silunqumamise lonke unxibelelwano ngelixa usacimile umbane; okudla ngokwenzeka kangangeeyure ezimbini nangaphezulu. Nangona kunjalo, ngethamsanqa zisekhona ezinye iindlela zokunxibelelana phandl’ apha ezingezizo ezombane, kwaye zikhangeleka zisebenza ngeyazo indlela.

Vuselela isakhono sakho sokunxibelelana uze usebenzise undalashe wendlela yokuncokola ubuso ngobuso nomntu okwisakhiwo esinye neso ukuso obusakumthumelela ii-imeyili ikakhulu kule veki. Kwiminyaka embalwa edlulileyo, iYunivesithi yaseCalifornia (i-UCLA) yafumanisa ukuba okukhona abantu abaninzi bezithanda iziskrini, kokukhona bengakwazi nangakumbi ukufunda izinto ezichukumisa imvakalelo. I-UCLA yathelekelela ukuba “abo bagcina esi sakhono baye baphumelele ngokuqinisekileyo kuyo nayiphi indawo abasebenza kuyo”. Ngeli lixa olu phononongo lujolise ekusebenzeni kwabantu abaminyaka yobudala ingaphantsana nje kwelishumi elinesithathu, akuyonto imbi ukuqinisekisa ukuba sisenakho ukuthetha, omnye komnye – ubuso ngobuso.

Enye indlela yonxibelelwano ejongelwe phantsi ngamaphetshana ancanyatheliswayo okubhala amanqakwana. Into eyaqala njengelinge elasilelayo lokwenza uhlobo olutsha lweglu ngo-1968, ngeminyaka yoo-1970 yaba lishishini lamaphetshana aqambileyo amthubi, asikwere nambonakalo ingenakungaqondwa. Isayikholojisti yebathengi (nedini encedisayo yakwiyunivesithi i-Sam Houston State University) uRandy Garner wafumanisa ukuba ukuthumela isicelo ngokusebenzisa iphetshana elincanyatheliswayo kwakunefuthe phantse ngokuphindwe kabini xa kuthelekiswa nesicelo esichwetheziweyo. UGarner ukholelwa ekubeni umyalezo obhalwe kwiphetshana elincanyatheliswayo iba ngathi kucelwa uncedo olukhethekileyo, nto leyo emenza lowo kucelwa kuye azive ebalulekile aze akulungele nangakumbi ukusithobela eso sicelo.

Yiba nethemba ke ngoko. Kuba kukho ubumnyama, oko akuthethi ukuba awunamandla. Nkqonkqozela umntu osebenza naye xa uphinde wasebumnyameni kwaye ufuna ukuncokola. Kanti sebenzisa amaphetshana ancanyatheliswayo!

When e- fails

Kutheni kumele usebenzise umguquli oqeqeshiweyo nje?

Unombhalo ophucukileyo, ogqibeleleyo ongabelana ngawo nabafundi bakho … kwaye kufuneka ubekho ngeelwimi ezininzi. Ungacela ugxa wakho olwimi-mbini ukuba awuguqule (yibamb’ apho), okanye ungacela umguquli oqeqeshiweyo ukuba akwenzele lo msebenzi.

Kutheni kumele ukhethe umguquli oqeqeshiweyo?

  • Umguquli oqeqeshiweyo ngumntu oqeqeshwe kubugcisa bokudlulisela intsingiselo yomyalezo ukusuka kolunye ulwimi ukuya kolunye. Oku kuthetha ukuba uyakwazi ukujongana nemiba yesimbo, ubhalo, isigama kunye nokuntsonkotha kwentsingiselo kumbhalo lowo. Uqeqesho namava akhe amfundise ukuba enze izigqibo eziqiqileyo zoguqulo ukuqinisekisa ukuba umbhalo oguquliweyo udlulisa umyalezo ofanayo nalowo ukumbhalo-ngqangi wakho.
  • Umguquli oqeqeshiweyo ukwa yincutshe kasozilwimi, ke ngoko, uya kulindela uguqulelo olungenaziphene, kunye nombhalo ongafundeki ngokungathi uguquliwe. Ukongeza koko, umguquli oqeqeshiweyo uya kuzama ngandlela zonke ukuba angashiyi okanye ongeze nantoni na ngelixa aguqulayo.
  • Abaguquli abaqeqeshiweyo badla ngokuba ngamalungu ombutho wabaqeqeshiweyo, njenge-SATI (i-South African Translators’ Institute). Ubulungu obuhlaziyiweyo bubenza basoloko beqhagamshelana nabanye abaguquli abaqeqeshiweyo, bubanika amathuba okufunda iindlela zokuguqula ezingcono kule ndima kwaye bubenza bafikelele kuthungelwano lolwazi olumalunga nesigama, imigaqo nemithombo yolwimi. Ubulungu buthetha ukuba bazibophelela kwimigaqo yokuziphatha yabaqeqeshiweyo emele imigangatho esesikweni yokwenza umsebenzi ngokukhethekileyo nangekhwaliti.
  • Umguquli oqeqeshiweyo uyakukwenza ubonakale njengolungileyo eluntwini. Ukongeza kudluliso lomyalezo, umbhalo oguqulwe kakuhle uxelela abafundi bakho ukuba uyabahlonipha kwaye wena unobuchule bokubhala kwaye uthembekile.

Ke ngoko iya kuba ngowuphi? Ugxa wakho olwimi-mbini oya kulahlekwa ngumxholo xa eguqula ze alahlekise abafundi bakho, okanye umguquli oqeqeshekileyo noyingcaphephe oya kukudlulisela umyalezo wakho ovakalayo ngendlela ofuna ngayo?