Bhiyozela ukwabelana kwethu ngobuntu kwiVeki yeeLwimi yeEUTOPIA-SU kulo nyaka

IZiko leeLwimi laseSU limema abafundi nabasebenzi bethu ukuba babe yinxalenye yeVeki yeeLwimi yeEUTOPIA-SU ukususela ngomhla wesi2 ukuya kowesi5 kweyoKwindla kulo nyaka – yiba yinxalenye yombhiyozo okhuthazayo weelwimi, inkcubeko nokwahlukahlukana, ekwabelwana ngawo nabantu abaneengqondo ezifanayo kwihlabathi jikelele.

Read More

Zininzi gqitha iindidi zeenkululeko

“Andizange ndayazi kwa into yokuba loo nkululeko yobuqu ikhona, kuba zange ndayingcamla ngaphambili.”
ULiselotte Voets, ngumfundi waseBelgium ofunda kweli evela eKU Leuven (iYunivesithi yamaKatolika yaseLeuven) owatyelela iSU kunyaka ophelileyo njengenxalenye yokufundela kwakhe isidanga seemastazi kwifilosofi, wangena kwikhosi yesiAfrikaans yabafundi abathetha isiDatshi kwiZiko loLwimi ngoxa wayeseMzantsi Afrika. Ngelokubhiyozela uSuku lweNkululeko nge27 Epreli, uye wabelana nathi ngeengcamango zakhe ngenkululeko, ngesiAfrikaans, kodwa ziguqulelwe esiXhoseni apha ngezantsi.

Read More
Menu