Uninzi lwethu alucingi kangako malunga nolwimi ngokwengqiqo ekuphileni kwethu ubomi bethu bemihla ngemihla. Kwaye noko kunjalo, ulwimi esilusebenzisa kwizifundo zethu, kwiimeko zasemisebenzini nakubudlelwane bethu buqu nabanye abantu lulo olwakha uhlobo lokuqonda ubuthina, uhlobo esithanda ukuba lulo ehlabathini, kunye noko kukokona kubaluleke kakhulu kuthi.
Indlela esinxibelelana ngayo inefuthe kwaye iyakutshintsha okusingqongileyo, nto leyo idala amaza anwenwayo kubomi bethu jikelele.
Kodwa asiyazi sonke indlela yokukwenza kakuhle oko, kwaye siyalibala ukuba unxibelelwano alukho malunga noko sikuthethayo kuphela, kodwa lukwamalunga nendlela okuvakala ngayo oko sikuthethayo, kananjalo nomntu lowo ukuvayo oko sikuthethayo. Sonke sineendlela ezahlukahlukeneyo zokucinga nokuqonda, kwaye sineemvelaphi namava ahlukahlukeneyo.
Ngoko ke, ukuphucula unxibelelwano akukho malunga nokwandisa amagama owaziyo nowasebenzisayo nokuchula usetyenziso lweempawu zokwakha izivakalisi ngokufanelekileyo nje kuphela. Kumalunga nokuqonda kakuhle abo siphila nabo ehlabathini, ukwakha ubudlelwane obunentsingiselo, ukuphuhlisa uluntu, nokudala ubomi obufanele ukuphilwa.
Nazi iindlela ezintathu ezilula ngokungakholelekiyo olunokuthi ulwimi lukuncede ngazo ukuba utshintshe ubomi bakho:
1. Ukuthotyelwa kwekwePOPIA? Thetha oko kufuneka ukuthethile ngokulula nangolwimi olucacileyo.
Umyalezo oneziphumo ezifanelekileyo kufuneka ube ubunjwe kakuhle kwaye ubhalwe ngolwimi olucacileyo. Njengoko umdlali webhesi odumileyo wayekhe wathi: “Ukwenza oko kulula kube nzima kuqhelekile; ukwenza okunzima kube lula, kube lula ngokumangazayo, obo bubuchule.” UMthetho woKhuselo lweNkcukacha zoMntu (POPIA) uqale ukusebenza ngomhla wo-1 kweyeKhala 2021 eMzantsi Afrika, kwaye loo nto iye yakhokelela kuthotho lweentetho zezomthetho ezingaqondekiyo malunga nothotyelo lwe-POPIA njengezi zilandelayo: