ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele leYunivesithi yaseStellenbosch liqalise iprojekthi ebandakanya ibali labantwana lokuba izithethi ezisencinci zeelwimi ezahlukeneyo, abasebenzisi abangabantwana boLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) kunye nabazali babo bangalonwabela kunye.
Olu luvo lusuka kumsebenzi owenziwe ngabazalanayo ababini baseBeljiyam, uFilip noHilde Verhelst, abaziZithulu. Bapapasha incwadi yabantwana, esihloko sithi Gebarentaal Redt, ngo-2013. Le ncwadi ihamba neDVD elwimimbini ezisisiDatshi noLwimi lweZandla lwesiDatshi ukubalisa ibali likaNoah, ingonyama encinci esiSithulu, eyathi yahamba yayokuntywila nomhlobo wayo onguAdam. Nangona esiva yena uAdam, bancedwa yinto yokokuba banakho ukusebenzisa ulwimi lwezandla xa kukho into engahambi kakuhle phantsi kwamanzi.
ISebe leZifundo zeeLwimi Jikelele lithenge amalungelo oguqulolwimi kule ncwadi kwaye liceba ukukhupha iseti yencwadi neDVD ngeelwimi ezintlanu zaseMzantsi Afrika. Inguqulelo yoMzantsi Afrika iza kwenza iintsapho zikwazi ukumamela kulwimi lweAfrikansi, lwesiNgesi, lwesiXhosa okanye olwesiZulu ngelixa zibukele ibali le-SASL. Kwakhona ababukeli baza kukwazi ukulilandela ibali elikule ncwadi, equlathe imifanekiso efanayo nenguqulelo yebali elenziwe lula ngokubaliswa kwiDVD.
UNjing. Frenette Southwood (usihlalo weSebe leZifundo zeeLwimi Jikelele) uthi banethemba lokukhupha isithathu sokuqala saloo mabali ngoSuku lweNcwadi lweHlabathi (ngomhla wama-23 kwekaTshazimpuzi). Abantu abanomdla bangaqhagamshelana nomhleli uVanessa Reyneke, ukuze bafumane iinkcukacha ezithe vetshe.
Eli Ziko leeLwimi lineetoliki ezimbini zeelwimi zokuthetha ngezandla ezitolikela abafundi abaziZithulu kwiFakhalathi yezeMfundo. Qhagamshelana no-Vicki malunga neenkcukacha ezithe vetshe ngotiliko lwe-SASL kule Yunivesithi.
![A story accessible to Deaf children and children who can hear](http://www0.sun.ac.za/languagecentre/wp-content/uploads/2019/04/SLS.jpg)