“Zithini iindaba?”
“Lumkela imvakalo-zwi yakho.”
Kanti “Ungalibal’ ukutyisa iinkukhu zakho!”
Eli liqaqobana lemingeni abasasazi beMFM ekuye kwafuneka bejongene nayo kutsha nje xa bebe kwikhosi emfutshane ekuthiwa yi-Rocking the Airwaves, khosi leyo ibiqhutywa liZiko leeLwimi. I-MFM sisikhululo sikanomathotholo seYunivesithi yaseStellenbosch, esiphuphumayo ngabantu abanxanelwe ukulola izakhono zabo zokusasaza koonomathotholo.
Kwinyanga kaAgasti nekaSeptemba, uEduard de Kock noGillian Newton beZiko leeLwimi baqhuba uthotho lweelektsha ezivumela ufakano-mlomo, ezicela umngeni kwizimvo zeqela labasasazi beMFM nabafundi beendaba ngokumalunga nokuba yintoni eyenza ukuba le nto ibali ibe ludaba olukufaneleyo ukusasazwa, iyintoni eyenza ukuba ilizwi libe nomtsalane kananjalo ungenza njani ukuba ukwazi ukuziphatha kakuhle phantsi kweemeko ezinzima. Abasasazi baye babambisana noGqr Mareli Pretorius weSebe leDrama, owayephonononga neli qela le nto intetho nobunjani belizwi.
Nangona yayinzima nje loo mibandela, abazimasi bekhosi yeMFM babonwabile, bebhalela kuTwitter bechaza oko babephezu kwako:
Kodwa ke le khosi ayikhange ingabingunobangela wokusitreseka okuthile, njengoko elo qela belijongene novavanyo lokwenza olukhulukazi: kwafuneka ukuba basebenzise konke abakufundileyo ukuqulunqa nokufunda ibhulethini yeendaba epheleleyo nekuya kuvakaliswa uluvo ngayo. Emva kweseshoni etshisa ibunzi yokuskribhulisha kwamasiba, yokwabelana ngamanqaku, yokutshofulwa kwamaphepha, neendaba ezishukumisa ihlabathi ekugqibeleni, iZiko leeLwimi lingatsho lithi abafundi bale khosi yeMFM le khosi imfutshane bayiphumelele emagqabini.
UMphathi wesitishi seMFM, uVeronique Smal, ulincomile iZiko leeLwimi ngekhosi leyo eyayiqulunqelwe injongo ethile, encoma nendlela eyaqhutywa ngayo. Ingxelo encumisa kangako evela kwisitishi ebesisoloko sivelisa iitalente ezinkulu kakade kwiminyaka emininzi edlulileyo yinto encomeka kakhulu! ILebhu yeZiko leeLwimi ilungiselela ukuqulunqwa ngobuchule kweekhosi ezifutshane ezilungiselelwe injongo ethile kanti neekhosi nje ezimfutshane ezifana nezi ziqulunqelwa amaqela aphuma kumaqumrhu oshishino nabantu nje ngokunjalo. Ukuba ufuna ukufundiswa wonwatyiswe ngaxeshanye qhagamshelana noMichelle Pieters.
![](/wp-content/uploads/2017/11/RockingtheAirwaves_ethics_enhanced-300x115-1.jpg)
A discussion on ethics during the ‘Rocking the airwaves’ short course.