“Ukuthetha iilwimi ezininzi kwabantwana abaselula kubhentsisa ukukhuthaza nokuphuhlisa izakhono zokuqiqa, ukwazi ukusombulula iingxaki nokuqonda kwaba bantwana ukuntsonkatha nokwalamana kwezinto. Ebudaleni, ukuthetha iilwimi ezininzi kungalwa ukudodobala kwengqondo.” uNjing. Arnold Schoonwinkel, onguSekele-Nqununu (wokuFunda nokuFundisa) nguye ovule uSuku loLwimi lwalonyaka kule Yunivesithi ngala manqaku enkuthazo.
Ngowama-28 Septemba, Abafundi nabasebenzi abangama-75 bahlangana eSTIAS ukuze baxoxe ngomxholo walo nyaka woSuku loLwimi othi, ‘Multilingualism @ SU: Creating an enabling environment’(Ubulwimi-ninzi @ SU: Ukudala imeko eyakhayo). Olu suku lwalumiselwe ukuba ludala ithuba lokuba kuqhutyekwe ngokuqwalasela iintlobo ngeentlobo zamathuba akhoyo kwiyunivesithi enemvakalelo ngendlela ekusetyenzwa ngayo ubulwimi-zininzi. Kwimeko yentlalo kumaziko emfundo ephakamileyo, uNjing Schoonwinkel ucacise ngelokuba ubulwimi-ninzi budlala indima ekulweni neziganeko zobuhlanga, ukunyevulela abamanye amazwe nokunganyamezelani ngokwenkcubeko, kwaye lilinge elixabisekileyo ukukhangela iindlela ezingasetyenziswa ukukhuthaza ubulwimi-ninzi kwiimeko zemfundo nentlalo ekhampasini.
Iingxoxo zamaqela amancinane zathi zanika ithuba amaqela aziintlobo ngeentlobo zabathathi-nxaxheba iqonga lokuacamnge ngokuxabiseka kobulwimi-ninzi nokuba ingadalwa njani imeko ekukhuthazayo oko. Imixholo emibini ephambili, othi ‘Multilingualism in Teaching and Learning Spaces’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuFunda nokuFundisa) nothi ‘Multilingualism in Social Space’ (Ubulwimi-ninzi kwiiNdawo zokuHlala), ithe yasisikhokelo sezi ngxoxo. Imibuzo enzima yavela, enjengeyokuba kutheni sizikhathaza ngokusebenzisa iilwimi zabaligcutswana kwezemfundo, kwaye oku kuzivelisa njani eklasini? Impendulo eyavela kwabo babelapho yakucacisa mhlophe ukuba ukuthetha iilwimi ezininzi kuyinxalenye yobuni bethu njengebantu boMzantsi Afrika, ukuba oko kuyasichaza thina kwaye kusibalula njengesizwe. Ezinye izihlomlo ibizezi: “Ubulwimi-ninzi bubonakalisa imvakalelo yobunye kwaye busebenzisa amandla obuthwelwe lulwimi kuluntu olunenkcubeko noluqeqeshekileyo.” Kumele sihlale sithukuthezelelwa bubulwimi-ninzi de sifikelele kwiqondo apho sizibophelela ekudaleni iimeko ezincedisana nokudalwa kwengcaciso nengqiqo. Indlela ebambekayo yokwenza oku kukubonelela ngezintlu zesigama ezilwimi-ntathu (okanye ezilwimi-ninzi) kusetyenziswa ubume beaplikeshini (application) yeselula/yethabhulethi nanjengoko kusenziwa kwiprojekthi yeMobilex.” Okwavunyelwana ngako ngokuphangaleleyo kukuba, nokuba yiyiphi na indlela esisombulula ngayo imiceli-mngeni yobulwimi-ninzi, kufanele sihlale sicamngca ukuba oku sikwenza kuba sifuna ukuquka abanye, ukwamkela abanye kunye nokuba nemvakalelo kwizidingo zomntu ngamnye. Ngale ndlela, ubulwimi-ninzi budala amathuba okukhula komntu nawokufikelela kwabo badinga uncedo, ingekuko ukwakha umkhanya nje. UCarli van Wyk, ongusiHlalo weBhunga loMelo lwabaFundi langowama-2018/2019 ushwankathele izimvo zababelapho ngolu hlobo lulandelayo: “Kumele sihlale sijolise ekudaleni inkcubeko eyamkelayo eSU nalapho iinqobo zethu kumele zikhokele isicwangciso-qhinga sethu sokubhiyozela ukungafani kwabantu ngelixa sidala amathuba okuthetha iilwimi ezininzi khona ukuze sifunde nakwabanye.”
Ngangona iYunivesithi igxininise kwisiAfrikaans, isiNgesi nesiXhosa, kukho iinzame ezinkulu zokukhulisa uLwimi loMjeku (uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika – SASLI). Ukongeza kutoliko lwesiAfrikaans nesiNgesi, kutolikwe nangoLwimi loMjeku khona ukuze abafundi abazizithulu babe nako ukuxoxa kwiingxoxo zoSuku loLwimi. Ukuba ungathanda ukulandela le ngxoxo, ungabukela ividiyo yosuku lonke apha okanye ungakhangela isimemo esiya kubafundi ukuze uzivele ngokwakho ukuba kunjani kwikhampasi elwimi-ninzi.
Language day invite