Kungxamisekile! Kusuka kumbutho owaziwa kakhulu! Shukuma ngoku!
Mhlawumbi yinkohliso …
Ukuba usebenzela inkampani enkulu, kungenzeka ukuba ukhe wazifumana ii-imeyili ezisuka kwisebe le-IT, ezikulumkisayo ngohlaselo lweimeyili yobuqhetseba (phishing). Isizathu sezo zilumkiso zinjalo sisenokuba sesokuba kukho umntu ocofe kwikhonkco kwi-imeyili ebizama ukuntshontsha amagama wabasebenzisi, iiphasiwedi okanye iinkcukacha zebhanki, kwaye maninzi kakhulu amathuba wokuba loo nqevu usebenzise iakhawunti yalo mntu ukusasaza ii-imeyili ezininzi zobuqophololo (phishing).
I-Verizon, inkampani yonxibelelwano ngomnxeba e-USA, yafumanisa ukuba kuthatha ngaphezu kwesiqingatha seyure (ngokomyinge) ukuba umqeshwa ayixele i-imeyili erhanelekayo. Ngenxa yoko, ngexesha lemizuzu nje engama-30, umntu omnye ubuncinane uyakuba sele ebambisekile emgibeni, ngokweenkcukachamanani. Wakubambiseka emgibeni, uya kuhendeka ze mva koko ujongane neziphumo zoko.
Iindaba ezimnandi zezokokuba eyona ndlela ingundoqo yokuphepha iimeyili zobuqhetseba iphaya kulwimi.
Ngethuba leNgqungquthela yamaZwe ngamaZwe ye-12 eyayingokuSebenzisa iKhompyutha kwiSemantiki ngo-2018, eyayisingathwe liZiko lobuNjineli kwezoMbane neze-Elektronika (i-IEEE), abaphandi baye babonisa ukuba, ngokuhlalutya ulwimi olusetyenziswe kwii-imeyili zobuqhetseba, banakho ukuzibona ngokuchanekileyo nangakumbi ii-imeyili ezizama ubuqhetseba kunenkqubo ephambli yokulwa ubuqhetseba kwiimeyili, nkqubo leyo iyeyenkampani yesayibha (yokhuseleko kwezobuchwepheshe obungeekhompyuta) iNetcraft. Omnye wemikhondo ephambili othe wabonwa ngabaphandi kukuba ii-imeyili zobuqhetseba soloko zivakala zingxamisekile, ziqulathe iintetha ezinjengokuthi “Tshintsha ngokukhawuleza” okanye “Thumela kwiiyure ezingama-24 ezilandelayo”. Okunye okukrokrisayo yindlela abizwa ngayo lowo ubhalelwayo – ngohlobo oluthile okanye ngendlela engabhekisi mntwini njengokuthi “Mthengi othandekayo”, nto leyo ifuna ukuba ulumke! Enye into onokuzibuza yona yeyokuba: Ingaba zikhona iimpazamo zopelo? Amaxesha amaninzi iimpazamo zopelo nezokubhala ziba ziimpawu ezibonisa mhlophe ukungathembeki, nto leyo ekubangela ukuba ube nemibuzo malunga nomthombo wembalelwano leyo.
Ukuba awunasiphiwo sobungcali kwiilwimi, hlala koku kulandelayo:
- Qinisekisa ukuba i-imeyili kunye needilesi zewebhusayithi ezikwi-imeyili engenasihla.
- Musa ukuchofoza naliphi na ikhonkco kuyo nayiphi na i-imeyili – ngaphandle kokuba uyayazi into yokokuba umthumeli kunye nekhonkco bathembekile.
- Musa ukuziphendula izicelo ezifuna iingcombolo zakho zobuqu okanye ezimele kukhuselwa. Inyaniso yamandulo isasebenza nanamhla oku – ukuba into ivakala njengogqithiso, mhlawumbi ilulo.
- Gcina iiphasiwedi zakho ziyimfihlo ngawo onke amaxesha, nokuba ucinga ukuba unokuwuthemba umthombo ocela iiphasiwedi zakho.
Ngelishwa, kuphithizela ii-imeyili zobuqhetseba phandl’ apha. Hlala uthe qwa ngawo onke amaxesha!
