Lixesha lonyaka kwakhona xa iidayari zethu ziqala ukugcwala ngamadinga eendibano kunye nemisitho yokuphela konyaka. Ukuba ukujongana nekhalenda yakho kukubangela ukuba uzive udinwakukusoloko ukunye noluntu, singathanda ukukukhumbuza ngesiphazamisi samva nje: iCovid-19. Usayikhumbula phofu indlela owabuguqula ngayo ubomi bethu lo bhubhane usibhekelisa ebantwini ukwabangele ukuba siphangelele emakhayeni, ndawonye neemvakalelo ezalandelayo zobulolo kunye nokungahlangani?
Asinakuba ngabantu abanobubele ngokulinganayo sonke, kodwa ke ngokuqinisekileyo ukuvalwa kwelizwe kwabonisa ukuba kusendalweni yethu ukukholwa kukuhlala kunye, kwaye unxibelelwano nabanye bohlobo lwethu lubalulekile kwimpilontle yethu kunye nakwezomsebenzi.
Ngapha koko, kubantu abaninzi, lo bhubhane wayitshintsha ngokumandla indlela esisebenza ngayo kunye neendawo esisebenza kuzo, kwaye olu hlobo lutsha lokusebenzela emakhayeni luthe lwaba yindlela entsha kodwa esele iqhelekile kungoku nje. Oku kuthetha ukuba siyaluyeka uninzi lweendlela zonxibelelwano lwemihla ngemihla oluqhelekileyo obelusele luyinxalenye lokusebenzela eziofisizini – iincoko eziqhelekileyo kunye namathuba okugilagilana, amakhefu okwabelana kunye neziqhazolo, kunye neendibano zamaqela ezivulela ukuphuhla kobudlelane ngokwendalo ze zimilisele nomoya wobudlelane phakathi kwabasebenzi. Yiyo loo nto kufuneka siwamkele kwaye sithathe amathuba okunxibelelana noogxa bethu rhoqo kangangoko sinakho.
Xa sichitha ixesha kunye, asipheleli nje ekuphumleni – sakha ubudlelane obuzisa imvakalelo yokuba sindawonye kunye nesiqiniseko sokuba asikho sodwa kule nto. Kuthi apha kwiZiko leeLwimi, lo mba uphinde wabuyela ekhaya emva kohambo lwakutsha nje lweqela obelusingise eBo-Kaap ukuya kubhiyozela uSuku lwaMafa eMveli. Uninzi loogxa bethu luvakalise uchulumanco nombulelo ngolu tyelelo, lugxininisa futhi ukuba ngaphezu kwexabiso lemfundo nenkcubeko yolu tyelelo, lulonwabele ngakumbi unxibelelwano olukhululekileyo kunye nethuba lokufumana abo basebenza nabo abangafane bababone.
Ukuphuma kwabasebenzi kunye nemisitho yoluntu sinika ithuba lokuphuma kwindawo yethu yesiqhelo yokusebenza kunye nemiba yazo, silibale ngemihla yokugeniswa kwemisebenzi, ze sonwabele ubuqabane bomnye nomnye kwindawo engeyoyakabani. Kwezi meko zipholileyo, siye sikhawulelane nemiqobo yokulingani ngokwezikhundla ethi ivele ngamanye amaxesha, kwaye sibonana njengabantu, hayi nje abantu esisebenza nabo okanye ngokumalunga nabaphathi kwanabo baphethweyo. Oko kutshintsha yonke into. Ngokwesiquphe, kulula ukuncokola ngokukhululekileyo, ukuya komnye umntu ukuze ufumane icebiso, okanye sisebenzisane kwiphulo elithile, kuba sesisazana yaye sithembana ngcono.
Akubandakanyi kuqosheliswa kwamsebenzi nje kuphela; koko kumalunga nokwazi ukuba ngaphaya kwemisebenzi kunye neentlanganiso zasemsebenzini, siyinxalenye yeqela elinika inkxasayo nelisikhuselayo, elisenzea sibe namandla nangakumbi ze sikwazi ukujamelana nemingeni emitsha xa kuya kusiba a nzima.”
Ngoko ke qhubela phambili: Zonwabele iindibano zokuphela konyaka ze ugcwalise indebe yakho ngonxibelelwano oluzivayo ngenjongo yokwenza indawo yokusebenzela ingabi yondawo yokusebenzela nje kuphela, kodwa ibe yindawo yokuphumelela ngo2025!
– Ibhalwe nguTania Botha; yaguqulelwa nguXolela Benayo noFundile Majola.