Indlela yokucinga engeelwimi eziliqela

Indlela yokucinga engeelwimi eziliqela

Njengeyunivesithi ehamba phambili e-Afrika, iYunivesithi yaseStellenbosch ikholelwa ekubeni isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela sibalulekile. Sikholelwa ekubeni isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela asikokwazi nje ukusebenzisa iilwimi ngeelwini. Simalunga nokuliqonda ixabiso laloo nto ithethwayo, kungakhathalisekile nokuba setyenziswa oluphi ulwimi nokuba okok kuthethwa ngesiNgesi, isiAfrikansi, isiXhosa okanye ngoLwimi lweZandla lwaseMzantsi Afrika.

Sibhekisa kukwahluka-hlukana kwethu njengelizwe – kwaye siyasivumela ukuba siqhagamshelane ngeendlela ebesingenako ukuqhagamshelana ngazo ngaphandle kwesi sakhono. Isakhono sokusebenzisa iilwimi ngeelwimi ke ngoko sikwa sisimo sengqondo.

Ingqwalasela yethu siyi-SU ayikho nje kuphela kwisakhono seziko sokusebenzisa iilwimi eziliqela, kodwa nakwisakhono somntu ngamnye sokusebenzisa iilwimi eziliqela. Ngamanye amagama, asiniki ngqwalasela nje kuphela ekumiseleni iindawo zesakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela kwiYunivesithi (ngokusebenzisa uguqulo lolwimi notoliko, umzekelo) apho iqela labantu abahluka-hlukeneyo abasebenzisa ulwimi olunye bahlalisana ndaweni-nye, kodwa sikhuthaza ngamandla ukuba abantu basebenzise ngaphezu kolwimi olunye, nkqu nokuba abakwazi ukuzithetha okanye nokuba baziva kancinci ezinye zezo lwimi.

Isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela somntu omnye lulutho esingathanda ukuluphuhlisa ngenxa yoncedo olucacileyo lwezemfundo oluza noku, kwisizwe ngokubanzi nakwizizwe ngezizwe. Ukudala amathuba esakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela kuvumela abantu ukuba baphuhlise isakhono sabo sokusebenzisa iilwimi okanye intlaninge yeelwimi ngeendlela ezahluka-hlukeneyo nangamazinga ahluka-hlukenyo okubalasela. Ukuba wawukhe wazama ukufunda ulwimi olutsha, uza kwazi ukuba loo mava okufunda angabuguqula ubomi bakho. Ngokuye esenda amava akho olwimi oluthile kwimeko yenkcubeko yolo lwimi, uza kufumanisa ukuba ezi lwimi neenkcubeko zazo awuzigcini kwiindawo ezahlukeneyo engqondweni yakho, kodwa wakha ubuchule beelwimi ezininzi, obungonxibelelwano okanye isakhono apho lonke ulwazi lwakho namava akho olwimi anegalelo, nalapho iilwimi zinxulumana kwaye zisebenzisana.

Usetyenziso lwezinye iilwimi ngokungamiselekanga kwigumbi lokufundela yenye indlela yokusebenzisa ubuchule beelwimi ezininzi okanye yokuziphatha. Ngelixa kubalulekile ukudalwa kwamathuba okuba abafundi basebenzise izixhobo ezinje ngokusebenzisa ezinye iilwimi ngokungamiselekanga ukuze banxibelelane ngokungamiselekanga egumbini lokufundela, sikwakhona kananjalo nesidingo sokuba abafundi bafunde iilwimi ngokumiselekileyo baze basebenzise iindlela zobugcisa nezingokwemfundo zezi lwimi.

Isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela Isakhono sokusebenzisa ngaphezu kolwimi olunye ukulungiselela intlaninge yemibandela, ngamazinga ahluka-hlukeneyo obuchule okanye isakhono. Abantu, uluntu okanye amaziko anesakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela avamise ukukhuthaza ukwahluka-hluka kwabantu. E-SU, sikhuthaza isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela somntu ngamnye neseziko.
USuku lweeLwimi luka-2021

Ngokuthathela ingqalelo olu nxulumano nentsebenziswano yeelwimi noqhagamshelwano phakathi kwabantu, sisingatha umsitho oya kubanjwa nge-intanethi nalapho thina, njengabafundi nabasebenzi base-SU, singabelana khona ngamathuba nezinto ezinokwenzeka esizinikwa sisakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela.

USuku lweeLwimi luka-2021 luza kwenzeka ngomhla wama-30 kweyoMsintsi, kwaye luza kubonelela ngethuba lokuba abahlohli, abafundi nabasebenzi beenkonzo zenkxaso yezemfundo abaqeqeshiweyo (PASS) bafunde omnye komnye ngokuba nomfanekiso ngqondweni ngokutsha weencoko ezingqonge ulwimi e-SU. Siza kuxoxa ngeendlela zokuhlanganisa indlela yokucinga engesakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela nokufundisa, ukufunda nohlolo, nobomi bentlalo obungaphandle kweeholo zokufundela.

Umxholo wolu suku uthi Ulwimi, ukufunda, ubomi! Ukumilisela isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela e-SU kwiimeko zemfundo nezentlalo.

Siza kuwuphengulula lo mxholo ngokusebenzisa iingxoxo ezimbini zephaneli kwi-intanethi:

  • Isakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela (ngerimowuthi enkulu) ekufundeni, ekufundiseni nakuhlolo
  • Isakhono sokusebenisa iilwimi eziliqela kwiimeko zolawulo, zentlalo nezokuphila

Abafundi abaliqela abamele abanye, abahlohli nabasebenzi be-PASS bathe batyunjwa kwiifakhalthi nakwiimeko ze-RC ukuba bazibandakanye kwiingxoxo zamaqela amancinci kwi-intanethi emva kwamagalelo abo bakwiphaneli. Singaba neendawo ezimbalwa ezivulekileyo, ngoko ke ukuba ulilungu labasebenzi base-SU okanye umfundi kwaye ungathanda ukuthatha inxaxheba kulo msitho, nceda ucofe kule linki ukuze ubhalise umdla wakho. Siza kuqhagamshelana nawe ukuba sinako ukukunika indawo. Nceda uqaphele ukuba lo ngumsitho wangaphakathi e-SU, kwaye singakwazi ukunika indawo abathathi-nxaxheba abali-150 kuphela.

Bukela usuku lwethu loLwimi 2021 kumenywa ividiyo apha:
Iingcaciso

Sisebenzisa amagama ambalwa kweli khasi anokuthi acaciswe kabanzi. Jonga iingcaciso zethu apha ngezantsi uze uqinisekise ukuba awuziphosi ezinye zeentsingiselo.

Amabali amnandi amalunga nolwimi nesakhono sokusebenzisa iilwimi eziliqela

Iilwimi zethu zeenkobe: Sifumana ntoni thina?

Umhla wama21 kweyoMdumba luSuku lweeLwimi zeeNkobe kuMazwe ngaMazwe. Ingaba ubusazi ukuba ungasebenzisa ulwimi lwakho lweenkobe njengendawo yakho yokuma uthi tsii gxada yasengqondweni?

Ukunwenwa kweziphumo zolwimi

Uninzi lwethu alucingi kangako malunga nolwimi ngokwengqiqo ekuphileni kwethu ubomi bethu bemihla ngemihla. Kwaye noko kunjalo, ulwimi esilusebenzisa kwizifundo zethu, kwiimeko zasemisebenzini nakubudlelwane bethu buqu nabanye abantu lulo olwakha uhlobo…
girl with wings out of autumn leaves

Yonwabela inkululeko eziswa lulwimi

Yiba nomfanekiso ngqondweni ngehlabathi elingenalo ulwimi. Ingakwazi ukwenzeka lo nto xa ucinga? Awucingi ukuba ingenzeka lo nto?Awukhe uyicinge eyokuba ulwimi luthungelana neengcinga kwaye ayisebenzi eyokucinga ukuba ngaba awucingi ngolwimi lwakho? Uza kufikelela njani kwiingcinga zakho ukuba ngaba azizinzanga kuhlobo oluthile lolwimi?

International Mother Language Day poster

Masikhuthaze ukuxatyiswa kweelwimi ezahlukileyo

Minyaka le, ngomhla wama-21 kweyoMdumba, ihlabathi lonke ngokubanzi libhiyozela uSuku loLwimi lweeNkobe kwiHlabathi ngokubanzi. Ukusukela kuloo nyaka ke, amazwe ngamazwe ehlabathi, ingakumbi abathandi bolwimi, babhiyozela iilwimi zeenkobe ngendlela ngeendlela ezahlukileyo

This post is also available in: English Afrikaans isiXhosa

Menu