Igumbi leeNdaba

Wamkelekile kwiGumbi leeNdaba lakwiZiko leeLwimi!

Apha ungafunda konke malunga noko besikwenza – ngesiNgesi, ngesi-Afrikansi okanye ngesiXhosa. Ungaphengulula neekhathegori zethu zeendaba apha ngezantsi. Tsiba uze ungene ube kunye nathi kuhambo olungothungelwano.

Dialogos_logo

Ileta yethu yeendaba yangekota, i-Dialogos, amanqaku ayo iwaqokelela kwiGumbi leeNdaba. Funda ushicilelo lwakutsha-nje lweDialogos apha uze ubhalisele ileta yethu yeendaba apha.

IiLwimi ziluLutho! Umhla wokuBhiyozela iiLwimi zeeNkobe weHlabathi wowama2025

Ngaphakathi kwiilwimi zoluntu kukho iinkcubeko, iimbali nokutyhila ukuba abantu abathetha ezo lwimi bangoobani na. Xa ulwimi luduka, kulahleka indlela ethile yokucinga, nobaliso lwamabali kunye nokuqondwa kwehlabathi unomphelo. ULwesihlanu wama21 kweyoMdumba uphawula iminyaka engama25 wesikhumbuzo soMhla wokuBhiyozela iiLwimi zeeNkobe weHlabathi (IMLD), osisikhumbuzo esenziwa kwihlabathi lonke qho ngonyaka ukukhuthaza ulwaziso loluntu malunga neelwimi ngeelwimi neenkcubeko ngenkcubeko nokukhulisa ukusetyenziswa kweelwimi ngeelwimi. Ingaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni ngowama21 kweyoMdumba 1952 ngexa abafundi beBengali, eEast Pakistan (ebizwa iBangladesh ngoku) beqhankqaleza ukuthathelwa ingqalelo kweBengali njengolwimi olusemthethweni?

Impilontle ithanda ubuqabane

Kulelo xesha lonyaka kwakhona apho iidayari zethu ziqalisa ukugcwala ziindibano kunye nemisitho yokuphela konyaka. Ukuba ukujongana nekhalenda yakho kukubangela ukuba uzive udinwa kukusoloko ukunye noluntu, zikho iingcebiso esinazo! Xa sichitha ixesha kunye, asipheleli nje ekuphumleni – sakha ubudlelane obuzisa ukuziva siyinxalenye kunye nengqiniseko yokuba asikho sodwa kule nto.

Iilwimi zethu zeenkobe: Sifumana ntoni thina?

Umhla wama21 kweyoMdumba luSuku lweeLwimi zeeNkobe kuMazwe ngaMazwe. Ingaba ubusazi ukuba ungasebenzisa ulwimi lwakho lweenkobe njengendawo yakho yokuma uthi tsii gxada yasengqondweni?

UToliko ngeintanethi eklasini – ngoku olungena magingxigingxi!

Ngaba imodyuli yakho iyalusebenzisa utoliko, okanye ungathanda ukusebenzisa ukutolika kwimodyuli yakho? Ootoliki beNkonzo yokuTolika yeZiko leeLwimi le-SU bayafumaneka kwi-intanethi ukuze batolikele abafundi abangathanda ukusebenzisa le nkonzo. Kwisimestha yesibini, sizame ukuyenza…

Uhambo lukaMeryl lweTEFL

UMeryl Davidson ugqibe ikhosi yakhe yeTEFL nePotfoliyo yesiNgesi kwiZiko leeLwimi lweYunivesithi yaseStellenbosch kwaye emva koko waba ngumfundisintsapho wesiNgesi eSouth Korea ithuba leminyaka emibini. Isiqinisekiso sikaMeryl seTEFL sikuvumela ukuba ufundise isiNgesi…

Zininzi gqitha iindidi zeenkululeko

“Andizange ndayazi kwa into yokuba loo nkululeko yobuqu ikhona, kuba zange ndayingcamla ngaphambili.”
ULiselotte Voets, ngumfundi waseBelgium ofunda kweli evela eKU Leuven (iYunivesithi yamaKatolika yaseLeuven) owatyelela iSU kunyaka ophelileyo njengenxalenye yokufundela kwakhe isidanga seemastazi kwifilosofi, wangena kwikhosi yesiAfrikaans yabafundi abathetha isiDatshi kwiZiko loLwimi ngoxa wayeseMzantsi Afrika. Ngelokubhiyozela uSuku lweNkululeko nge27 Epreli, uye wabelana nathi ngeengcamango zakhe ngenkululeko, ngesiAfrikaans, kodwa ziguqulelwe esiXhoseni apha ngezantsi.

Ulwimi lwenkobe, ulwimi lwentliziyo

Usuku loLwimi lweNkobe: Usuku olunikezelwe kulwimi apho iingcinga zethu zokuqala ziye zathethwa ngomlomo-lilizwe esisenakho ukukholelwa kulo. Sahlukile kakhulu, kodwa le yinto esabelana ngayo sonke. Ulwimi lwenkobe lomntu luthathwa njengolwimi aluve…

This post is also available in: English Afrikaans isiXhosa

Menu