
UJabaar (qelele ekhohlo) nabasebenzi baseHorizon House emva kwewekhshophu.
Ngomhla we17 kuTshazimpuzi kulo nyaka iZiko leeLwimi laye labambisana notitshala onendumasi kuLwimi lokuThetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika (iSASL) uJabaar Mohamed ukuze lenzele abasebenzi baseHorizon House iwekhshophu yeSASL eStellenbosch.
IHorizon House liziko lokhathalelo lwabahlali elingenzi nzuzo nelixhasa abantu abadala abaphila nokhubazeko lwasengqondweni eStellenbosch. Bazibophelele ekuboneleleni ngokhathalelo olusemgangathweni olubanzi kubahlali babo nasekuxhaseni uphuhliso lwabo buqu. Kukho ukugxila ekuncedeni abahlali bafumane injongo, ukuzixabisa, ukuqapheleka, ukuzingca, ubuqabane nethemba ngomsebenzi, ofana nokuthunga, ukuhlaziya iimathiriyeli ezindala ukuze zisebenziseke kwakhona, ukupheka, ukulima, ukulungisa izinto okanye enye into abanomdla kuyo. Nanjengoko iHorizon House isebenzela ukubonelela abahlali bayo ngemekobume enenkxaso, eli ziko laye lakrweca iZiko leeLwimi ngokumalunga nenkxaso yoLwimi lokuThetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika (iSASL): abasebenzi balo babefuna ukufunda iSASL esisiseko ukuze banxulumane ngcono nabahlali babo abangevayo. Saza ke ngoko saqalisa loo msebenzi wokwenza kanye oko.
Esisebenzisana naye, uJabaar Mohamed, ngumbhexeshi ophumelele iimbasa wenkqubo yakumabonakude esihloko sayo sithi Accessibility with Jabaar nommeli weSASL noluntu oluNgevayo. Ukhe, umzekelo, wasebenzisana nomhlekisi waseMzantsi Afrika uMark Lottering ukwenza ukuba iinkqubo zakhe zokuhlekisa abantu zifikeleleke kuluntu oluNgevayo. Ngaphezu koko, usenze wasigqiba isifundo sethu sokuQeqeshelwa iSASL, nto leyo imenza ukuba abe ngoyena mntu ufanelekileyo ukwamkela abasebenzi beHorizon House kwilizwe leSASL.
Ke, ngentsasa enethayo kuTshazimpuzi, uJabaar, ekhatshwa ngumququzeleli weComms Lab uMichelle Pieters nomququzeleli wotoliko lweSASL uNenette Nortje osuka kwiZiko leeLwimi laseSU, waye wadibana nabasebenzi abali13 baseHorizon House kwindawo yabo eseStellenbosch.
UJabaar wayiqala iwekhshophu leyo ngokwazisa malunga nokungeva, ecacisa ukuba kukuthini ukungeva nokuba luyintoni uluntu oluNgevayo, kwaye yintoni elungeyiyo. “Asiphelelanga nje ekubeni ngabantu abanemeko yezempilo. Siluluntu lolwimi nenkcubeko,” watsho ngelixa egxininisa ukuba iSASL ilulwimi nobubani obufanelwe kukuhlonitshwa. Waye wakubethelela ukubaluleka bokuzama ukukhawulelana xa umntu enxibelelana nabantu abangaluvayo ulwimi lwakhe: “Abantu abangevayo bahlala beyifumana indlela.” UJabaar waye wabancoma abasebenzi baseHorizon House ngokuthatha kwabo inyathelo lokuqala lokulungiselela abahlali babo abangevayo. Sisibalo solingano nje esilula, ngokukaJabaar:
Ukuzimisela ukufunda ulwimi olutsha + ukusebenzisa olo lwimi ukufezekisa iimfuno zomnye umntu = intlonipho, isidima nonxulumano.
Abantu abangevayo bahlala beyifumana indlela.”
Amava akhe buqu uJabaar nophando lwakhe olumalunga nento ayibiza ngokuba kukuvinjwa ulwimi eMzantsi Afrika zizo izinto ezixhobisa izimvo zakhe. “Ukuvinjwa ulwimi kwenzeka xa umntwana ongevayo engalufundi kwamsinya uLwimi lokuThetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika (iSASL) ngenxa yokuba abo babakhathalelayo bengayazi iSASL. Ngoko ke uphazamiseko lokuphuhla kwabantwana abangevayo alubangelwa kukungeva uqobo, kodwa lubangelwa kukungabikho kofikelelo kulwimi nokungadibani nezinto ezinxulumene nolwimi olo. Ukufikelela kwamsinya kwiSASL kuxhasa ukucinga, ukufunda, kwaye, okona kubaluleke kakhulu, ukuzithemba. Kwabo bakuluntu oluNgevayo, iSASL ibalulekile khon’ukuze baphile ubomi obungcono.”
Kwaba ngumzuzu ongenakulibaleka ngelixa uJabaar ebonakalisa ukuba kutheni abantu abevayo kungafunekanga bazigqibele ukuba abantu abangevayo bayakwazi ukuqonda oko kuthethwayo ngokujonga iintshukumo zomlomo walowo uthethayo: ngoonobumba abasi8 kuphela kwabo bangama26 abanokwahlulwa ngokubukela imilebe yomntu xa ethetha. Nangona nje ukuqwalasela imilebe yomntu xa ethetha ukuze uqonde oko akuthethayo ngoko ke kuliqhinga elinganelanga ukulungiselela unxibelelwano olucacileyo noluqukayo, kusabalulekile ukukulungiselela njengento enokwenzeka. Ngokuqinisekileyo akumelanga kube kukuphela kolungiselelo olwenziwayo, nangona kunjalo.

UJabaar esebenza, esebenzisa ngokufanelekileyo oko wathi wakufunda kwisifundo sethu sokuQeqeshelwa iSASL: efundisa abasebenzi baseHorizon House iziseko zeSASL nenkcubeko yabo baNgevayo.
Uthando olunzulu lukaJabaar lweSASL lwalusosulela – kwakuyintsini neembuso ezinoncumo kwelo gumbi nanjengoko wayefundisa abasebenzi baseHorizon House iziseko zeSASL. Ukusuka kwezona ziseko ezifana nokumiswa, ukubekwa nokushukunyiswa kwezandla, usetyenziso lweembonakalo zobuso nokudibana kwamehlo, ukuya kutsho kumagama athethwa ngezandla ahlekisayo nopelo loonobumba, la wekhshophu yayichaphazela yonke into ekufuneka eyazile malunga neSASL umntu oqalayo ukufunda iSASL. Yaye kananjalo yaxhobisa abasebenzi ukuba baziqhelanise noko baye bakufunda omnye nomnye bebodwa kwakunye nabo nabahlali abangevayo eHorizon House, nto leyo eqinisekisa ukuba uhambo lwabo lokufunda iSASL luyaqhubekeka ukudlulela ngaphaya kwentsasas yabo kunye noJabaar.

Abathathinxaxheba befunda iSASL.
Omnye wabasebenzi ababekhona, umlawuli wenkonzo yokutya kwikhitshi laseHorizon House, waye wathi: “Ndifunde lukhulu namhlanje malunga nendlela yokunxibelelana nabantu abangevayo. Ndiyibone iyinto eyenza umdla kakhulu, kwaye ndiyathemba ukuba ukuya phambili ndiza kuzikhumbula ezi mpawu zenziwa ngezandla nemigudu ebandakanyekayo.”
Omnye wabasebenzi, umyaleli kwinkqubo jikelele yokuhlaziywa kweemathiriyeli ezingasasebenziyo ukuze zibe nokusebenziseka kwakhona, naye waye wayichaza la seshoni njengenentsingiselo:
“Ndiye ndasibona njengesenza umdla kakhulu esi sifundo. Sacaciswa kakuhle kakhulu, kwaye ndafunda lukhulu. Ndisebenza ngokusondeleneyo kakhulu nowasetyhini ongevayo apha, ngoko ke ngoku ndinokuqonda okunzulu nangakumbi malunga nendlela emandinxibelelane naye ngayo.”
La seshoni kwakhona yabonakalisa ukuba ubandakanyeko, intathonxaxheba nokuqondana kuqhutywa lunxibelelwano. Nokuba oko kukunxibelelana ngezidingo zoluntu, kukuqaphela uburharha balo, okanye kukufuna ukwazi malunga nenkcubeko yalo okanye kukuzama kangangoko ukukhawulelana, ulwimi – oluthethwayo, olubhaliweyo okanye oluthethwa ngezandla – luyibhlorho ethi, xa yakhiwe ukusuka macala omabini, ibonelele ngofikelelo kwiimeko ezintsha.

Umququzeleli weComms Lab yeZiko leeLwimi laseSU uMichelle Pieters (embindini, ekunene) noJabaar ekunye neNtloko yezoNyango yaseHorizon House uEdith Jooste (qelele ekhohlo) noMququzeleli weHR noQeqesho uCobus Steyn (qelele ekunene).
Qhagamshelana nathi ukuba wena okanye iqela lakho lingathanda ukufunda iSASL esisiseko – thumelela uMichelle Pieters i-imeyile kumichellep@sun.ac.za ukuze ufumanise ukuba zeziphi izifundo esinokubonelela ngazo, okanye indlela esinokuthi silungiselele ngayo iwekhshophu efanele abasebenzi bakho. Sikungxamele ukukuxhasa kuhambo lwakho lokufunda iSASL!
– Ibhalwe nguAndréa Müller; yaguqulelwa nguSipumeze Mrwetyana noFeziwe Shoba



