IZiko leeLwimi laseSU limema abafundi nabasebenzi bethu ukuba babe yinxalenye yeVeki yeeLwimi yeEUTOPIA-SU ukususela ngomhla wesi2 ukuya kowesi5 kweyoKwindla kulo nyaka – yiba yinxalenye yombhiyozo okhuthazayo weelwimi, inkcubeko nokwahlukahlukana, ekwabelwana ngawo nabantu abaneengqondo ezifanayo kwihlabathi jikelele.
Masithetheni inkululeko yeelwimi ekubhiyozeleni uSuku lweNkululeko
USuku lweNkululeko lusimemela ekuhlonipheni ukuzinikela okuthe kwenziwa kwihambo yethu esingise kwinkqubo yolawulo lwentando yesininzi kwanokuqiqa ngeenkululeko ezathi zazuzeka ngenxa yoku kuzinikela. Kodwa ke inkululeko ayiyoyopolitiko nje kuphela; ikwayeyenkcubeko, eyolwimi kwaneyokuzivakalisa. KuMzantsi Afrika ozisebenzisa ngokwenene iilwimi ezahlukeneyo, akukho lwimi luya kukhutshelwa ngaphandle, yaye akukho bani uya kushiywa ngemva.
IiLwimi ziluLutho! Umhla wokuBhiyozela iiLwimi zeeNkobe weHlabathi wowama2025
Ngaphakathi kwiilwimi zoluntu kukho iinkcubeko, iimbali nokutyhila ukuba abantu abathetha ezo lwimi bangoobani na. Xa ulwimi luduka, kulahleka indlela ethile yokucinga, nobaliso lwamabali kunye nokuqondwa kwehlabathi unomphelo. ULwesihlanu wama21 kweyoMdumba uphawula iminyaka engama25 wesikhumbuzo soMhla wokuBhiyozela iiLwimi zeeNkobe weHlabathi (IMLD), osisikhumbuzo esenziwa kwihlabathi lonke qho ngonyaka ukukhuthaza ulwaziso loluntu malunga neelwimi ngeelwimi neenkcubeko ngenkcubeko nokukhulisa ukusetyenziswa kweelwimi ngeelwimi. Ingaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni ngowama21 kweyoMdumba 1952 ngexa abafundi beBengali, eEast Pakistan (ebizwa iBangladesh ngoku) beqhankqaleza ukuthathelwa ingqalelo kweBengali njengolwimi olusemthethweni?
Ukujonga emva ngoSuku lweNkululeko: Ulwimi, ukuvakalisa izimvo kunye noxanduva
Iilwimi zethu zeenkobe: Sifumana ntoni thina?
Umhla wama21 kweyoMdumba luSuku lweeLwimi zeeNkobe kuMazwe ngaMazwe. Ingaba ubusazi ukuba ungasebenzisa ulwimi lwakho lweenkobe njengendawo yakho yokuma uthi tsii gxada yasengqondweni?








