Isenzo sokutolika intetho esuka kolunye ulwimi iye kolunye kwilizwekazi iAfrika, njengakuyo nayiphi na enye indawo, isusela kumawaka eminyaka eyadlulayo.
Kuluntu oluninzi lwase-Afrika, abasebenzi-ngeelwimi abaqeqeshiweyo okanye iimbongi …
Zininzi gqitha iindidi zeenkululeko
“Andizange ndayazi kwa into yokuba loo nkululeko yobuqu ikhona, kuba zange ndayingcamla ngaphambili.”
ULiselotte Voets, ngumfundi waseBelgium ofunda kweli evela eKU Leuven (iYunivesithi yamaKatolika yaseLeuven) owatyelela iSU kunyaka ophelileyo njengenxalenye yokufundela kwakhe isidanga seemastazi kwifilosofi, wangena kwikhosi yesiAfrikaans yabafundi abathetha isiDatshi kwiZiko loLwimi ngoxa wayeseMzantsi Afrika. Ngelokubhiyozela uSuku lweNkululeko nge27 Epreli, uye wabelana nathi ngeengcamango zakhe ngenkululeko, ngesiAfrikaans, kodwa ziguqulelwe esiXhoseni apha ngezantsi.
Ulwimi lwenkobe, ulwimi lwentliziyo
Usuku loLwimi lweNkobe: Usuku olunikezelwe kulwimi apho iingcinga zethu zokuqala ziye zathethwa ngomlomo-lilizwe esisenakho ukukholelwa kulo. Sahlukile kakhulu, kodwa le yinto esabelana ngayo sonke. Ulwimi lwenkobe lomntu luthathwa njengolwimi aluve…
Read More 




