Tag: interpreting

uSuku lwe Afrika ka2023: IAfrika yethu, ikamva lethu

Inyanga kaCanzibe iqatshelwa njengenyanga yobu-Afrika.

Olona suku lobuAfrika lubhiyozelwa ngomhla wama25 kuCanzibe – kulo nyaka kuza kwenziwa isikhumbuzo seminyaka engama-60 sokusekwa koMbutho woManyano lobuAfrika (Organisation of African Unity) (ngoku owaziwa njengoMbutho wobuAfrika) owasekwa ngomhla wama-25 kuCanzibe ngo-1963. Ngolu suku, iinkokheli zamazwe angama30 kumazwe angama-32 ase-Afrika azimeleyo atyikitya umqulu e-Addis Ababa, eYutopiya, zenza isifungo sokukhuthaza ukwakhiwa kobuzwe ngendlela yomanyano nenkululeko kwingcinezelo.

Kule nyanga, iZiko leeLwimi likhethe ukugqamisa iindima ezibalulekileyo ezithe zadlalwa zitoliki kwilizwekazi i-Afrika ukukhawulelana neengxaki zokungavani ngokweelwimi, ukusuka kubasebenzi-ngeelwimi abaqeqeshiweyo neembongi zeentlanga ngeentlanga zoluntu lwaseAfrika ukuza kwiitoliki zale mihla ezichophela ukwakhiwa kobuzwe zize zibonelele ngofikelelo kwiinkonzo ngokutolika kwiipalamente zezizwe, iinkomfa, iinkundla zamatyala nezibhedlele. Kwaye, neetoliki zezemfundo ezenza kube nokwenzeka ukuba abahlohli abakwiiYunivesithi bavakale ngolwimi lwesiAfrikansi, lwesiNgesi, lwesiXhosa noLwimi lokuthetha ngeZandla loMzantsi Afrika.

Isenzo sokutolika intetho esuka kolunye ulwimi iye kolunye kwilizwekazi iAfrika, njengakuyo nayiphi na enye indawo, isusela kumawaka eminyaka eyadlulayo.

[us_hwrapper]

Kuluntu oluninzi lwase-Afrika, abasebenzi-ngeelwimi abaqeqeshiweyo okanye iimbongi zazikuludwe olude lwezithethi ezinesipho sokuthetha iilwimi ezahlukahlukenyo nezazisenza imibongo kwimisitho yoluntu ebalulekileyo ukubhiyozela izenzo zoloyiso neempawu zobungangamsha kwinkosi nezinyanya zayo.”

[/us_hwrapper]

Ubugcisa bomlomo bee-groits (‘iimbongi zesintu’) zaseNtshona Afrika neembongi (‘praise singers’) zaseMazantsi Afrika busaqhubekeka nanamhlanje, nalapho iimbongi zisebenza njengabasasazi kwezopolitiko.

Ukuviwa kwamatyala kwiKomishoni yeNyaniso noXolelaniso (Truth and Reconciliation Commission) ukususela ngo-1996 ukuya ku-1998 kwaba lithuba lokuqala lokuba abemi boMzantsi Afrika abaninzi baqhelane nemimangaliso yokutolikwa kwentetho ngaxesha-linye nokwenziwa kwayo ngeelwimi ezilishumi elinanye ezisemthethweni zoMzantsi Afrika. Iitoliki zazichophela uxolelaniso ngelixa lokuviwa kwamatyala kwiKomishoni yeNyaniso noXolelaniso. Ukususela ngoko, ziye zaqhubekeka ngokuncedisa ekwakhiweni koMzantsi Afrika njengesizwe kuwisomthetho lwesizwe nolwamaphondo, iintlanganiso zamabhunga oomasipala neenkomfa. Abanye abaqeshi abakhulu beetoliki eAfrika baquka uMbutho wobuAfrika (African Union), iPalamente yama-Afrika oMthonyama, i-UNON (iOfisi eseNairobi yeZizwe eziManyeneyo), i-SADC (uPhuhliso loLuntu lwaseMzantsi Afrika) neBhanka yoPhuhliso lweAfrika (African Development Bank).

Kwihlabathi lonke jikelele, iitoliki zolwimi lokuthetha ngezandla zaziwa ngobuchule bokufikelela ngemfundo kubafundi abanokhubazeko lokungeva, kodwa into engaziwa kangako kukuba iitoliki zeelwimi ezithethwa ngomlomo nazo zinakho ukwenza okufanayo ngokujoliswe kubafundi abevayo. IiYunivesithi eziliqela zoMzantsi Afrika zenza ukuba izifundo zaseyunivesithi zifikeleleke kubafundi abangaziva bekhululekile kulwimi ekufundiswa ngalo. ESU, iitoliki zethu zezemfundo zisebenza ngesiAfrikansi, isiNgesi, isiXhosa noLwimi lokuthetha ngeZandla loMzantsi Afrika.

Siyayibhiyozela indima edlalwe ziitoliki kwiminyaka edlulileyo ukunceda iAfrika nabantu bayo ukuba baqhagamshelane futhi baphumelele. SiliZiko leeLwimi sizithatha njengabanenyhweba njengoko siyinxalenye yelo bali.

Ukuba uyitoliki esebenza eAfrika, nceda wabelane ngebali lakho. Sithumele i-imeyili kule dilesi taalsentrum@sun.ac.za.

Umthombo: Wallmach, K. 2015. Africa. In Pöchhacker, F. (ed.) Encyclopaedia of Interpreting Studies. London: Routledge.

NgoGqr Kim Wallmach, uMlawuli weZiko leeLwimi; ulwimi luguqulwe nguSipumeze Mrwetyana noZama Bekeweni

Tags: , , , , , , , , ,

Utoliko kwi-Woordfees

Ukuba iliso lakho besele lidibene nencwadana ye-Woordfees yalo nyaka – nje ngabalandeli be-Woordfees abaninzi – ungabe ubukhe wadibana nentengiso yeZiko leeLwimi kunye neengcebiso zokubuza indlela ngesiXhosa. Elo phepha liphela ngentetho ethi “Izinto ezinkulu ziyenzeka xa usebenzisana nathi.” Kambe i-Woordfees isebenzisana nathi ngokwenene kwakhona kulo nyaka – ukwenza isiqinisekiso sokuba utoliko lwangaxesha-linye lusilungele isiphithiphithi esiluthotho lweengxoxo.

I-Woordfees iyaqala ngomhla we-5 kweyoKwindla kulo nyaka kwaye, ngaphandle kwemisitho yethiyetha, ababhali nomculo, kuza kubanjwa neeseshoni ezahlukahlukeneyo nalapho usomlomo eza kukhuthaza abaphulaphuli ukuba babe yinxalenye yeengxoxo. Kwaye ukutyebisa la mathuba onxibelelwano, iitoliki zeZiko leeLwimi ziza kubakho kwiiseshoni eziliqela kwezi ukuze zitolike – simahla – (ingakumbi) zitolikela kwisiNgesi okanye kwisi-Afrikansi.

U-Edward de Kock, omnye weetoliki zeZiko leeLwimi, uya kukhumbula ukuqalwa kweli phulo ngo-2018: “Yaba sisicelo esithabathekisayo kwaye esenza imincili. Kwakubakho uthotho lweengxoxo ezazisenzeka yonke imihla ententeni phambi kwe-Wilgenhof. Kwaye kwafuneka ukuba sifumane isitulo eside sepikniki, sigqithise izixhobo zotoliko size sitolike bonke obo bungqina bunika umdla kwaye buchukumisayo – size siphikisane nokulangazelela kwethu ukungabandakanyeki ngokunokwethu! Ukutolikela i-Woordfees kube lithuba endililangazelela ngokwenene.”

Utoliko aluyi kwenzeka kuzo zonke iiseshoni zeengxoxo ngenxa yezizathu zocwangciso kodwa akhona amathuba okuba ungadibana netoliki endaweni ethile ngexesha elithile. Qaphela abantu abaphethe ibhokisi yezixhobo, abadla ngokuba kufuphi neqonga, nabavamise ukuba noncumo olukhulu. Yiza uzokubulisa – kwaye uyisebenzise le nkonzo yasimahla. Uyonwabele i-Woordfees!

 

Wagging tongues and interpreting at the Woordfees
Tags: , ,

Indibaniso entle yamava kweyona yunivesithi indala kunazo zonke kwihlabathi

USanet de Jager, oyitoliki yeZiko lezeeLwimi, uye wathabatha inxaxheba kwiprowujekthi yeYunivesithi engokhenketho, ekunjongo yayo ikukuba abafundi nabasebenzi base-SU bathabathe inxaxheba kwiinkqubo ezingotshintshelwano kwinqanaba lehlabathi liphela. USanet uchithe iinyanga ezintathu kwiYunivesithi yaseBologna e-Italy, kwaye siye ke sadlana iindlebe kunye naye saze samcela ukuba asixelele kabanzi ngohambo lwakhe.

Kwenzeke njani konke oku?
“Ndiqale ukuva ngolu tshintshelwano ngomlawuli wethu, uGqr Kim Wallmach, ngelixa lentlanganiso engophando-nzulu olujoliswe kwimicimbi yezeeNkonzo zoToliko. Ndiye ndafaka isicelo sotshintshelwano lwe-Erasmus+ kwi-Ofisi yeHlabathi Jikelele kwaze kwathi emva kwesithuba senyanga, ngekaCanzibe (Meyi) 2019, ndazifumana ndingqongwe yimbali, ubutyebi bezophando-nzulu kunye neekofu zohlobo lwe-espresso ezixabisa iyuro enye nge-espresso nganye. Indima yam kolu tshintshelwano ibikabini: Ndiye nje ngetoliki yeZiko lezeeLwimi (LC) ukuze ndakhe ubuhlobo obuluqilima nokuze nditshintshelane ngolwazi olumalunga nomsebenzi, ndabe ndikwaye nje ngomfundi ukuze ndenze uphando-nzulu lwam lwee-Mastasi kumsebenzi woGuqulo lweeLwimi, nolugxile ngokukodwa kumahluko phakathi kwethoni yentetho etolikwayo nentetho eqhelekileyo.”

Ubuzinze phi?
“ISebe lezoToliko noGuqulo lweeLwimi (DIT) lakwiYunivesithi yaseBologna lifumaneka kwidolophu iRomanesque yaseForlì malunga nohambo ngololiwe lweyure ukusuka eBologna. Yeyona ndawo ke bendiyibiza ngekhaya leyo. Ekuncokoleni kwam nomququzeleli wam uProfesa Mariachiara Russo, kuye kwandicacela ukuba ‘iipolitiki zezeelwimi’ akuyonto iphila eMzantsi Afrika kuphela. Le yunivesithi ifumana abafundi abaliqela abangotshintshelwano kwaye ngenxa yoko ezinye izifundo kule yunivesithi zihlohlwa ngolwimi lwesiNgesi – nto leyo inokuthi ixhomise amehlo kwilizwe elikhuthaza imfundo engeelwimi zenkobe kubemi balo.”

Ubusenza ntoni pha?
“Mna noGqr Wallmach sibe nenyhweba yokwabelana kunye nabo malunga nendlela iYunivesihi yaseStellenbosch (SU) ekhawulelana ngayo nomba wosetyenziso lweelwimi ngeelwimi nokuba i-LC ibonelela kanjani na ngezisombululo ezineenkalo ngeenkalo kwimingeni yezeelwimi, nalapho esinye sezo zisombululo ikukutolika ngokufundisayo. Ndiye ndathetha ngemisebenzi yemihla ngemihla yetoliki efundisayo, ndabelana ngeendlela esivavanya ngazo umsebenzi, uqeqesho lwethu, iishedyuli kwakunye nophando-nzulu lwethu lwakaloku nje malunga nomsebenzi wetoliki. Abe-DIT babonakele benomdla ngokukodwa kwiiNkonzo zethu zoToliko, kangangokuba uProfesa Russo uye wandwendwela i-SU ekupheleni kweyeKhala (Julayi) ukuze azibonele ngokwakhe olu toliko lungokufundisayo nokuze aphande ubungakanani bokukwazeka kokusungulwa kweprowujekthi eyinzame engotoliko kwiYunivedsithi yaseBologna ngaphakathi kwi-DIT.”

A mosaic of experiences at the oldest university in the world
Tags: , , , , , , ,