USuku lweNkululeko lusimemela ekuhlonipheni ukuzinikela okuthe kwenziwa kwihambo yethu esingise kwinkqubo yolawulo lwentando yesininzi kwanokuqiqa ngeenkululeko ezathi zazuzeka ngenxa yoku kuzinikela. Kodwa ke inkululeko ayiyoyopolitiko nje kuphela; ikwayeyenkcubeko, eyolwimi kwaneyokuzivakalisa. KuMzantsi Afrika ozisebenzisa ngokwenene iilwimi ezahlukeneyo, akukho lwimi luya kukhutshelwa ngaphandle, yaye akukho bani uya kushiywa ngemva.
Ukujonga emva ngoSuku lweNkululeko: Ulwimi, ukuvakalisa izimvo kunye noxanduva
USpiderman watsho kanye ngqo apho kufele khona ithole xa wayesithi “ngamandla amakhulu kuza uxanduva olukhulu”. Kukwanjalo ke nangenkululeko, njengoko uEleanor Roosevelt watsho ngokufanelekileyo: Inkululeko iza noxanduva. Ngelixa sisadla amazimba, sifunda…
Read More Zininzi gqitha iindidi zeenkululeko
“Andizange ndayazi kwa into yokuba loo nkululeko yobuqu ikhona, kuba zange ndayingcamla ngaphambili.”
ULiselotte Voets, ngumfundi waseBelgium ofunda kweli evela eKU Leuven (iYunivesithi yamaKatolika yaseLeuven) owatyelela iSU kunyaka ophelileyo njengenxalenye yokufundela kwakhe isidanga seemastazi kwifilosofi, wangena kwikhosi yesiAfrikaans yabafundi abathetha isiDatshi kwiZiko loLwimi ngoxa wayeseMzantsi Afrika. Ngelokubhiyozela uSuku lweNkululeko nge27 Epreli, uye wabelana nathi ngeengcamango zakhe ngenkululeko, ngesiAfrikaans, kodwa ziguqulelwe esiXhoseni apha ngezantsi.





