Tag: Educational interpreting

UToliko ngeintanethi eklasini – ngoku olungena magingxigingxi!

Ngaba imodyuli yakho iyalusebenzisa utoliko, okanye ungathanda ukusebenzisa ukutolika kwimodyuli yakho? Ootoliki beNkonzo yokuTolika yeZiko leeLwimi le-SU bayafumaneka kwi-intanethi ukuze batolikele abafundi abangathanda ukusebenzisa le nkonzo.

Kwisimestha yesibini, sizame ukuyenza lula le nkqubo kwaye ingabina kuxakekiswa lulawulo. Ukwenza oku, iNkonzo yokuTolika yiyo eya kucwangcisa zonke iiseshoni zesiNgesi, zesiAfrikaans nezesiXhosa (apho kufanelekileyo) eziyimfuneko xa kutolikwa kwiMS Teams.

Nceda ufunde ezi nkcukacha zilandelayo ngononophelo ukuze uqinisekise ukuba imodyuli yakho qinisekileyo ifakiwe kwithayimthebhile yethu.

Yintoni etshintshileyo?

  • Akusekho mfuneko yokuba uzicwangcise ngokwakho naziphi na iintlanganiso. Iqela leNkonzo yokuTolika lilo eliya kucwangcisa zonke iintlanganiso eziyimfuneko ukwenzela ukuba ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho umenywe ngokunjalo, ukuze ube nokufikelela ngokupheleleyo.
  • Kuya kubakho ilinki enye kuphela yolwimi ngalunye (isiAfrikaans kunye/okanye ne(i)siXhosa) kwiiseshoni ezitolikwayo eziya kuthi zisetyenziswe ngabafundi kwiklasi nganye phakathi evekini. Oku kuthetha ukuba kufuneka ubeke ilinki enye kuphela kwiSunLearn kube kanye. Abafundi abayi kuba nakufikelela kurekhodisho lwentlanganiso okanye kwincoko xa bephumile kwiseshoni.
  • Uya kufumana ‘iKhithi yokuTolika’ eneelinki zeSunLearn, iikhowudi zeQR onokuzisebenzisa eklasini kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano zikatoliki wonxibelelaniso ejongene nemodyuli yakho.
  • Kufuneka uqinisekise ukuba zifakiwe iinkcukacha zeeseshini ezicwangcisiweyo ngokwamkela izimemo zentlanganiso kwaye uphendule i-imeyile utoliki wakho wonxibelelaniso akuthumelele yona. Imodyuli iya kufakwa kwithayimthebhile yethu kuphela xa uthe waqinisekisa ukuba iinkcukacha zezakho.

Yintoni esafanayo?

  • Usenofikelelo olupheleleyo kwiMS Teams neemvume zokungena kuzo zonke iintlanganiso.
  • Usenako ukuma uqalise ukurekhoda iseshoni yesiNgesi – ngamanye amagama, isifundo sakho – uzidawunlowudele irekhodi leyo usenzela ezakho iinjongo. Abafundi abayi kuba nokufikelela kwez rekhodi ngaphandle kokuba kuvunywe nguwe oko.
  • Usenokwenza isigqibo sokuba ootoliki kufuneka basirekhode kusini na isifundo esitolikiweyo – asisokuze sizirekhode izifundo ngaphandle kwemvume yakho. Unakho ukuzidawunlowudela isifundo esitolikiweyo usenzela iinjongo zakho. Abafundi abayi kuba nokufikelela kwez rekhodi ngaphandle kokuba kuvunywe nguwe oko.
  • Usenako ukubeka iliso kuhanjo lweklasi. INkonzo yokuTolika iya kuqhubeka nokugcina ingxelo yabafundi abasebenzisa inkonzo yethu kwaye inokwenza ukuba olu luhlu ube nako ukulufumana. Icebiso: Qinisekisa ukuba abafundi bakho bayayiqonda into oyithethayo xa usithi “ukuhamba iklasi”, ukuba oku kuyimfuneko kwimodyuli yakho – umzekelo, ukuba bafanele ukuba babekho buqu eklasini OKANYE banokusimamela ngaxeshanye kwi-intanethi isifundo.
  • Abafundi ufuneka ubanike ilinki okanye ikhowudi yeQR ye(yee)seshoni e(ezi)tolikiweyo oko ukwenza kwiSunLearn okanye naseklasini. Ukuqinisekisa ukusetyenziswa okufanelekileyo koMgaqonkqubo weeLwimi, bonke abafundi kufuneka bafikelele ekutolikeni ngawo onke amaxesha kwiimodyuli ezibekelwe ukutolika ngokwesicwangciso sophumezo lolwimi lwefakhalthi yakho.

Yintoni onokuyilindela ngaphambi kokuqala kwesimestha?

  • Zonke iiseshoni ezifunekayo ukwenza ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho ziya kucwangciswa ngowe1 kuFebruwari 2024.
  • Uya kufumana i-imeyile evela kutoliki wakho yonxibelelaniso kunye neKit yakho yokuTolika ngowe6 kuFebruwari 2024. Nceda uqinisekise ukuba uzifumene iinkcukacha zeeseshoni ezicwangcisiweyo ngokwamkela izimemo zentlanganiso nangokuphendula utoliki wakho yonxibelelaniso ngeye12:00 ngowama8 kuFebruwari 2023. Nceda wenze ilinki ifumaneke kwiSunLearn okanye uchazele utoliki wakho wonxibelelaniso ngendlela oya kuqinisekisa ngayo ukufikelela kwabo bonke abafundi ekutolikeleni oko ukwenze kungadlulanga intsimbi ye12:00 ngowama8 kuFebruwari 2024.

Kuthekani ukuba ufuna ukuzicwangcisa ngokwakho iintlanganiso?

Indlela emiselweyo ngoku iya kuba yeyokuba iNkonzo yokuTolika icwangcise zonke iintlanganiso ezifunekayo ukwenza ukutolika kwenzeke kwimodyuli yakho. Ukuba ungathanda ukuzicwangcisa iintlanganiso ngokwakho, okanye ukuba ungathanda ukuba iintlanganiso zimiselwe ngendlela ethile (umzekelo,  ukurekhoda kuqale ngokuzenzekelayo kwiseshoni yesiNgesi), nceda usazise ngowe6 kuFebruwari 2024.

Sijonge phambili kwenye isemestha yokusebenzisana kakhulu!

Ukuba ungathanda ukwazi ngakumbi malunga nokutolika, okanye ukuba ungathanda ukucela ukutolika kwimodyuli yakho, nceda uqhagamshelane noChristine Joubert okanye undwendwele iphepha lewebhu leNkonzo yokuTolika.

Tags: , , ,

uSuku lwe Afrika ka2023: IAfrika yethu, ikamva lethu

Inyanga kaCanzibe iqatshelwa njengenyanga yobu-Afrika.

Olona suku lobuAfrika lubhiyozelwa ngomhla wama25 kuCanzibe – kulo nyaka kuza kwenziwa isikhumbuzo seminyaka engama-60 sokusekwa koMbutho woManyano lobuAfrika (Organisation of African Unity) (ngoku owaziwa njengoMbutho wobuAfrika) owasekwa ngomhla wama-25 kuCanzibe ngo-1963. Ngolu suku, iinkokheli zamazwe angama30 kumazwe angama-32 ase-Afrika azimeleyo atyikitya umqulu e-Addis Ababa, eYutopiya, zenza isifungo sokukhuthaza ukwakhiwa kobuzwe ngendlela yomanyano nenkululeko kwingcinezelo.

Kule nyanga, iZiko leeLwimi likhethe ukugqamisa iindima ezibalulekileyo ezithe zadlalwa zitoliki kwilizwekazi i-Afrika ukukhawulelana neengxaki zokungavani ngokweelwimi, ukusuka kubasebenzi-ngeelwimi abaqeqeshiweyo neembongi zeentlanga ngeentlanga zoluntu lwaseAfrika ukuza kwiitoliki zale mihla ezichophela ukwakhiwa kobuzwe zize zibonelele ngofikelelo kwiinkonzo ngokutolika kwiipalamente zezizwe, iinkomfa, iinkundla zamatyala nezibhedlele. Kwaye, neetoliki zezemfundo ezenza kube nokwenzeka ukuba abahlohli abakwiiYunivesithi bavakale ngolwimi lwesiAfrikansi, lwesiNgesi, lwesiXhosa noLwimi lokuthetha ngeZandla loMzantsi Afrika.

Isenzo sokutolika intetho esuka kolunye ulwimi iye kolunye kwilizwekazi iAfrika, njengakuyo nayiphi na enye indawo, isusela kumawaka eminyaka eyadlulayo.

[us_hwrapper]

Kuluntu oluninzi lwase-Afrika, abasebenzi-ngeelwimi abaqeqeshiweyo okanye iimbongi zazikuludwe olude lwezithethi ezinesipho sokuthetha iilwimi ezahlukahlukenyo nezazisenza imibongo kwimisitho yoluntu ebalulekileyo ukubhiyozela izenzo zoloyiso neempawu zobungangamsha kwinkosi nezinyanya zayo.”

[/us_hwrapper]

Ubugcisa bomlomo bee-groits (‘iimbongi zesintu’) zaseNtshona Afrika neembongi (‘praise singers’) zaseMazantsi Afrika busaqhubekeka nanamhlanje, nalapho iimbongi zisebenza njengabasasazi kwezopolitiko.

Ukuviwa kwamatyala kwiKomishoni yeNyaniso noXolelaniso (Truth and Reconciliation Commission) ukususela ngo-1996 ukuya ku-1998 kwaba lithuba lokuqala lokuba abemi boMzantsi Afrika abaninzi baqhelane nemimangaliso yokutolikwa kwentetho ngaxesha-linye nokwenziwa kwayo ngeelwimi ezilishumi elinanye ezisemthethweni zoMzantsi Afrika. Iitoliki zazichophela uxolelaniso ngelixa lokuviwa kwamatyala kwiKomishoni yeNyaniso noXolelaniso. Ukususela ngoko, ziye zaqhubekeka ngokuncedisa ekwakhiweni koMzantsi Afrika njengesizwe kuwisomthetho lwesizwe nolwamaphondo, iintlanganiso zamabhunga oomasipala neenkomfa. Abanye abaqeshi abakhulu beetoliki eAfrika baquka uMbutho wobuAfrika (African Union), iPalamente yama-Afrika oMthonyama, i-UNON (iOfisi eseNairobi yeZizwe eziManyeneyo), i-SADC (uPhuhliso loLuntu lwaseMzantsi Afrika) neBhanka yoPhuhliso lweAfrika (African Development Bank).

Kwihlabathi lonke jikelele, iitoliki zolwimi lokuthetha ngezandla zaziwa ngobuchule bokufikelela ngemfundo kubafundi abanokhubazeko lokungeva, kodwa into engaziwa kangako kukuba iitoliki zeelwimi ezithethwa ngomlomo nazo zinakho ukwenza okufanayo ngokujoliswe kubafundi abevayo. IiYunivesithi eziliqela zoMzantsi Afrika zenza ukuba izifundo zaseyunivesithi zifikeleleke kubafundi abangaziva bekhululekile kulwimi ekufundiswa ngalo. ESU, iitoliki zethu zezemfundo zisebenza ngesiAfrikansi, isiNgesi, isiXhosa noLwimi lokuthetha ngeZandla loMzantsi Afrika.

Siyayibhiyozela indima edlalwe ziitoliki kwiminyaka edlulileyo ukunceda iAfrika nabantu bayo ukuba baqhagamshelane futhi baphumelele. SiliZiko leeLwimi sizithatha njengabanenyhweba njengoko siyinxalenye yelo bali.

Ukuba uyitoliki esebenza eAfrika, nceda wabelane ngebali lakho. Sithumele i-imeyili kule dilesi taalsentrum@sun.ac.za.

Umthombo: Wallmach, K. 2015. Africa. In Pöchhacker, F. (ed.) Encyclopaedia of Interpreting Studies. London: Routledge.

NgoGqr Kim Wallmach, uMlawuli weZiko leeLwimi; ulwimi luguqulwe nguSipumeze Mrwetyana noZama Bekeweni

Tags: , , , , , , , , ,

Wamkelekile kweyethu imo yotoliko

Iwekhshophu yotokilo engamava – leyo yinto ethe yeza neqela lophandonzulu leeNkonzo zoToliko kwiZiko leeLwimi ukulungiselela iNkomfa yeYunivesithi yarhoqo ngonyaka engeMfundo ngokuFundisa nokuFunda (SoTL) ngowama-29 nangowama-30 kweyeDwarha. Wakhe wazibuza malunga nokwenzeka kubomi nexesha letoliki yezemfundo? Abasebenzi beYunivesithi abebezimase le nkomfa baye bazibophelela ukuba babekwe kwimeko apho bazakutolika kwiimeko zamagumbi okufundela ezingezizo ezokwenyani. Ezi meko zokuzenzisa bezinenjongo ethile eyodwa – ekukunika abathathi-nxaxheba amava okwenyaniso kumntu ngamnye buqu (kunye nesishwankathelo esincinci sentshayelelo) malunga neemfuno, iimvakalelo neenkqubo zengqiqo ezenzeka ngexesha lokutolika kwezemfundo okwenziwa ngaxeshanye nalowo uthethayo.

Nangona abathathi-nxaxheba baye bafumana inkxaso kubahlobo be-SU abaziitoliki ezinamava, inkxalabo ibicace gca ngelixa uEdward de Kock, umbonisi wokuqala, egadlela ngesiNgesi (ngesantya esifanelekileyo) ‘isifundo’ ngembali nebesizakutolikwa ngeAfrikansi. Abathathi-nxaxheba baye bazijula ijacu – amagama eziphumela eqengqeleka, kwakunye nokubhedulula amehlo, ukuphefumlela phezulu, ukuhleka kancinci ngenxa yexhala nokundumzela obekuthi kwenzeka xa kunzima ukufumana amagama afanelekileyo ngokukhawuleza. Ingxelo edlamkileyo ethe yalandela emva kweseshoni yokuqala yesifundo ibiquka amagama namabinzana afana nokuthi “ukuphosa igama nje elinye kundenze ndaphulukana nawo wonke umongo”, “uhlobo lwesigama lulo oluye lwandikhupha endleleni”, “andizange ndaqonda ukuba kunzima kangakanani” kwakunye nokuthi “nisithatha phi esi sigama?!”

Nangona ubumnandi nolonwabo belukhona ngethuba lale wekhshophu, yona ibingumcimbi ondilisekileyo. Abathathi-nxaxheba baye bafumana ukuyiqonda ngcono imingeni nobumnandi botoliko lwezemfundo, ubugcisa beqela lezotoliko kwiZiko leeLwimi kwakunye nokubaluleka kotoliko e-SU. Utoliko lusebenza njengohlobo lwenkxaso ngokujoliswe kwiilwimi, oluqulathwe kwiPhepha-nkqubo lezeeLwimi lase-SU, ukuncedisa abafundi abasokola ukuluqonda ngokufanelekileyo ulwimi ekuhlohlwa ngalo kumagumbi okufundela. Ngokusebenzisa utoliko bangatsho bafumane ukufikelela ngokupheleleyo koko kuqulethwe zizifundo ezo, bazuze ekugqithisweni kolwazi olunokuqondwa baze baxhamle ekudalweni kweengqweqwe ngeengqweqwe zentsingiselo.

 

Welcome to our interpreting world
Tags: , , , ,