Uyilo lokufunda jikelele: Ukudala ukufunda okufikelelekayo nokusebenzayo kumntu wonke

Ingaba zikhona iindlela ezinqumlayo ukuqinisekisa ukuba iikhosi esiziyilayo zithetha ngqo nabathathi nxaxheba? Kuyabonakala ukuba zikhona! Ingaba wakha weva ngoyilo lokufunda jikele (UDL)?
Xa sisebenzisa iUDL, injongo ephambili kukuyila iikhosi ezinokulungiselelwa zifanele elona nani liphezulu labafunda. Le posti yebhlog iza kuphanda nzulu ngemithethosiseko yeUDL neendlela ezisebenzayo zokuyisebenzisa iUDL ukuphucula ufikeleleko nokudala iikhosi ezibandakanyayo kunye nezisebenzisanayo.

Image 1: The different parts of the brain activated during learning
(Source: CAST (2018). UDL and the learning brain. Wakefield, MA. Retrieved from http://www.cast.org/products-services/resources/2018/udl-learning-brain-neuroscience)
Njengoko amaziko emfundo ephakamileyo azama ukwenza iimeko ezilungileyo nezibandakanyayo zabafundi, iUDL isetyenziswa njengendlela entsha yokudala amava okufunda afikelelekayo, abandakanyayo, aguquguqukayo kunye nasebenzayo kubafundi abanezakhono ezahlukeneyo. Ngeli lixa iUDL iqheleke ngokunxulumene nokuqinisekisa ukufikeleleka kubafundi abakhubazekileyo, ukusetyenziswa kwayo kubanzi kakhulu. I-UDL iyayiqonda into yokuba abafundi baneemfuno ezahlukeneyo, izinto abanomdla kuzo, abazithandayo, iindlela ezithile zokufunda,kwaye ineenjongo zokubonelela ngamathuba alinganayo kubo bonke abafundi. I-UDL sisikhokelo esixhaswa yingcinga yokuba bonke abafundi bohlukene kwaye baneemfuno ezithile. Ukubonelela ngeendlela ezithile zokumelwa, ukubonisa kunye nothethathethwano kwinkqubo yokufunda iya kuthi ngoko yenze imeko yokufunda ibandakanye ngakumbi kwaye ibe yesebenzayo.
Indlela yeUDL ikhuthaza ootitshala ukuba balungiselele ikharityhulam yabo ngokuthi balindele iimfuno zokufunda nokukhetha okubanzi kubafundi. Xa usebenzisa iUDL, injongo ephambili kukuyila iikhosi ezinokulungiselelwa ukuba zifanele elona nani liphezulu labafundi. Masikhe sigocagoce imithethosiseko yeUDL neendlela zokuyisebenzisa iUDL ukuphucula ukufikeleleka ekwenzeni iikhosi ezibandakanyayo nezisebenzisanayo.

Image 2: A screenshot of a course welcome message
UMthethosiseko 1: Iindlela ezininzi zokubonisa (‘intoni’ yokufunda)

Image 3: A screenshot of a lesson with video, audio, and transcript files
UMthethosiseko 2: Iindlela ezininzi zezenzo kunye nokubonakalisa (‘indlela yokufunda’)
UMthethosiseko 3: Iindlela ezininzi zothethathethwano (‘kutheni kufundwa’)
Ukusebenzisa imithethosiseko emithathu ngokwenza
- Bonelela ngomxholo wokubonwayo-nokuvakalayo (imibhalo kunye nezihloko) ukuxhasa abafundi abangevayo okanye abanobunzima bokuva ngokunjalo ukhetho lokuvakalayo nokubonwayo kumxholo obhaliweyo.
- Sebenzisa imizobo, i-infografikhi, kunye neetheyibhile ezinenkcazelo – umzekelo, imibhalo ephezulu kwimiqobo kunye neekholamu zeeseli ukuze ucinge ukuba itheyibhile zimele ntoni.
- Chaza imifanekiso usebenzise umbhalo oshunqulelweyo ukwenzela abafundi batolike ulwazi ngokuchanekileyo okanye ngendlela efanele ukuba lutolikwe ngayo. Kufuneka uqonde ngokwenkcubeko xa usebenzisa imifanekiso ukumela abantu abohlukeneyo.
- Sebenzisa iindlela zovavanyo ezininzi, kubandakanya neemvavanyo ezakhayo, uvavanyo olusekelwe kwiprojekhthi, ukuzivavanya, izincoko ezibhalwayo, iipotifoliyo ezidijithali iibhlogi, intetho yepowusta, kunye neengxelo zophando, ukwenzela ukuba abafundi babonise ukuqonda kwabo ngeendlela ezibasebenzelayo bona. Impendulo efika ngexesha neyakhayo ikhokelela kwinkqubela phambili yabafundi kwaye ixhasa ukufunda kwabo.
- Bonelela ngemisebenzi ebavumela bathathe inkxaxheba, benze uphando kunye nokucamngca.
- Nika imisebenzi emininzi eza kukhuthaza ukuzibandakanya kwabafundi, enjengengxoxompikiswano, ukulinganisa, imizekelo yokudlala indima, ukwenza ukufunda kube nothethathethwano, iiforamu zeMoodle okanye iWikis zinakho ukusetyenziswa.
- Nika abafundi imiyalelo emibini okanye ngaphezulu kwaye ubacele baphendule komnye.
- Bonelela ngamathuba okukhetha ukufunda ngaphezulu kwesihlandlo esinye kwaye ubavumele ukuba bakhethe ukuba ngowuphi umbhalo abawufundileyo abaza kuthethathethana ngawo.
- Nika imiyalelo engathandabuzekiyo necacileyo kunye neenkcukacha. Thetha ngokungathandabuzekiyo nangokucacileyo okulindelekileyo kubafundi.
- Bonelela ngemizekelo yemisebenzi yabafundi enamanqaku okanye iisampulu zokusebenza.
- Sebenzisa isixhobo sokuHlela uMbhalo (iiBhokisi zoMbhalo) kwiinkqubo zolawulo lokufunda ozisebenzisayo kumxholo weekhosi zeintanethi. Namathelisa kwifomathi eyakhelwe ngaphakathi (umz. izihloko, uluhlu olucwangcisiweyo)
- Qinisekisa ukuba into nganye efunekayo kwiphepha lekhosi iyakwazi ukuya phambili ngokusetyenziswa kwekhibhodi ukwenzela abafundi abaneengxaki zamalungu omzimba abangakwaziyo ukusebenzisa imawusi. Landelelanisa ulandelwano lokufunda ngokufanelekileyo.
- Sebenzisa isicatshulwa somyalelo ukuququzelela abafundi ngotshintsho. Siqhagamshela imathiriyeli eyahlukeneyo kunye nemisebenzi.
- Sebenzisa umbhalo we-hyperlink onentsingiselo, nochazayo, (endaweni yokupeyista iURL).
- Bonelela ngothelekiso olwaneleyo phakathi kombhalo kunye nemibala ewungqongileyo ukwenzela abasebenzisi ababona kancinci okanye abo banobumfama kwimibala. Sebenzisa isithelekisimahluko esinje ngeWebAim.
- Sebenzisa iindlela ezininzi zovavanyo, kubandakanya uvavanyo olwakhayo, uvavanyo olusekelwe kwiprojekhthi kunye nokuzivavanya ukuze abafundi babenakho ukubonisa ukuqonda kwabo ngendlela ezibasebenzelayo. Impendulo ekhawulezayo neyakhayo ikhokelela kwinkqubela phambili yabo nokuxhasa ukufunda kwabo.
I-UDL sisikhokelo esibalulekileyo sokudala imfundo efikelelekayo nesebenzayo eluncedo kubo bonke abafundi. I-UDL ikhuthaza abahlohli ukuba babonelele ngeendlela ezininzi ukuze abafundi bafumane ulwazi malunga nendlela ulwazi olunikezelwa ngayo, ngokunjalo neendlela ezahlukeneyo abanokuzithatha ukubonisa ukuba bafunde ntonina.
Ngokusebenzisa imithetho-siseko emithathu yeUDL, abahlohli banakho ukudala iimeko zokufunda eziguquguqukayo, ezibandakanyayo neziqukayo. Ngale ndlela iimfuno ezahlukeneyo zabafundi kunye neendlela zokufunda zabo bonke abafundi zinokubonelelwa kwaye, ngokwenza njalo, thina njengabahlohli kunye nootitshala sikhuthaza ukuzibandakanya kunye nempumelelo.
Uvuselelekile? Ukufumana ulwazi oluthe kratya malunga neUDL kunye nokufikelela kwisikhokelo esipheleleyo unakho ukundwendwela: www.cast.org
– ngu-Fatima Halday
References:
CAST. 2018. UDL and the learning brain. Wakefield, MA. Retrieved from http://www.cast.org/products-services/resources/2018/udl-learning-brain-neuroscience
Howard, J. B. 2003. Universal design for learning: An essential concept for teacher education. Journal of Computing in Teacher Education, 19(4), 113-118.
Kurtts, S. A. 2006. Universal design for learning in inclusive classrooms, Electronic Journal for Inclusive Education, 1 (10).
McKenzie, J. A., & Dalton, E. M. 2020. Universal design for learning in inclusive education policy in South Africa. African Journal of Disability, 9, 776. Available: doi.org/10.4102/ajod.v9i0.776
Meyer, A., Rose, D.H. & Gordon, D. 2014. Universal design for learning: Theory and practice, CAST Professional Publishing, Wakefield, MA.
Rose, D.H., Gravel, J.W. and Gordon, D.T. 2014. Universal design for learning, The SAGE Handbook of Special Education: Two Volume Set, pp. 475–489. Available: doi:10.4135/9781446282236.n30.
